YouVersion Logo
Search Icon

UNEHEMIYA 7

7
Uluhlu lwabasemfudusweni ababuyisiweyo
1Ke kaloku kwathi, lwakwakhiwa udonga, ndazifaka iingcango; bamiswa abamasango, nabavumi, nabaLevi, ukuba bagcine umsebenzi wabo. 2Ndamwisela umthetho uHanani umzalwana wam, noHananiya umphathi wenqaba, ngeYerusalem; ngokuba ebeyindoda enyanisekileyo, emoyikayo uThixo ngaphezu kwabaninzi. 3Ndathi kubo, Amasango aseYerusalem makangavulwa, lide lifudumale ilanga; bathi, besemi belinda, bazivale iingcango, bazitshixe; nimise abagcini abangabemi baseYerusalem, elowo abe selugcinweni lwakhe, elowo abe phambi kwendlu yakhe. 4Umzi ububanzi ngeenxa zombini, umkhulu; abantu bembalwa phakathi kwawo, kungakhiwanga zindlu.
5UThixo wam wangenisa entliziyweni yam, ukuba ndibabuthe abanumzana, nabaphathi, nabantu, ukuba ndibabhalele emilibeni yokuzalwa. Ndafumana incwadi yemilibo yokuzalwa kwâbo babenyuke ekuqaleni; ndafumana kubhaliwe khona kwathiwa:
6Ngabo aba oonyana belizwe lakwaYuda, abanyukáyo kwabathinjiweyo basemfudusweni, awayebafudusile uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, ábabuyela eYerusalem nakwaYuda, elowo wabuyela emzini wakowabo, 7abeza noZerubhabheli, noYeshuwa, noNehemiya, noAzariya, noRahamiya, noNahamani, noMordekayi, noBhileshan, noMisperete, noBhigevayi, noNehum, noBhahana.
Inani lamadoda, abantu bakwaSirayeli, yayileli: 8oonyana bakaParoshe ibingamawaka amabini, anekhulu elinamanci asixhenxe anababini. 9Oonyana bakaShefatiya ibingamakhulu amathathu, anamanci asixhenxe anababini. 10Oonyana baka-Ara ibingamakhulu amathandathu, anamanci mahlanu anababini. 11Oonyana bakaPahati wakwaMowabhi, koonyana bakaYeshuwa noYowabhi, ibingamawaka amabini, anamakhulu asibhozo, anashumi linye linesibhozo. 12Oonyana bakaElam ibiliwaka, elinamakhulu amabini, anamanci mahlanu anabané. 13Oonyana bakaZatu ibingamakhulu asibhozo, anamanci mané anabahlanu. 14Oonyana bakaZakayi ibingamakhulu asixhenxe, anamanci mathandathu. 15Oonyana bakaBhinwi ibingamakhulu amathandathu, anamanci mané anesibhozo. 16Oonyana bakaBhebhayi ibingamakhulu amathandathu, anamanci mabini anesibhozo. 17Oonyana baka-Azegadi ibingamawaka amabini, anamakhulu mathathu, anamanci mabini anababini. 18Oonyana baka-Adonikam ibingamakhulu amathandathu, anamanci mathandathu anesixhenxe. 19Oonyana bakaBhigevayi ibingamawaka amabini, anamanci mathandathu anesixhenxe. 20Oonyana baka-Adin ibingamakhulu amathandathu, anamanci mahlanu anabahlanu. 21Oonyana baka-Atere kaHezekiya ibingamashumi asithoba anesibhozo. 22Oonyana bakaHashum ibingamakhulu amathathu, anamanci mabini anesibhozo. 23Oonyana bakaBhetsayi ibingamakhulu amathathu, anamanci mabini anabané. 24Oonyana bakaHarifi ibilikhulu, elinashumi linye linababini. 25Oonyana baseGibheyon ibingamashumi asithoba anabahlanu. 26Amadoda aseBhetelehem naseNetofa ibilikhulu, elinamanci asibhozo anesibhozo. 27Amadoda aseAnatoti ibilikhulu, elinamanci mabini anesibhozo. 28Amadoda aseBhete-azemavete ibingamashumi amané anamabini. 29Amadoda aseKiriyati-yeharim, neKefira, neBheroti ibingamakhulu asixhenxe, anamanci mané anamathathu. 30Amadoda aseRama neGabha ibingamakhulu amathandathu, anamanci mabini ananye. 31Amadoda aseMikimas ibilikhulu, elinamanci mabini anamabini. 32Amadoda aseBheteli neAyi ibilikhulu, elinamanci mabini anamathathu. 33Amadoda enye iNebho ibingamashumi amahlanu anamabini. 34Oonyana bomnye uElam ibiliwaka elinamakhulu amabini, anamanci mahlanu anabané. 35Oonyana bakaHarim ibingamakhulu amathathu, anamanci mabini. 36Oonyana baseYeriko ibingamakhulu amathathu, anamanci mané anabahlanu. 37Oonyana baseLodi neHadidi neOno ibingamakhulu asixhenxe, anamanci mabini anamnye. 38Oonyana baseSenaha ibingamawaka amathathu, anamakhulu asithoba, anamanci mathathu.
