YouVersion Logo
Search Icon

IINDUMISO 68

68
Ingoma yoloyiso lukaThixo
Kumongameli; ekaDavide. Umhobe. Ingoma.
1Makasuk' eme uThixo, zibe ziintsali iintshaba zakhe,
Basabe ebusweni bakhe abamthiyayo.
2Njengokuphetshethwa komsi, báphephethe;
Njengokunyibilika komthwebeba phambi komlilo,
Mabadake ngokunjalo abangendawo ebusweni bukaThixo.
3Ke wona amalungisa makavuye, adlamke phambi koThixo,
Abe nemihlali, enemivuyo.
4Vumani kuThixo, libetheleni uhadi igama lakhe;
Menzeleni umendo ophakamileyo, ulokhwela ecanda ezinkqantosini,
Ogama lakhe linguYehova; nidlamke phambi kwakhe.
5Uyise weenkedama, umthetheleli wabahlolokazi,
NguThixo ekhayeni lakhe elingcwele.
6UThixo nguhlalisa endlwini ababebodwa,
Ngukhuphela enywebeni ababanjiweyo;
Ngabaziinjubaqa bodwa abahlala kwelibalelelweyo.
7Thixo, ekuphumeni kwakho úphambi kwabantu bakho,
Ekunyatheleni kwakho enkangala, (Phakamisani.)
8Lanyikima ihlabathi,
Lavuza izulu ebusweni bukaThixo,
ISinayi leya ebusweni bukaThixo, uThixo kaSirayeli.
9Walitshiza ngemvula eninzi yesisa sakho, Thixo, ilifa lakho;
Lakùbharha, walizimasa wena.
10Wahlala khona umhlambi wakho,
Wamlungisela olusizana ngokulunga kwakho, Thixo.
11INkosi iya kukhupha izwi elinamandla,
Ube mkhulu umkhosi weentokazi ezishumayela iindaba ezilungileyo.
12Ookumkani bemikhosi baya kusaba besabile;
Intokazi esele ekhaya iya kuwaba amaxhoba.
13Nakulala phantsi phakathi kweentlanti,
Noxelisa amaphiko evukuthu alekwe ngesilivere,
Neentsiba zalo ezalekwe ngegolide ebengezelayo.
14Ekubadubadubeni kukaSomandla ookumkani kulo,
Koba mhlophe ngowekhephu eTsalimon.
15Yintaba kaThixo intaba yaseBhashan,
Yintaba encopho zininzi intaba yaseBhashan.
16Niyigxeleshelani na, zintaba zincopho zininzi,
Intaba ayinqweneleyo uThixo ukuba ahlale kuyo?
Ewe, uYehova uya kuhlala kuyo ngonaphakade.
17Iinqwelo zokulwa zikaThixo zizigidi, ngamawaka-waka;
INkosi ikuzo; yiSinayi ebungcweleni,
18Ùnyuké waya phezulu, ùthimbe abathinjwa,
Ùthabathe izipho phakathi kwabantu,
Naphakathi kwabaziinjubaqa, ukuba ahlale uYehova uThixo khona.
19Mayibongwe iNkosi;
Ithwala imithwalo yethu imihla ngemihla;
NguThixo umsindisi wethu. (Phakamisani.)
20Yena uThixo kuthi nguThixo wosindiso,
Kokuka Yehova, iNkosi yethu, ukukhupha ekufeni.
21Kodwa uThixo uya kuyiphalusa intloko yeentshaba zakhe,
Nentloko enesihlwitha yohambayo kwizigqitho zakhe.
22Yathi iNkosi, Ndiya kuzibuyisa eBhashan,
Ndiya kuzibuyisa iintshaba zakho ezinzulwini zolwandle;
23Ukuze uziphaluse, unyawo lwakho lusegazini,
Nolwimi lwezinja zakho lube nesabelo salo ezintshabeni.
24Bakúbona ukunyathela kwakho, Thixo,
Ukunyathela koThixo wam, koKumkani wam, esebungcweleni.
25Phambili ziimvumi, ngasemva ngababethi bohadi,
Emacaleni ziintombi ezibetha iingqongqo.
26Emabandleni bongani uThixo,
INkosi, nina basemthonjeni wakwaSirayeli.
27Balapho ooBhenjamin, inci yabo, umphathi wabo,
Abathetheli bakwaYuda, ihlokondiba labo;
Abathetheli bakwaZebhulon, abathetheli bakwaNafetali.
28UThixo wakho wakuwisela umthetho wokuba uqine;
Kuqinise, Thixo, oko usenzeleyo.
29Bevela etempileni yakho eyongamele iYerusalem,
Ookumkani mabeze nezithabathaba kuwe.
30Khalimela amarhamncwa asengcongolweni,
Umhlambi weenkunzi eziziimbalasane, kunye namathole ezizwe,
Ukuze baziwise benezijungqe zesilivere.
Wazibhangisa izizwe eziyithandayo imfazwe.
31Kovela amanono eYiputa;
UKushi wozolulela msinya izandla zakhe kuThixo.
32Zikumkani zehlabathi, vumani kuThixo,
Niyibethele uhadi iNkosi; (Phakamisani.)
33Ekhwela ecanda emazulwini awo amazulu amandulo;
Nanko elikhupha ilizwi lakhe, ilizwi elinamandla.
34Mnikeni amandla uThixo;
Buphezu koSirayeli ubungangamsha bakhe;
Asesibhakabhakeni amandla akhe.
35UloThixo woyikekayo ezingcweleni zakho.
UloThixo kaSirayeli, ubanikayo amandla nokomelela abantu.
Makabongwe uThixo.

Currently Selected:

IINDUMISO 68: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in