IINDUMISO 89
89
Umnqophiso kaThixo noDavide; ubudwayi bukaSirayeli
Eyokuqiqa kaEtan, umEzra.
1Iinceba zikaYehova ndiya kuvuma ngazo ngonaphakade,
Kwizizukulwana ngezizukulwana ndiya kwazisa ukuthembeka kwakho ngomlomo wam.
2Ngokuba ndithi, Yakheka ngonaphakade inceba;
Amazulu, úya kukuzinzisa kuwo ukuthembeka kwakho.
3Wathi, Ndenzé umnqophiso nomnyulwa wam,
Ndifungile kuDavide umkhonzi wam:
4Ndiya kuyizimasa ngonaphakade imbewu yakho,
Ndiyakhe itrone yakho kwisizukulwana ngesizukulwana. (Phakamisani.)
5Amazulu abulela imisebenzi yakho ebalulekileyo, Yehova,
Nokuthembeka kwakho ebandleni labangcwele.
6Ngokuba ngubani na esibhakabhakeni olingana noYehova?
Ngubani na ofana noYehova phakathi koonyana bakaThixo.
7UThixo ongowokungcangcazelelwa ebhungeni elikhulu labangcwele,
Ongofanelwe kukoyikwa ngaphezu kwabo bonke abamngqongileyo?
8Yehova, Thixo wemikhosi,
Ngubani na onjengawe, oluqilima, Yehova?
Ukuthembeka kwakho kukungqongile.
9Nguwena mlawuli wekratshi lolwandle;
Ekuphakameni kwamaza alo uyawadambisa.
10Nguwena mtyumzi kaRahabhi njengongxwelerhiweyo,
Wazithi saa iintshaba zakho ngengalo yakho eqinileyo.
11Lelakho izulu, likwalelakho ihlabathi;
Elimiweyo nenzaliseko yalo lasekwa nguwe.
12Umntla nomzantsi wadalwa nguwe;
ITabhore neHermon zimemelela ngegama lakho.
13Yeyakho ingalo enobugorha;
Síthe nkqi isandla sakho, siphakamile esokunene sakho.
14Ummiso wetrone yakho bubulungisa nokusesikweni;
Inceba nenyaniso ilungiselela phambi kwakho.
15Hayi, uyolo lwabantu abakwaziyo ukuduma!
Baya kuhamba ekukhanyeni kobuso bakho, Yehova.
16Baya kugcoba egameni lakho imini yonke,
Baphakame ngobulungisa bakho.
17Ngokuba isihombo samandla abo nguwe;
Ekuthandeni kwakho, uphondo lwethu luphakamile.
18Ngokuba ikuYehova ingweletshetshe yethu,
UkoyiNgcwele kaSirayeli ukumkani wethu.
19Wakha wathetha ngombono kowenceba wakho, wathi,
Ndibeké uncedo egorheni,
Ndiphakamisé indodana ebantwini.
20Ndifumene uDavide umkhonzi wam;
Ndimthambisile ngeoli yam engcwele,
21Esiya kuqinisela kuye isandla sam,
Nengalo yam imkhaliphise.
22Utshaba aluyi kumqubula;
Nonyana wobugqwetha akayi kumcinezela.
23Ndiya kubaqoba phambi kwakhe ababandezeli bakhe,
Ndibaxabele abamthiyayo.
24Inyaniso yam nenceba yam inaye;
Luya kuphakama uphondo lwakhe egameni lam.
25Ndiya kusisa elwandle isandla sakhe,
EMilanjeni• esokunene sakhe.
26Yena ukundibiza wothi, ÙnguBawo,
UnguThixo wam, neliwa lokundisindisa.
27Kananjalo mna ndiya kumenza owamazibulo,
Osenyangweni kookumkani behlabathi.
28Ndiya kumgcinela inceba yam ngonaphakade,
Umnqophiso wam unyanise kuye;
29Ndiyìmise ngonaphakade imbewu yakhe,
Netrone yakhe ibe njengemihla yamazulu.
30Ukuba bathe oonyana bakhe bawulahla umyalelo wam,
Àbahamba ngamasiko am;
31Ukuba bathe bayihlambela imimiselo yam,
Àbayigcina imithetho yam:
32Ndoluvelela ukreqo lwabo ngentonga,
Nobugwenxa babo ngemivumbo.
33Ke yona inceba yam andiyi kuyaphula kuye,
Ndingaxoki ekuthembekeni kwam.
34Andiyi kuwuhlambela umnqophiso wam,
Ndiyijike into ephume emlonyeni wam.
35Ndibufungé kwakanye ubungcwele bam, ndathi,
Inene, andiyi kumxokisa uDavide;
36Imbewu yakhe iya kubakho ngonaphakade,
Netrone yakhe njengelanga phambi kwam.
37Iya kuqiniseka njengenyanga ngonaphakade;
Ingqina lasesibhakabhakeni lithembekile. (Phakamisani.)
38Kwawena ùmhlambile, umcekisile,
Ùmphuphumele ngomsindo umthanjiswa wakho;
39Ùthe nèthe ngumnqophiso womkhonzi wakho;
Ùsidyobhile emhlabeni isithsaba sakhe.
40Ùzityhobozile zonke iintango zakhe,
Ùzenze inxuwa iinqaba zakhe.
41Bayamphanga bonke abadlula ngendlela,
Waba yingcikivo kubamelwane bakhe.
42Ùsiphakamisile isandla sokunene sabambandezelayo,
Ùzivuyisile zonke iintshaba zakhe.
43Wabuyisa nokubuyisa uhlangothi lwekrele lakhe,
Akwammisa emfazweni.
44Ùmsusile enkazimlweni yakhe,
Ùyikhahlele emhlabeni itrone yakhe,
45Ùyinqumle imihla yobutsha bakhe,
Wamthi wambu ngokudana. (Phakamisani.)
46Kunini na, Yehova, uhleli uzisithelisile,
Busitsha njengomlilo ubushushu bakho?
47Khumbula ukunqamka kwam, into okuyiyo!
Ubadaleleni na, baba yinto engento bonke oonyana babantu?
48Yiyiphi na indoda ehleliyo, engayi kukubona ukufa,
Enokuwusindisa umphefumlo wayo esandleni selabafileyo? (Phakamisani.)
49Ziphi na iinceba zakho zangaphambili, Nkosi yam,
Owamfungela zona uDavide ngokuthembeka kwakho?
50Khumbula, Nkosi yam, ukungcikiveka kwabakhonzi bakho;
Ndithwele esifubeni sam zonke izizwe ezininzi,
51Ezingcikivayo, ziziintshaba zakho, Yehova;
Ezingcikiva amanyathela omthanjiswa wakho.
52Makabongwe uYehova ngonaphakade. Amen, amen.
Currently Selected:
IINDUMISO 89: XHO75
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.