YouVersion Logo
Search Icon

IMIZEKELISO 23

23
1Xa uthe wahlala phantsi, ukuba udle nomlawuli,
Qonda uqonde lowo uphambi kwakho;
2Ubeke isitshetshe emqaleni wakho,
Ukuba ùngumntu onombilini.
3Musa ukuzinqwenela izidlo zakhe ezinencasa;
Kukudla kwenkohliso.
4Musa ukuzidinisa ngokufuna ubutyebi;
Yeka okwakho ukuqonda.
5Amehlo akho ùya kuwasukelisa ubutyebi na, bungekho nje?
Kuba bona buzenzela amaphiko,
Buphaphazela njengexhalanga elisinge ezulwini.
6Musa ukudla ukudla koliso libi,
Ungazinqweneli izidlo zakhe ezinencasa;
7Kuba njengoko anjalo ocinga yedwa, únjalo yena;
Úthi kuwe, Yidla usele,
Ukanti intliziyo yakhe ayinawe;
8Umthamo wakho owudlileyo ùya kuwuhlanza,
Ulahlekwe ngamazwi akho amnandi.
9Musa ukuthetha ezindlebeni zesinyabi;
Ngokuba siya kuyidela ingqiqo yokukhuluma kwakho.
10Musa ukuwushenxisa umlimandlela wakudala;
Ungangeni emasimini eenkedama;
11Kuba umkhululi wazo womelele;
Wobambana nawe yena ngobambano lwazo.
12Yinikele intliziyo yakho eluqeqeshweni,
Neendlebe zakho entethweni yokwazi.
13Musa ukuluyeka uqeqesho emntwaneni;
Ukuba ùthe wambetha ngentonga akayi kufa.
14Wombetha ngentonga,
Uhlangule umphefumlo wakhe kwelabafileyo.
15Nyana wam, ukuba ithe yalumka intliziyo yakho.
Yovuya intliziyo yam, kwaeyam lo,
16Zidlamke izintso zam
Ekuthetheni komlomo wakho okuthe tye.
17Intliziyo yakho mayingabamoneli aboni;
Ke mayizonde ukoyika uYehova imini yonke;
18Inene, kukho ikamva,
Nethemba lakho aliyi kunqunyulwa.
19Yiva, wena nyana wam, ulumke,
Uyinyathelise intliziyo yakho ithi gca endleleni.
20Musa ukuba phakathi kwamasela-wayini,
Naphakathi kwamadla-kudla;
21Kuba isela-wayini nedla-kudla liyahlwempuzeka;
Kona ukozela kwambesa amajacu.
22Mphulaphule uyihlo, lowo wakuzalayo,
Ungamdeli unyoko akuba mkhulu.
23Thenga inyaniso, ungathengisi ngayo;
Nobulumko, noqeqesho, nengqondo.
24Úgcoba kakhulu uyise welungisa;
Ozele isilumko uyavuya ngaso.
25Makavuye uyihlo nonyoko,
Agcobe umfazi owakuzalayo.
26Ndínike intliziyo yakho, nyana wam,
Amehlo akho akholiswe ziindlela zam.
27Kuba sisihogo esinzulu ihenyukazi,
Liqula elimxinwa umfazi wolunye uhlanga.
28Úde alale njengesihange,
Awandise amanginingini eluntwini.
Ubudenge bokunxila
29Ungokabani na uYeha? Ungokabani na uYoo? Zinabani na iingxabano?
Inabani na inkalazo? Anabani na amanxeba angenasizathu?
Anabani na amehlo anozizi?
30Anâbo balibala ewayinini,
Abangena bayiminyele iwayini ephithikeziweyo.
31Musa ukuyikhangela iwayini, xa izenza ingqombela,
Xa ibengezelayo endebeni,
Xa ihla kamnandi;
32Ukuphela kwayo iluma njengenyoka,
Iluma njengerhamba.
33Amehlo akho aya kubona izinto zasemzini,
Intliziyo yakho ithethe impenduka;
34Ube njengolele esazulwini solwandle,
Nanjengolele encotsheni yemasti;•
35 Uthi, Bándibetha, ándeva ntlungu;
Bándintlitha, àndaba nanto ndiyaziyo;
Ndiya kuvuka nini na? Ndiya kuphinda ke, ndiya kubuya ndiyifune.

Currently Selected:

IMIZEKELISO 23: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy