YouVersion Logo
Search Icon

UYOSHUWA 9

9
Umnqophiso namaGibheyon
1Kwathi, bakuva bonke ookumkani abanganeno kweYordan ezintabeni, nasezihlanjeni, nangaselwandle lonke olukhulu, kwasingisa eLebhanon, amaHeti, nama-Amori, namaKanan, namaPerizi, 2namaHivi, namaYebhusi, babuthelana ndawonye, ukuba balwe ngamxhelo mnye noYoshuwa namaSirayeli.
3Ke abemi baseGibheyon beva oko akwenzileyo uYoshuwa kwiYeriko, nakwiAyi, 4benza nabo ngobuqhophololo. Baya bazenza izigidimi, babeka iingxowa ezonakeleyo emaesileni abo, neentsuba zewayini ezonakeleyo, ezikrazukileyo, ezibotshiweyo, 5neembadada ezonakeleyo, ezixoliweyo, ezinyaweni zabo; bambatha neengubo ezonakeleyo; nesonka sonke somphako wabo besomile, besingundile kunene. 6Beza kuYoshuwa emkhosini eGiligali, bathi kuye nakumadoda akwaSirayeli, Sivela ezweni elikude; simiseleni ngoko umnqophiso. 7Athi amadoda akwaSirayeli kumaHivi lawo, Hi, kanti nikwahleli phakathi kwethu; sòthini na ukunimisela umnqophiso? 8Bathi kuYoshuwa, Singabakhonzi bakho. Wathi uYoshuwa kubo, Ningoobani na, nivela phi na?
9Bathi kuye, Bavela kwelikude kakhulu ilizwe abakhonzi bakho, ngenxa yegama likaYehova uThixo wakho; kuba siluvile udumo lwakhe, nento yonke awayenzayo eYiputa; 10nento yonke awayenzayo kookumkani bobabini bama-Amori, ababephesheya kweYordan, kuSihon ukumkani waseHeshbhon, nakuOgi ukumkani waseBhashan obeseAshtaroti. 11Atsho kuthi amadoda amakhulu, nabemi bonke belizwe lakowethu, ukuthi, Phathani ezandleni zenu umphako wendlela, niye kuwakhawulela, nithi kuwo, Singabakhonzi benu; simiseleni ngoko umnqophiso. 12Esi sisonka sethu sasenza umphako wethu sishushu ezindlwini zethu, ngomhla wokuphuma kwethu ekhaya ukuza kuni; ngoku nasi somile, singundile; 13iintsuba ezi zewayini sazizalisa zísentsha; nanzi zíkrazukile; nanzi neengubo zethu, neembadada zethu, zonakele ngobude bendlela.
14Acaphula ke amadoda emphakweni wabo, akabuza cebo emlonyeni kaYehova. 15Wenza uxolo nabo uYoshuwa, wabamisela umnqophiso wokubasindisa; zabafungela nezikhulu zalo ibandla.
16Kwathi, ekupheleni kwemihla emithathu emveni kokuba bebamisele umnqophiso, beva ukuba bakufuphi kubo, nokuba bahleli kwaphakathi kwabo. 17Banduluka oonyana bakaSirayeli, bafika emizini yabo ngomhla wesithathu. Imizi yabo yiGibheyon, neKefira, neBheroti, neKiriyati-yeharim. 18Oonyana bakaSirayeli àbababulala, ngokuba izikhulu zebandla zibe zifunge uYehova uThixo kaSirayeli kubo. Lazikrokrela izikhulu lonke ibandla. 19Zathi zonke izikhulu kwibandla lonke, Thina sifungé uYehova uThixo kaSirayeli kubo, ke ngoko asinakubachukumisa. 20Masenjenje kubo: masibasindise, kungabikho burhalarhume phezu kwethu ngenxa yesifungo esabafungela sona. 21Zathi izikhulu kubo, Mabadle ubomi; mababe ngabathezi beenkuni nabakhi bamanzi bebandla lonke; njengoko zathethayo izikhulu kubo. 22Wababiza ke uYoshuwa, wathetha kubo, esithi, Nisikhohliseleni na, nisithi, Simgama kakhulu kuni; kanti nihleli kwaphakathi kwethu? 23Niqalekisiwe ngoko; kuni akuyi kunqumka bakhonzi, bathezi beenkuni, bakhi bamanzi bendlu kaThixo wam.
24Baphendula bathi kuYoshuwa, Baxelelwa ngokuqinisekileyo abakhonzi bakho, okokuba uYehova uThixo wakho wamwisela uMoses umkhonzi wakhe umthetho, ukuba úya kuninika lonke ilizwe, nokuba úya kubatshabalalisa bonke abemi belizwe ebusweni benu; sayoyikela kunene ke imiphefumlo yethu ebusweni benu, senza le nto ke. 25Kalokunje nanku sisesandleni sakho; yenza njengoko kulungileyo, njengoko kuthe tye emehlweni akho ukwenza kuthi.
26Wenjenjalo ke kubo, wabahlangula esandleni soonyana bakaSirayeli, àbababulala. 27UYoshuwa wabenza ngaloo mini abathezi beenkuni nabakhi bamanzi, ebandleni nasesibingelelweni sikaYehova, unanamhla, kuloo ndawo athe wayinyula.

Currently Selected:

UYOSHUWA 9: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in