YouVersion Logo
Search Icon

IINDUMISO 39

39
Amampunge nesithingathinga sobomi
Kumongameli, kuYedutun. Umhobe kaDavide.
1Ndathi, Ndiya kuzigcina iindlela zam,
Ndingoni ngolwimi lwam;
Ndiya kuwugcina ngokuwubopha umlomo wam,
Xa ongendawo asephambi kwam.
2Ndaba sisidenge, ndathozama,
Ndazisulungisa nakokulungileyo;
Wagxobha-gxobheka umvandedwa wam.
3Yaba nobushushu intliziyo yam phakathi kwam,
Ekucamangeni kwam wavutha umlilo.
Ndathetha ke ngolwimi lwam,
4Ndathi, Ndázise, Yehova, isiphelo sam,
Nomlinganiso wemihla yam, into oyiyo;
Mandikwazi ukunqamka kwam, into okuyiyo.
5Yabona, ùyenzé imihla yam yangangobubanzi besandla;
Nobomi bam bunjengento engento phambi kwakho;
Ngumphunga nje bonke abantu, nakuba bemi. (Phakamisani.)
6Ùhamba-hamba umntu enjengesithunzi nje kodwa;
Baxokozela ngomphunga nje kodwa;
Bafumba, bengazi ukuba ngubani na oya kukuhlanganisa.
7Ngoku ndiya kuthembela kwintoni na, Nkosi yam?
Ukulinda kwam kukuwe.
8Ndihlangule elukreqweni lwam lonke;
Musa ukundimisela ingcikivo yesidenge.
9Ndisisidenge, umlomo wam andiwuvuli,
Ngokuba oko kwenziwe nguwe.
10Sisuse kum isibetho sakho;
Mna ndiyaphela kukutyundyutha kwesandla sakho.
11Wakumthethisa umntu ngezohlwayo ngenxa yobugwenxa,
Ùyasonakalisa njengenundu isoya sakhe;
Bangumphunga nje kodwa bonke abantu. (Phakamisani.)
12Yiva umthandazo wam, Yehova,
Kubekele indlebe ukuzibika kwam.
Musa ukuthi tu ezinyembezini zam;
Ngokuba ndingumphambukeli kuwe,
Undwendwe, njengoobawo bonke.
13Bheka phaya, ungandikhangeli, khendincumeze,
Ndingekemki ndingabi sabakho.

Currently Selected:

IINDUMISO 39: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in