YouVersion Logo
Search Icon

IINDUMISO 47

47
Uvuyo loluntu lonke ngenxa kaThixo, ukumkani wehlabathi lonke
Kumongameli; eyoonyana bakaKora. Umhobe.
1Nonke zizwe, bethani izandla,
Dumani kuThixo ngezwi lokumemelela.
2Ngokuba uYehova Osenyangweni uyoyikeka;
Ngukumkani omkhulu ehlabathini lonke.
3Uzikhandanisela phantsi kwethu izizwe,
Izizwe phantsi kweenyawo zethu.
4Usinyulela ilifa lethu,
Iqhayiya likaYakobi awamthandayo. (Phakamisani.)
5UThixo unyukile, kudunywa;
Unyukile uYehova, kuhlokoma isigodlo.
6Mbetheleni uhadi uThixo, mbetheleni,
Mbetheleni uhadi uKumkani wethu, mbetheleni!
7Ngokuba uKumkani wehlabathi lonke nguThixo;
Mbetheleni ngeyokuqiqa.
8UThixo nguKumkani weentlanga;
UThixo uhleli etroneni yakhe engcwele.
9Amanene ezizwe ahlanganisene,
Abantu boThixo ka-Abraham;
Ngokuba iingweletshetshe zehlabathi zezikaThixo;
Unyusiwe kakhulu yena.

Currently Selected:

IINDUMISO 47: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in