YouVersion Logo
Search Icon

UYOBHI 31

31
UYobhi uxela ubumsulwa bakhe
1Ndiwamisele amehlo am umnqophiso;
Ndingáthini na ukuqwalasela entombini?
2Besiya kuba yini na isahlulelo sikaThixo esivela phezulu,
Nelifa loSomandla elivela ezindaweni eziphakamileyo?
3Ukusindeka asikokogqwethayo yini na,
Neshwangusha asilelabenzi bobutshinga yini na?
4Akaziboni na yena iindlela zam,
Awabale onke amabanga am?
5Ukuba ndibe ndihamba nokhohlakeleyo,
Lwangxamela inkohliso unyawo lwam,
6Makandilinganise esikalini• sobulungisa,
Ákwazi uThixo ukugqibelela kwam.
7Ukuba ebethe gu bucala amabanga am endleleni,
Yalandela amehlo am intliziyo yam,
Sanamathela isisihla ezandleni zam:
8Mandihlwayele, kudle omnye,
Iingcambu zabaphume kum zincothulwe.
9Ukuba ibihendekile intliziyo yam ngenxa yomkamntu,
Ndalalela esangweni lommelwane wam,
10Umkam makasilele omnye umntu,
Kuguqe abanye phezu kwakhe.
11Kuba loo nto bubugqwirha,
Loo nto bubugwenxa phambi kwabagwebi.
12Inene, loo nto ngumlilo odla use enzonzobileni;
Ibiya kuncothula iingcambu zongeniselo lwam lonke.
13Ukuba ndibe ndilahle ilungelo lomkhonzi wam nelomkhonzazana wam,
Bakubambana nam,
14Bendingáthini na ukwenza, xa athe uThixo wesuka waphakama?
Xa athe wavela, bendingáthini na ukuphendula?
15Owandenzayo ezibilinini akamenzanga na naye?
Owasimilisa esizalweni akamnye na?
16Ukuba ndibe ndisala nabakungxameleyo abasweleyo,
Ndawaphelisa amehlo omhlolokazi,
17Ndawudla ndedwa umthamo wam,
Ayadla inkedama kuwo:
18Hayi bo! Kwasebuncinaneni bam inkedama yakhulela kum, ngathi ikuyise,
Ndamalathisa umhlolokazi nasesizalweni sikama.
19Ukuba ndibe ndimbona otshabalalayo engenanto yokwambatha,
Ihlwempu lingenanto yokuzigubungela;
20Ukuba abengàndisikeleli amanqe akhe,
Àkazifudumeza ngoboya beemvana zam;
21Ukuba bendilingisile ngesandla sam kwinkedama,
Ngokuba bendiboné uncedo lwam esangweni:
22Igxalaba lam maliwe esixhantini salo,
Nomkhono wam waphuke ethanjeni lawo.
23Bekuya kuba kum ukunkwantya, ukusindeka nguThixo,
Ndikhohlwe phambi kokuphakama kwakhe.
24Ukuba bendenze igolide inqolonci yam,
Ndathi kwecikizekileyo, Nkoloseko yam;
25Ukuba bendikuvuyela ukuba buninzi kobutyebi bam,
Nokufumana kakhulu kwesandla sam;
26Ukuba bendilibona ilanga likhupha imitha,
Nenyanga ihamba indilekile,
27Yahendeka ngasese intliziyo yam,
Ndasangela ngomlomo wam isandla sam:
28Nako oko ngekuba bubugwenxa phambi kwabagwebi;
Kuba ngendiba ndimkhanyele uThixo waphezulu.
29Ukuba ndibe ndivuyela ilishwa londithiyayo,
Ndaxhumela ukuba efunyenwe bububi
30(Ke andilivumelanga ikhuhlangubo lam, ukuba lone,
Ndiwùcele ngentshwabulo umphefumlo wakhe);
31Ukuba babengàtsho abantu bentente yam, ukuthi,
Angaba ngubani na ongahluthanga yinyama yakhe?
32Ubengalali phandle umphambukeli,
Iingcango zam bendizivulela endleleni;
33Ukuba bendilugubungela ukreqo lwam, njengoAdam,
Ngokuqhusheka ubugwenxa bam esifubeni sam,
34Ngakuba bendingcangcazela phambi kwengxokolo eninzi,
Ndaqhiphuka umbilini kukudelwa yimizalwane,
Ndathi cwaka, andaphuma emnyango —
35Andaba bendinondiphulaphulayo!
Nangu umqondiso wam, uSomandla makandiphendule;
Nantsi incwadi ayibhalileyo obambene nam.
36Inene, ndoyithwala ngesixhanti nam,
Ndoyithi jize kum njengesithsaba.
37Inani lamabanga am ndomxelela,
Ndimsondele njengengànga.
38Ukuba umhlaba wam ubukhala ndim,
Nemiqela yawo yalila kunye nawo;
39Ukuba bendiwadla amandla awo kungekho mali,
Ndabanga ukuba uphume umphefumlo womniniwo:
40Makuphume amakhakakhaka esikhundleni sengqolowa,
Nokhula esikhundleni serhasi.
Agqityiwe amazwi kaYobhi.

Currently Selected:

UYOBHI 31: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in