YouVersion Logo
Search Icon

ISITYHILELO 2

2
Incwadi kwibandla lase-Efese
1Isithunywa sebandla elise-Efese, sibhalele uthi:
Utsho lowo uzibambileyo iinkwenkwezi ezisixhenxe ngesokunene sakhe, lowo uhambayo phakathi kweziphatho zezibane zosixhenxe zegolide, ukuthi: 2Ndiyayazi imisebenzi yakho, nokubulaleka kwakho, nomonde wakho, nokuba ungenako ukubathwala abanobubi; nokuba wabalinga abathi bangabapostile,• bengengabo, wabafumana bengamaxoki. 3Ùthwele, unomonde; uthe ngenxa yegama lam wabulaleka, akwadinwa.
4Noko ke ndinale nto ngakuwe, yokuba uthando lwakho lokuqala walushiyayo. 5Khumbula ngoko apho uwé usuka khona, uguquke, wenze imisebenzi yokuqala; okanye ndoza kuwe kamsinya, ndisishenxise isiphatho sesibane sakho endaweni yaso, ukuba akuthanga uguquke. 6Kodwa ùnale ndawo, yokuba uyithiyile imisebenzi yamaNikolawo, endiyithiyileyo nam.
7Lowo unendlebe, makayive into ayithethayo uMoya kuwo amabandla. Lowo weyisayo ndiya kumnika ukuthi adle kumthi wobomi, ophakathi kweParadisi• kaThixo.
Incwadi kwibandla laseSmirna
8Isithunywa sebandla eliseSmirna, sibhalele uthi:
Utsho lowo ungowokuqala, ungowokugqibela, owayefile, waza wabuya wadla ubomi, ukuthi: 9Ndiyayazi imisebenzi yakho, nembandezelo, nobuhlwempu (noko usisityebi), nonyeliso lwabo bathi bangamaYuda bona, bengengawo, besisikhungu sikaSathana. 10Musa ukoyika nabunye ubunzima oza kubuva. Yabona, uMtyholi uza kuyiphosa inxenye yenu entolongweni, ukuze nilingwe: niya kuba nembandezelo imihla elishumi; thembeka kude kube sekufeni, ndokunika isithsaba sobomi.
11Lowo unendlebe, makayive into ayithethayo uMoya kuwo amabandla. Lowo weyisayo akayi kukha oniwe kukufa kwesibini.
Incwadi kwibandla lasePergamo
12Isithunywa sebandla elisePergamo, sibhalele uthi:
Utsho lowo unalo ikrele elintlangothi mbini, elibukhali, ukuthi: 13Ndiyayazi imisebenzi yakho, nalapho uhleli khona, apho ikhona itrone kaSathana; nokuba ulibambé waliqinisa igama lam, akwakukhanyela ukukholwa kum, nasemihleni uAntipasi, owabulawelwa kuni, apho ahleli khona uSathana, wayelingqina lam elithembekileyo.
14Noko ke ndineendawana ngakuwe: ezi zokuba unabo apho abayibambe bayiqinisa imfundiso kaBhileham, owamfundisayo uBhalaki ukuphosa isikhubekiso phambi koonyana bakaSirayeli, ukuba badle izinto ezibingelelwe izithixo, benze nombulo. 15Ngokunjalo nawe unabayibambe bayiqinisa imfundiso yamaNikolawo, into leyo endiyithiyileyo. 16Guquka, okanye ndoza kuwe kamsinya, ndenze imfazwe nabo ngalo ikrele lomlomo wam.
17Lowo unendlebe makayive into ayithethayo uMoya kuwo amabandla. Lowo weyisayo ndiya kumnika ukuba adle kuyo imana efihlakeleyo, ndimnike ilitye elimhlophe; elityeni apho ke igama elitsha libhaliwe, lingàziwa bani ingenguye olamkelayo.
Incwadi kwibandla laseTiyatira
18Isithunywa sebandla eliseTiyatira, sibhalele uthi:
Utsho uNyana kaThixo, omehlo akhe anjengelangatye lomlilo, onyawo zakhe zifana nobhedu olubengezelayo, ukuthi: 19Ndiyayazi imisebenzi yakho, nothando, nolungiselelo, nokholo, nomonde wakho, nokuba imisebenzi yakho yokugqibela imininzi kuneyokuqala.
20Noko ke ndineendawana ngakuwe: ezi zokuba umvumela umfazi lowo uIzebhele, othi yena ungumprofetikazi, ukuba abafundise abalahlekise abakhonzi bam, ukuba benze umbulo, badle izinto ezibingelelwe izithixo. 21Ndamnika ixesha lokuba aguquke kuwo umbulo wakhe, akaguquka. 22Yabona, mna ndiya kumphosa elukhukweni, nabo bakrexeza kunye naye, embandezelweni enkulu, ukuba abathanga baguquke emisebenzini yabo; 23nabantwana bakhe ndibabulale ngokufa; azi onke amabandla ukuba mna ndingulowo uphengulula izintso neentliziyo, ndininike elowo ngokwemisebenzi yenu. 24Ndithi ke kuni, nakwabanye abaseTiyatira, abo bonke bangenáyo loo mfundiso, nabo abo bangazazanga iinzulu zikaSathana (njengoko batshoyo): andiyi kuphosa phezu kwenu mthwalo wumbi. 25Noko ke oko ninako kubambeni nikuqinise, ndide ndifike.
26Lowo weyisayo, lowo uyigcinayo imisebenzi yam, ade ase ekupheleni, ndomnika igunya phezu kwazo iintlanga. 27Uya kuzalúsa ngentonga yentsimbi, njengokuba izitya zomdongwe zityunyuzwa, njengokuba nam ndamkele kuye uBawo; 28ndiya kumnika ikhwezi lokusa. 29Lowo unendlebe, makayive into ayithethayo uMoya kuwo amabandla.

Currently Selected:

ISITYHILELO 2: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in