UYOBHI 33
33
1Kodwa khawukuve, Yobhi, ukuthetha kwam,
Uwabekele indlebe amazwi am onke.
2Khawubone, ndiwuvulile umlomo wam,
Luyathetha ulwimi lwam ekhuhlangubeni lam.
3Akukuthi tye kwentliziyo yam amazwi am;
Ukwazi komlomo wam ákuthetha kanyulu.
4UMoya kaThix wandenza,
Nokuphefumla kukaSomandla kundidlise ubomi.
5Ukuba ùnako, ndiphendule;
Yakha uluhlu amazwi phambi kwam; misa.
6Ùyabona, njengawe ndingokaThixo;
Ndacatshulwa eludongweni nam.
7Yabona, ukothusa kwam akuyi kukudandathekisa;
Nokushicilela kwam akuyi kuba nzima phezu kwakho.
8Okunene, ùthethe ezindlebeni zam,
Ndaliva ilizwi lokukhuluma, lisithi,
9Ndiqaqambile, andinalukreqo;
Ndiguxiwe, andinabugwenxa.
10Yabona, ufuna izizekabani zokuthibana nam,
Úthi ndilutshaba lwakhe.
11Úzifaka iinyawo zam esitokisini,•
Úwulinga wonke umendo wam.
12Yabona akulungisi ngaloo nto; ndokuphendula;
Kuba uThixo yena mkhulu kunomntu.
13Yini na ukuba ubambane naye,
Kuba engaphenduli ngeendawo zakhe zonke?
14Kanti, hayi, ngendlela enye uThixo uyathetha,
Nangezimbini, ke akukhathalwa.
15Ephupheni, embonweni wasebusuku,
Bakuwelwa bubuthongo obukhulu abantu,
Ekozeleni elukhukweni;
16Uzityhila oko iindlebe zabantu,
Akutywine akuvingce ukuthethiswa kwabo,
17Ukuze amthinte umntu ekwenzeni into,
Agubungele uqhankqalazo lomfo;
18Awunqande umphefumlo wakhe esihogweni,
Nobomi bakhe bungagqitheli emkhontweni.
19Wohlwaywa umntu ngumvandedwa esililini sakhe,
Nayimfazwe esimakade emathanjeni akhe;
20Ubomi bakhe bukwale ukudla,
Nomphefumlo wakhe wale ukudla okunqwenelekayo.
21Iyadleka inyama yakhe, ingabonakali,
Avele amathambo akhe abengabonakali.
22Úyasondela ke esihogweni umphefumlo wakhe,
Nobomi bakhe kubabulali.
23Ukuba ke kuthe kwakho isithunywa sezulu
Esimlamlelayo, noko sisinye ewakeni,
Sokùmxelela umntu okumfaneleyo:
24Wómbabala, athi,
Mkhulule, angehli aye esihogweni,
Kuba ndilufumene ucamagusho.
25Isuka ibe nentlahla inyama yakhe;
Ubuyela emihleni yobudodana bakhe;
26Uthandaza kuThixo, akholiswe yena nguye;
Abubone ubuso bakhe eduma;
Yena ambuyekeze ke umntu ubulungisa bakhe.
27Lo úvuma ebantwini, athi,
Bendonile, ndakúgwenxa okuthe tye,
Akwalinganiselwa kum njengoko noko.
28Úwukhulúle umphefumlo wam, ukuba ungagqitheli esihogweni,
Nobomi bam bókubona ukukhanya.
29Yabona, oko konke uyakwenza uThixo
Izihlando ezibini nezithathu kumfo,
30Ukuba abuyise umphefumlo wakhe esihogweni,
Ukhanye ngokukhanya kobomi.
31Baza indlebe, Yobhi, phulaphula kum;
Yithi tu, ndithethe mna.
32Ke ukuba ùnokuthetha, ndíphendule;
Thetha, kuba ndifuna ukukugwebela.
33Ukuba akukho, phulaphula kum wena;
Yithi tu, ndikufundise ubulumko.
Currently Selected:
UYOBHI 33: XHO75
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.