YouVersion Logo
Search Icon

UMATEYU 3

3
UYohane umbhaptizi
(UMarko 1:1-8; uLuka 3:1-18; uYoh. 1:6-8,19-36; 3:23-32)
1Ke kaloku, kuthi ngaloo mihla kufike uYohane umbhaptizi, ememeza entlango yelakwaYuda, 2esithi, Guqukani, kuba ubukumkani bamazulu busondele. 3Kuba lo nguye awayethetha yena uIsaya umprofeti, esithi,
Izwi lodandulukayo entlango, lisithi,
Yilungiseni indlela yeNkosi,
Wutyenenezeni umendo wayo.
(UIsaya 40:3)
4Ke uYohane lowo ingubo yakhe ibiyeyoboya benkamela, enombhinqo wentlonze esinqeni sakhe; kwaye ke ukudla kwakhe kuziinkumbi nobusi basendle. 5Babephuma oko besiya kuye abaseYerusalem, nabelakwaYuda bonke, nabommandla wonke waseYordan. 6Babhaptizwa nguye eYordan apho, bezixela izono zabo.
7Ke kaloku, akubona into eninzi yabaFarisi nabaSadusi besiza ekubhaptizeni kwakhe, wathi kubo, Nzalandini yamarhamba, ngubani na onibonisileyo ukuba niyibaleke ingqumbo ezayo? 8Velisani ngoko iziqhamo eziyifaneleyo inguquko; 9ize ningabi nithi phakathi kwenu, Thina sinobawo uAbraham; kuba ndithi kuni, Unako uThixo kuwo la matye ukumvelisela abantwana uAbraham. 10Kananjalo izembe selibekiwe engcanjini yemithi; ngoko yonke imithi engavelisi siqhamo sihle, iyagawulwa iphoswe emlilweni. 11Mna okunene ndinibhaptizela enguqukweni ngamanzi; kodwa lowo uzayo emva kwam unamandla kunam, ozimbadada ndingakulingeneyo ukuziphatha; yena ke uya kunibhaptiza ngoMoya oyiNgcwele nangomlilo: 12omnyazi wokwela usesandleni sakhe; uya kusicokisa kuthi tu isandá sakhe, ayibuthele kuvimba ingqolowa yakhe, kodwa wona umququ uya kuwutshisa ngomlilo ongacimekiyo.
Ubhaptizo lukaYesu
(UMarko 1:9-11; uLuka 3:21,22; uYoh. 1:31-34)
13Kuthi ngelo xa afike uYesu eYordan kuYohane, evela kwelaseGalili, ukuba abhaptizwe nguye. 14Ke kaloku uYohane wayemalela, esithi, Mna kufuneka ndibhaptizwe nguwe nje, ùza kum na wena? 15Uphendule ke uYesu wathi kuye, Vuma okwakaloku; kuba kusifanele thina ukwenjenjalo ukuzalisa bonke ubulungisa. Andule ke ukumvumela. 16Ebhaptiziwe ke uYesu, wenyuka kwaoko emanzini; asuka amazulu avuleka kuye, wambona uMoya kaThixo esihla njengehobe, esiza phezu kwakhe. 17Nâlo izwi liphuma ezulwini, lisithi, Lo nguNyana wam oyintánda, endikholisiweyo nguye.

Currently Selected:

UMATEYU 3: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in