39Ababingeleli: oonyana bakaYedaya, bendlu kaYeshuwa, ibingamakhulu asithoba, anamanci asixhenxe anabathathu. 40Oonyana bakaImere ibiliwaka, elinamanci mahlanu anababini. 41Oonyana bakaPashure ibiliwaka, elinamakhulu amabini, anamanci mané anesixhenxe. 42Oonyana bakaHarim ibiliwaka elinashumi linye linesixhenxe.
43AbaLevi: oonyana bakaYeshuwa noKademiyeli, koonyana bakaHodeva, ibingamashumi asixhenxe anabané.
44Iimvumi: oonyana baka-Asafu ibilikhulu, elinamanci mané anesibhozo.
45Abamasango: oonyana bakaShalum, oonyana baka-Atere, oonyana bakaTalemon, oonyana baka-Akubhi, oonyana bakaHatita, oonyana bakaShobhayi, ibilikhulu, elinamanci mathathu anesibhozo.
46Abakhonzi betempile: oonyana bakaTsiha, oonyana bakaHasufa, oonyana bakaTabhahoti, 47oonyana bakaKerosi, oonyana bakaSiha, oonyana bakaPadon, 48oonyana bakaLebhana, oonyana bakaHagabha, oonyana bakaSalemayi, 49oonyana bakaHanan, oonyana bakaGidele, oonyana bakaGahare, 50oonyana bakaRehaya, oonyana bakaRetsin, oonyana bakaNekoda, 51oonyana bakaGazam, oonyana bakaUza, oonyana bakaPaseha, 52oonyana bakaBhetsayi, oonyana bakaMehunim, oonyana bakaNefishesim, 53oonyana bakaBhakebhuki, oonyana bakaHakufa, oonyana bakaHarehure, 54oonyana bakaBhatseliti, oonyana bakaMehida, oonyana bakaHarsha, 55oonyana bakaBharkosi, oonyana bakaSisera, oonyana bakaTama, 56oonyana bakaNetsiha, oonyana bakaHatifa.
57Oonyana babakhonzi bakaSolomon: oonyana bakaSotayi, oonyana bakaSoferete, oonyana bakaPerida, 58oonyana bakaYahala, oonyana bakaDarkon, oonyana bakaGidele, 59oonyana bakaShefatiya, oonyana bakaHatili, oonyana bakaPokerete-tsebhayim, oonyana baka-Amon.
60Bonke abakhonzi betempile, noonyana babakhonzi bakaSolomon, ibingamakhulu amathathu, anamanci asithoba anababini.
61Ngabo aba abenyuka bevela eTelemela, naseTele-harsha, naseKerubhiadoni-mere; ke ababanga nakuzixela izindlu zooyise nomnombo wabo, ukuba ngabakwaSirayeli na: 62oonyana bakaDelaya, oonyana bakaTobhiya, oonyana bakaNekoda, babengamakhulu omathandathu, anamanci mané anababini.
63Ke kubabingeleli: oonyana bakaHabhaya, oonyana bakaHakotse, oonyana bakaBharzilayi, owazeka umfazi ezintombini zikaBharzilayi waseGiliyadi, wabizwa ngegama lazo: 64abo bakúfuna ukubhalwa kwabo kwababhalelwáyo emilibeni yokuzalwa, abakufumana; bangcola ke, ababa sebubingelelini. 65Irhuluneli yathi kubo, mabangadli nto kwezingcwele kanye, kude kuvele umbingeleli oneeUrim neeTumim.•
66Lonke ibandla lindawonye ibe ingamawaka angamashumi amané anamabini, anamakhulu mathathu, anamanci mathandathu; 67zizodwa izicaka zabo ezi nezicakakazi zabo ezi, zingamawaka asixhenxe, anamakhulu amathathu, anamanci mathathu anesixhenxe; zineemvumi neemvumikazi ezingamakhulu amabini, anamanci mané anantlanu.
68Amahashe abo ibingamakhulu asixhenxe, anamanci mathathu anamathandathu; oondlebende babo ibingamakhulu amabini, anamanci mané anabahlanu; 69iinkamela ibingamakhulu amané, anamanci mathathu anantlanu; amaesile ibingamawaka amathandathu, anamakhulu asixhenxe, anamanci mabini.
70Inxenye yeentloko zezindlu zooyise yanikela emsebenzini. Irhuluneli yanikela ebuncwaneni igolide eliwaka leedarike,• namashumi amahlanu ezitya zokutshiza, namashumi amathathu eengubo zangaphantsi zababingeleli, nesilivere engamawaka amahlanu eemina.• 71Inxenye yeentloko zezindlu zooyise yanikela ebuncwaneni bomsebenzi igolide engamawaka amashumi amabini eedarike, nesilivere engamawaka amabini, anamakhulu amabini eemina. 72Okwanikwayo ngabanye abantu ibe iyigolide engamawaka amashumi amabini eedarike, nesilivere engamawaka amabini, namashumi amathandathu anesixhenxe eengubo zangaphantsi zababingeleli.
73Bahlala ke ababingeleli, nabaLevi, nabamasango, neemvumi, nenxenye yabantu, nabakhonzi betempile, namaSirayeli onke emizini yakomawabo.
Ithe yakufika inyanga yesixhenxe, baba oonyana bakaSirayeli besemizini yakomawabo.

Currently Selected:

UNEHEMIYA 7: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in