YouVersion Logo
Search Icon

UYOBHI 40

40
Ukuphendulana koSomandla noYobhi
1UYehova wamphendula uYobhi, wathi,
2Wóbambana noSomandla na ke umthethiswa?
Umohlwayi kaThixo makakuphendule oko.
3UYobhi wamphendula uYehova, wathi,
4Yabona, ndiphantsi. Ndothini na ukuphendula?
Ndibeka isandla sam emlonyeni wam.
5Ndithethile kwakanye, andiyi kuphinda ndiphendule;
Ndithethile kwakabini, andiyi kuphinda ndibuye ndiqhube.
Intetho yesibini yoSomandla
6UYehova wamphendula uYobhi, esemoyeni ovuthuzayo, wathi,
7Khawuzibhinqise amanqe akho njengomfo;
Ndiya kukubuza, undazise.
8Kanene ùya kwaphula nogwebo lwam na,
Undigwebe, ukuze ube lilungisa?
9Ùnengalo enjengekaThixo na,
Ududume ngezwi njengaye?
10Khawuzihombise ke ngobungangamsha nokuphakama kwakho,
Wambathe indili nobungangamela.
11Makuphalale ukuphuphuma komsindo wakho,
Ulibone lonke ikratshi, uligungxule.
12Líbone lonke ikratshi, ulithobe,
Ubangqule abangendawo ezindaweni zabo.
13Báqhusheke eluthulini kunye,
Ububophe ubuso babo emfihlekweni.
14Nam ndokudumisa,
Ukuba sikusindisile isandla sakho sokunene.
15Khawuyibone imvubu endayenza yanawe:
Idla utyani njengenkomo.
16Khawubone, amandla ayo asemanqeni ayo,
Nokuqina kwayo kusezinyameni zesisu sayo.
17Igoba umsila wayo njengomsedare,•
Imisipha yamathangá ayo ibhijelene.
18Amathambo ayo anjengemibholompo yobhedu,
Amathambo ayo anjengemivalo yesinyithi.
19Iyintlahlela yeendlela zikaThixo;
UMenzi wayo wayinika ikrele layo.
20Ngokuba iintaba ziyithwalela ukudla,
Onke amarhamncwa asendle adlala khona.
21Ibutha phantsi kwemitholo,
Engcotyeni yeengcongolo nomgxobhozo.
22Imitholo iyigubungela ngomthunzi wayo;
Imingculuba yesihlambo iyayijikeleza.
23Yabona, úhamba phandle umlambo, ayiphakuzeli;
Ikholosile, xa kutyhobozela neYordan emlonyeni wayo.
24Inokubanjwa na, inamehlo nje,
Igqojòzwe impumlo ngentsimbi yokuthiyela?

Currently Selected:

UYOBHI 40: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in