YouVersion Logo
Search Icon

UYOSHUWA 21

21
Imizi emashumi mané anesibhozo inikelwa abaLevi
1Zasondela iintloko zezindlu zooyise zakwaLevi kuElazare umbingeleli, nakuYoshuwa unyana kaNun, nakwiintloko zezindlu zooyise zezizwe zoonyana bakaSirayeli; 2zathetha kubo eShilo ezweni lakwaKanan, zisithi, UYehova wawisa umthetho ngesandla sikaMoses, ukuba sinikwe imizi yokuhlala, namadlelo ayo eenkomo zethu. 3Oonyana bakaSirayeli babanika abaLevi elifeni labo, ngokomlomo kaYehova, le mizi namadlelo ayo.
4Laphuma iqashiso nemizalwane yamaKehati; yaba yeyoonyana baka-Aron umbingeleli abangabaLevi, esizweni sakwaYuda, nasesizweni sakwaSimon, nasesizweni sakwaBhenjamin, imizi elishumi elinamithathu ngeqashiso elo.
5Abanye oonyana bakaKehati bafumana ngeqashiso imizi elishumi emizalwaneni yesizwe sakwaEfrayim, nasesizweni sakwaDan, nasesiqingatheni sesizwe sakwaManase.
6Oonyana bakaGershon bafumana ngeqashiso imizi elishumi elinamithathu emizalwaneni yesizwe sakwaIsakare, nasesizweni sakwa-Ashere, nasesizweni sakwaNafetali, nasesiqingatheni sesizwe sakwaManase eBhashan.
7Oonyana bakaMerari, ngokwemizalwane yabo, bafumana imizi elishumi elinamibini esizweni sakwaRubhen, nasesizweni sakwaGadi, nasesizweni sakwaZebhulon.
8Oonyana bakaSirayeli babanika abaLevi ngeqashiso loo mizi namadlelo ayo, njengoko uYehova wawisayo umthetho ngesandla sikaMoses. 9Babanika esizweni soonyana bakaYuda, nasesizweni soonyana bakaSimon, yona le mizi ibizwa ngegama layo; 10yaba yeyoonyana baka-Aron emizalwaneni yamaKehati, koonyana bakaLevi; ngokuba laba lelabo iqashiso lokuqala. 11Babanika umzi ka-Arbha, uyise ka-Anaki (ngowaseHebron ke lowo), ezintabeni zakwaYuda, namadlelo ayo ngeenxa zonke. 12Ke amasimi aloo mzi, nemizana yawo, bawanika uKalebhi unyana kaYefune ukuba abe ngawakhe.
13Oonyana baka-Aron umbingeleli babanika owaseHebron nedlelo lawo, umzi ke wokusabela umbulali, neLibhena nedlelo layo, 14neYatire nedlelo layo, ne-Eshtemowa nedlelo layo, 15neHolon nedlelo layo, neDebhiri nedlelo layo, 16neAyin nedlelo layo, neYuta nedlelo layo, neBhete-shemeshe nedlelo layo: imizi esithoba kwezo zizwe zibini. 17Nasesizweni sakwaBhenjamin: iGibheyon nedlelo layo, neGebha nedlelo layo, 18neAnatoti nedlelo layo, neAlemon nedlelo layo: imizi eminé. 19Iyonke imizi yoonyana baka-Aron, ababingeleli, yaba yimizi elishumi elinamithathu inamadlelo ayo.
20Imizalwane yoonyana bakaKehati, yabaLevi abaseleyo koonyana bakaKehati, yafumana imizi yeqashiso layo esizweni sakwaEfrayim. 21Babanika owakwaShekem nedlelo lawo, okweleentaba lakwaEfrayim, umzi ke wokusabela umbulali, neGezere nedlelo layo, 22neKibhetsayim nedlelo layo, neBhete-horon nedlelo layo: imizi eminé. 23Esizweni sakwaDan, iEleteke nedlelo layo, neGibheton nedlelo layo, 24neAyalon nedlelo layo, neGati-rimon nedlelo layo: imizi eminé. 25Esiqingatheni sesizwe sakwaManase, iTahanaki nedlelo layo, neGati-rimon nedlelo layo: imizi emibini. 26Iyonke imizi yaba lishumi namadlelo ayo, ngokwemizalwane yoonyana bakaKehati abaseleyo.
27 Babanika oonyana bakaGershon emizalwaneni yabaLevi, esiqingatheni sesizwe sakwaManase, iGolan eBhashan nedlelo layo, umzi ke wokusabela umbulali, neBheheshtera nedlelo layo: imizi emibini. 28Esizweni sakwaIsakare, iKishon nedlelo layo, neDabherati nedlelo layo, 29neYarmuti nedlelo layo, ne-En-ganim nedlelo layo: imizi eminé. 30Esizweni sakwa-Ashere, iMishali nedlelo layo, neAbhedon nedlelo layo; 31neHelekati nedlelo layo, neRehobhi nedlelo layo: imizi eminé. 32Esizweni sakwaNafetali, iKedeshe kwelaseGalili nedlelo layo, umzi ke wokusabela umbulali; iHamoti-dore nedlelo layo, iKartan nedlelo layo: imizi emithathu. 33Iyonke imizi yamaGershon, ngokwemizalwane yakhe, yaba yimizi elishumi elinamithathu inamadlelo ayo.
34Bayinika imizalwane yoonyana bakaMerari, yabaLevi abaseleyo, esizweni sakwaZebhulon, iYokeneham nedlelo layo, neKarta nedlelo layo, 35neDimna nedlelo layo, neNahalali nedlelo layo: imizi eminé. 36Esizweni sakwaRubhen, iBhetsere nedlelo layo, neYahatsa nedlelo layo, 37neKedemoti nedlelo layo, neMefahati nedlelo layo: imizi eminé. 38Esizweni sakwaGadi, iRamoti kwelaseGiliyadi nedlelo layo, umzi ke wokusabela umbulali; neMahanayim nedlelo layo, 39neHeshbhon nedlelo layo, neYazere nedlelo layo: iyonke loo mizi miné. 40Iyonke imizi yoonyana bakaMerari ngokwemizalwane yabo eseleyo, emizalwaneni yabaLevi, iqashiso labo laba yimizi elishumi elinamibini.
41Iyonke imizi yabaLevi phakathi kwelifa loonyana bakaSirayeli yaba yimizi engamashumi mané anesibhozo, inamadlelo ayo. 42Yonke loo mizi ngaminye yaba nedlelo layo ngeenxa zonke; kwaba njalo kuloo mizi yonke.
43UYehova wawanika ke amaSirayeli lonke ilizwe abelifungele ooyise ukuba wobanika; alihlutha ahlala kulo. 44UYehova wawaphumza ngeenxa zonke, njengako konke awabafungelayo ooyise; akwabakho mntu ezintshabeni zawo zonke umayo phambi kwawo. Zonke iintshaba zawo uYehova wazinikela esandleni sawo. 45Akuwanga zwi phantsi, emazwini onke alungileyo awawathethayo uYehova kwindlu kaSirayeli; enzeka onke.

Currently Selected:

UYOSHUWA 21: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in