IMIZEKELISO 21
21
1Yimijelo yamanzi intliziyo yokumkani esandleni sikaYehova;
Uyibhekisa apho asukuba ethande khona.
2Zonke iindlela zendoda zithe tye kwawayo amehlo;
Umlinganisi weentliziyo nguYehova.
3Ukwenza ubulungisa nokusesikweni
Kunyulekile kuYehova ngaphezu kombingelelo.
4Ukuqwayinga kwamehlo, nokugungubala kwentliziyo,
Kwanokukhubela kwabangendawo, kusisono.
5Iingcinga zabakhutheleyo zisingisa elungeniselweni lodwa;
Konke ukungxama kusingisa entswelweni yodwa.
6-7Ukuzuza ubuncwane ngolwimi oluxokayo
Ngumphúnga ophephethekayo wabafuna ukufa.
Ukubhuqa kwabangendawo kuyabaqweqwedisa;
Ngokuba àbavumi ukwenza okusesikweni.
8Iligosogoso indlela yendoda enetyala;
Ke yena ohlambulukileyo, umsebenzi wakhe uthe tye.
9Kulungile ukuhlala elungqamekweni oluphezu kwendlu,
Kunokuhlala ndlwini-nye nomfazi onengxabano.
10Umphefumlo wongendawo unqwenela ububi;
Amehlo akhe akambabali ummelwane wakhe.
11Ekuhlawulisweni komgxeki siyalumka isiyatha;
Ekuqiqisweni kwaso, isilumko samkela ukwazi.
12Ilungisa liyayiqiqa indlu yongendawo.
Libaphenulela ebubini abangendawo.
13Ovingca iindlebe zakhe ekukhaleni kwesisweli,
Naye uya kubiza, angàviwa.
14Isipho entsithelweni sinqanda umsindo,
Isicengo esondweni lengubo sinqanda umsindo onamandla.
15Kuluvuyo kwilungisa ukwenza okusesikweni;
Kuqhiphula umbilini kubasebenzi bobutshinga.
16Umntu ondwendwayo, emke endleleni yengqiqo,
Uya kuhlala esikhungwini sabafileyo.
17Othanda imigcobo uba yindoda esweleyo;
Othanda iwayini neoli akabi sisityebi.
18Ongendawo lucamagusho ngenxa yelungisa;
Inginingini lisesikhundleni sabathe tye.
19Kulungile ukuhlala ezweni eliyintlango,
Kunokuhlala nomfazi onengxabano neengqumbo.
20Ubuncwane obunqwenelekayo neoli zisekhayeni lesilumko;
Ke umntu osisinyabi uyaziginya azigqibe.
21Ophuthuma ubulungisa nenceba
Wofumana ubomi nobulungisa nozuko.
22Isilumko siyaqabela emzini wamagorha,
Siyiwise inqaba ekukholoswe ngayo.
23Ogciné umlomo wakhe nolwimi lwakhe
Ugcina umphefumlo wakhe ezingxingongweni.
24Umkhukhumali oligagadele, ngumgxeki igama lakhe;
Ngowenza ngokukhukhumala okuphuphumayo.
25Umnqweno wevila uyalibulala,
Kuba izandla zalo azivumi kusebenza.
26Imini yonke linqwena linqwenile,
Ke lona ilungisa liyapha lingavimbi.
27Umbingelelo wabangendawo lisikizi;
Kobeka phi na ke bakuwuzisa ngenxa yamanyala!
28Ingqina elinamanga liyatshabalala;
Ke yona indoda evayo ithetha kuphele.
29Indoda engendawo iyingwanyalala ubuso;
Ngothe tye oyiqondayo indlela yakhe.
30Akukho bulumko, akukho ngqondo,
Akukho cebo malungana noYehova.
31Ihashe lilungiselwa imini yokulwa,
Ke usindiso lona lunoYehova.
Currently Selected:
IMIZEKELISO 21: XHO75
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.