YouVersion Logo
Search Icon

UMARKO 7

7
Isithethe samanyange
(UMat. 15:1-20)
1Kwahlanganisana kuye abaFarisi, nabathile kubabhali, bevela eYerusalem; 2bathi, bakubona abathile kubafundi bakhe besidla isonka ngezandla eziziinqambi, oko kukuthi ngezingahlanjwanga, basuka basola. 3Kuba abaFarisi namaYuda onke abadli, ukuba abakhanga bazihlambe izandla kunene, bebambe isithethe samanyange. 4Nokuba bavela endaweni yembutho, abadli bengakhanga bahlambe; zikho nezinye izinto ezininzi, abazamkele ukuba bazibambe, ezinjengeentlambo zeendebe, neebhekile, nezitya zobhedu, nezingqengqelo.
5Bandula bambuza abaFarisi nababhali, besithi, Kungani na ukuba abafundi bakho bangahambi ngokwesithethe samanyange, le nto badla isonka ngezandla ezingahlanjwanga? 6Waphendula ke wathi kubo, Watyapha uIsaya ukuprofeta ngani, bahanahanisi, njengokuba kubhaliwe kwathiwa,
Aba bantu bandibeka ngomlomo,
Kanti yona intliziyo yabo ikude lee kum.
7Bafumana ke bendihlonela,
Befundisa iimfundiso eziyimithetho yabantu.
(UIsaya 29:13)
8Kuba nithi, niwuyeka okaThixo umthetho, nibambe isithethe sabantu esinjengeentlambo zeebhekile neendebe; naye nizenza nezinye izinto ezininzi ezinjengezo.
9Wayesithi kubo, Natyapha kambe niwutshitshise umthetho kaThixo, ukuze nisigcine isithethe senu. 10Kuba uMoses wathi, Beka uyihlo nonyoko; wathi kanjalo, Omthethela kakubi uyise, nokuba ngunina, makafe ukufa; 11ke nina nithi, Ukuba umntu uthe kuyise nokuba kukunina, Ingumsondezo, oko kukuthi, ingumnikelo kuThixo into ongewuba uncedwa ngayo ndim, ukholisile; 12ningabi samvumela ukuba amenzele nto, nokuba nguyise nokuba ngunina; 13niliphanga igunya ilizwi likaThixo ngesithethe senu enasinikelayo, naye nizenza izinto ezininzi ezinjengezo.
14Wayibizela kuye yonke indimbane, wathi kubo, Phulaphulani kum nonke, niqonde: 15akukho nto ingaphandle komntu ethi ingena kuye ibe nako ukumenza inqambi; zizinto eziphumayo kuye ezimenza inqambi umntu. 16Ukuba ubani uneendlebe zokuva, makeve.
17Baye ke, xa ebengene endlwini, evela kuyo indimbane, bembuza abafundi bakhe umzekeliso lowo. 18Athi kubo, Nikwanje nani na ukuswela ingqondo? Aniqiqi na, ukuba konke okungaphandle, okuthi kungene emntwini, akunako ukumenza inqambi? 19Ngokuba akungeni khona entliziyweni yakhe; kungena esiswini; ize kuphume kuye endaweni esese, ezihlambululayo zonke izidlo.
20Wayesithi ke, Into ephumayo emntwini, yiyo leyo emenza inqambi umntu; 21kuba ngaphakathi, kuyo intliziyo yomntu, kuphuma izicamango ezibi, ookukrexeza, oomibulo, ookubulala, 22oobusela, ookubawa, okungendawo, iinkohliso, uburheletyo, umona, ukunyelisa, ukukratsha, ukuswela kuqonda; 23zonke ezi zinto zingendawo ziphuma ngaphakathi, zimenze inqambi umntu.
UmSirofenikikazi
(UMat. 15:21-28)
24Esukile apho ke, waya emideni yaseTire neyaseTsidon. Wangena endlwini, wanga akungàziwa mntu; akaba nako ukufihlakala noko.
25Kuba yathi yakumva intokazi entombazana ibinomoya ongcolileyo, yafika yawa ezinyaweni zakhe; 26yaye ke kaloku intokazi leyo ingumGrikekazi, umSirofenikikazi ngokuzalwa. Yacela kuye ukuba ayikhuphe idemon entombini yayo. 27Uthe ke uYesu kuyo, Khawuyeke kuhluthe abantwana kuqala; kuba akukuhle ukusithabatha isonka sabantwana, siphoswe ezinjaneni. 28Yaphendula ke yathi kuye, Ewe, Nkosi; kuba nazo iinjana phantsi kwetafile zidla kwiimvuthuluka zabantwana. 29Wathi kuyo, Ngenxa yelo zwi, hamba; idemon iphumile entombini yakho. 30Yesuka yaya endlwini yayo, yafumana iphumile idemon, intombi ilele phezu kwesingqengqelo.
Ukuphiliswa kwesithulu esithintithayo
31Uthe wabuya waphuma emideni yaseTire neyaseTsidon, weza kulwandle lwaseGalili, ecanda phakathi kwemida yaseDekapoli. 32Bazìsa ke isithulu esithintithayo, bambongoza ukuba abeke isandla phezu kwaso. 33Wasishenxisa esihlweleni sasodwa, wafaka iminwe yakhe ezindlebeni zaso, wathi etshicile, 34wachukumisa ulwimi lwaso, wakhangela ezulwini, wancwina, wathi kuso, Efata, oko kukuthi, Vuleka. 35Zavuleka kwaoko iindlebe zaso, zacombuluka iingqambu zolwimi lwaso, sathetha salungisa.
36Wabayala ukuba mabangaxeleli bani; kodwa okukhona wabayalayo, kwaba kukhona bakuvakalisa ngakumbi. 37Bakhwankqiswa ngokuncamisileyo kanye, besithi, Úzenze iinto zonke kakuhle; uzenza nezithulu zive, nabangenakuthetha bathethe.

Currently Selected:

UMARKO 7: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in