UYOBHI 36
36
1Waqokela uElihu, wathi,
2Khawenze kuhle, ndikutyele;
Kuba kusekho ukuthetha okusingisele kuThixo.
3Ndiya kukuphakamisela entweni ekude ukwazi kwam,
Ndimnike ubulungisa uMenzi wam.
4Okwenene, àkubuxoki ukuthetha kwam;
Ogqibeleleyo ngokwazi uphambi kwakho.
5Yabona, uThixo unamandla, akacekisi bani;
Unamandla ngokuqina kwengqondo.
6Akamlondolozeli ebomini ongendawo;
Iintsizana uzinika ibango lazo.
7Akawasusi amehlo akhe kwabangamalungisa;
Úbahlalisa kunye nookumkani etroneni
Ngonaphakade, baphakame ke.
8Ukuba bakhonkxiwe ngemixokelelwane,
Bebanjiwe ngezintya zeentsizi,
9Úbaxelela izenzo zabo
Nezikreqo zabo; ngokuba bezenza amagorha.
10Uzityhilela intethiso iindlebe zabo;
Uthi mababuye ebutshingeni.
11Ukuba bathe beva, bamkhonza,
Boyigqiba imihla yabo ekulungeni,
Neminyaka yabo ebumnandini.
12Ukuba bathe abeva, bogqithela emkhontweni,
Baphume umphefumlo bengenakwazi.
13Ke abaziintshembenxa ngentliziyo babamba umsindo;
Abazibiki xa abakhonkxayo;
14Úfe ke ebuncinaneni umphefumlo wabo,
Nobomi babo bube bobeng'awu kwindawo engcwele.
15Úyamhlangula olusizana ngeentsizi zakhe,
Ayityhile indlebe yakhe ngokuxinwa kwabo.
16Nawe úbengakukhululayo yena emlonyeni wembandezelo,
Akuse endaweni ebanzi, emzantsi ungacuthekileyo;
Nókubekwa etafileni yakho kuzale kukutyeba.
17Ke wena uzele kukugweba kwabangendawo;
Ukugweba nokugwetywa kunako ukukubamba.
18Kuba ubushushu mabungakuxhokonxeli ekutyhwakrazeni izandla,
Nobukhulu bocamagusho mabungàthi gu bucala.
19Ukuzibika kwakho kokubeka ngaphandle kwembandezelo na,
Nemigushanxa yonke yamandla?
20Musa ukuzonda ubusuku
Bokususa izizwe esikhundleni sazo.
21Lumka, ungaguqukeli konobutshinga;
Kuba ùnyulé loo nto kuneentsizi.
22Yabona, uThixo uphakamise ukwenza ngamandla akhe;
Ngubani na umyali onjengaye?
23Ngubani na omphathise indlela yakhe;
Ngubani na ongáthi, Wènzé ngobugqwetha?
24Khumbula ukuba úwukhùlise ngendumiso umsebenzi wakhe,
Awuhlabele ingoma amadoda.
25Bonke abantu bayawubona;
Umntu uwukhangela emgama.
26Yabona, uThixo mkhulu, asimazi;
Inani leminyaka yakhe aligocagoceki.
27Kuba utsalela phantsi amathontsi amanzi,
Achaphaze eyimvula enkungwini yakhe,
28Esiyinisayo isibhakabhaka,
Ivuze phezu kwabantu abaninzi.
29Kanene baya kuqónda na ukwanekwa kwamafu,
Nokuzongoma komnquba wakhe?
30Yabona, waneka phezu kwakhe ukukhanya kwakhe,
Azigubungele ngamazantsi olwandle.
31Kuba ngezo nto ugqweba iziziwe,
Unika ukudla ngento eninzi.
32Izandla zozibini uzigubungela ngombane,
Awuwisele umthetho ngokochanayo.
33Ukugquma kwakhe kuyamxela,
Kwaneenkomo, ukuba úza kunyuka.
Currently Selected:
UYOBHI 36: XHO75
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.