YouVersion Logo
Search Icon

IINDUMISO 37

37
UYehova uyabalondoloza abakholosa ngaye; abangendawo baya kutshabalala
EkaDavide.
1Musa ukuzivuthisa ngomsindo ngabenzi bobubi;
Musa ukubamonela abenzi bobugqwetha.
2Ngokuba baya kusikwa kamsinyane njengengca,
Babune njengohlaza oluphumayo.
3Kholosa ngoYehova, wenze okulungileyo;
Limé ilizwe, ulandelane nokuthembeka.
4Ziyolise ngoYehova;
Wókunika okunqwenelwa yintliziyo yakho.
5Yiyekele kuYehova indlela yakho,
Ukholose ngaye; wókwenzela,
6Abuvelise njengokukhanya ubulungisa bakho,
Nebango lakho njengemini enkulu.
7Yithi cwaka kuYehova, ulindele kuye;
Musa ukuzivuthisa ngomsindo ngonempumelelo ngendlela yakhe,
Ngomntu ofeza amayelenqe.
8Lahla umsindo, ushiye ubushushu;
Musa ukuzivuthisa ngomsindo, kuba oko kusingisa ekwenzeni ububi kuphela.
9Ngokuba abenzi bobubi baya kunqunyulwa;
Ke bona abamthembayo uYehova, baya kulidla ilifa ilizwe.
10Kusaya kuba mzuzwana, angabikho ongendawo;
Ùthi wakuyikhangela indawo yakhe, angabikho.
11Ke bona abalulamileyo baya kulidla ilifa ilizwe,
Baziyolise ngobuninzi boxolo.
12Ongendawo ulenzela amayelenqe ilungisa,
Ulitshixizela amazinyo akhe.
13INkosi iyamhleka,
Ngokuba ibona ukuba iyeza imini yakhe.
14Barholé ikrele abangendawo, bagobé isaphetha sabo,
Ukuba bawise usizana nehlwempu,
Basike abandlela zithe tye.
15Ikrele labo liya kungena kwakweyabo intliziyo,
Zaphuke izaphetha zabo.
16Ilungile intwana elinayo ilungisa,
Kunentabalala abanayo abangendawo abaninzi:
17Ngokuba iingalo zabangendawo ziya kwaphulwa;
NguYehova umxhasi wamalungisa.
18NguYehova umazi wemihla yabagqibeleleyo,
Nelifa labo liya kuba ngunaphakade.
19Àbayi kudana ngexesha lobubi;
Baya kuhlutha ngeemini zendlala:
20Ngokuba abangendawo bayatshabalala;
Iintshaba zikaYehova zinjengobuhle bamadlelo;
Ziya kuphela njengomsi, ziphele.
21Úyaboleka ongendawo, angabuyisi;
Ke lona ilungisa liyababala, liphe.
22Ngokuba abasikelelweyo nguye baya kulidla ilifa ilizwe,
Banqanyulwe abatshabhisiweyo nguye.
23Amanyathela omfo aqiniswa nguYehova,
Ayithande indlela yakhe.
24Ewíle, akayi kuqungquluza,
Ngokuba nguYehova umxhasi wesandla sakhe.
25Ndaka ndamtsha, kungokunje ndimdala;
Ukanti andizanga ndilibone ilungisa lishiywa,
Nembewu yalo ivukela ukutya.
26Imihla yonke liyababala, liboleke abanye;
Nembewu yalo iyintsikelelo.
27Suka ebubini, wenze okulungileyo,
Uhlale ngonaphakade.
28Ngokuba uYehova uthanda okusesikweni,
Angabashiyi abenceba bakhe;
Bagciniwe ngonaphakade:
Ke yona imbewu yongendawo iyanqanyulwa.
29Amalungisa aya kulidla ilifa ilizwe,
Ahlale kulo ngonaphakade.
30Umlomo welungisa uxela ubulumko,
Nolwimi lwalo luthetha okusesikweni.
31Umyalelo woThixo walo usentliziyweni yalo;
Akayi kuhexa amanyathela alo.
32Ongendawo uyalilalela ilungisa,
Ufuna ukulibulala.
33UYehova akalinikeli esandleni sakhe,
Angàligwebi ekuthethweni kwetyala lalo.
34Thembela kuYehova, ugcine indlela yakhe;
Wokuphakamisa, ulidle ilifa ilizwe;
Ekunqanyulweni kongendawo wobonela.
35Ndimbonile ongendawo, oyingqwangangqwili,
Exanda njengomthi omilileyo, uluhlaza;
36Kwadlula umntu, nanko engasekho; Ndamfuna, akafumaneka.
37Gcina ogqibeleleyo, ukhangele othe tye;
Ngokuba izivela-mva zezomntu woxolo.
38Ke bona abangendawo batshatyalaliswa kuphele;
Izivela-mva zongendawo ziyanqanyulwa.
39Usindiso lwamalungisa luphuma kuYehova;
Uligwiba lawo ngexesha lembandezelo.
40UYehova uyawanceda, awasindise,
Awasindise kongendawo, awasindise,
Ngokuba azímela ngaye.

Currently Selected:

IINDUMISO 37: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in