YouVersion Logo
Search Icon

IINDUMISO 41

41
Umthandazo wogulayo, ecela impindezelo phezu kweentshaba zakhe
Kumongameli. Umhobe kaDavide.
1Hayi, uyolo lwalowo unyamekela ihlwempu!
Ngomhla wobubi uYehova uya kumhlangula.
2UYehova uya kumlondoloza amgcine, aphile.
Kuya kuthiwa unoyolo yena ehlabathini;
Úngamnikeli elitheni leentshaba zakhe.
3UYehova uya kumxhasa elukhukweni lobulwelwe;
Ùya kuluguqula ukhuko lwakhe lonke esifeni sakhe.
4Ndithi mna, Yehova, tarhu;
Philisa umphefumlo wam, ngokuba ndonile kuwe.
5Iintshaba zam zithetha kakubi ngam;
Zithi, Úya kufa nini na, lidake igama lakhe?
6Nothe weza kundilunguza, uthetha into ekhohlakeleyo;
Intliziyo yakhe ibutha ubutshinga;
Uphuma phandle, abuthethe.
7Basebezelana ngam bonke abandithiyayo;
Bacinga ububi ngam.
8Bathi, Unanyekwe bubutshijolo,
Engoleleyo nje, akayi kubuya avuke.
9Kwanendoda ebixolelene nam, ebe ndikholose ngayo,
Ebisidla isonka sam, indiphakamisele isithende sayo.
10Wena Yehova, ndíbabale, undiphakamise,
Ndibabuyekeze.
11Ndazi ngale nto, ukuba ùndinonelele,
Yokokuba lungenakundidumela utshaba lwam.
12Mna ekugqibeleleni kwam ùyandixhasa,
Ùndimisa phambi kwakho ngonaphakade.
13Makabongwe uYehova, uThixo kaSirayeli, kususela kwaphakade kude kuse ephakadeni. Amen, amen.

Currently Selected:

IINDUMISO 41: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in