YouVersion Logo
Search Icon

UYOBHI 16

16
Intetho yesiné kaYobhi
1Waphendula uYobhi, wathi,
2Ndivé izinto ezininzi ezinjengezo;
Ningabathuthuzeli abayindinisa, nonke niphela.
3Aphelile na amazwi angumoya?
Ùxhokonxwa yintoni na, ukuba uphendule?
4Nam ndibe ndingathethayo njengani.
Ukuba umphefumlo wenu ubusendaweni yomphefumlo wam.
Ndibe ndinganiqukela ukuthetha,
Ndinihlunguzele intloko;
5Ndibe ndinganikhaliphisa ngomlomo wam,
Nokukhuza komlomo wam kulunqande usizi lwenu.
6Nokuba ndithe ndathetha, àwunqandwa umvandedwa wam;
Nokuba ndithe ndayeka, kumka ntoni na kum?
7Hayi, ngoku úndidinisile;
Ùliphanzisile lonke ibandla lam.
8Ùndintshwenyisile, kwaba lingqina oko;
Kwandimela ukubhitya kwam,
Kwaphendula ebusweni bam.
9Umsindo wakhe wandiqwenga, wanditshutshisa;
Úditshixizele amenyo akhe;
Engumbandezeli wam, uwenzé abukhali amehlo akhe kum.
10Bandakhaméle umlomo;
Ngengcikivo bandibetha ezidleleni;
Bonke bayathelelana ukundichasa.
11UThixo wandinikela kumakhwenkwe,
Wandijulela ezandleni zabangendawo.
12Ndibi ndichulumacha, wándivithavitha,
Wandibamba ngentamo, wandihlekeza,
Wandimisa ndaba yitekeni• kuye.
13Bandirhawula abatoli bakhe,
Wazityanda izintso zam, engenalufefe,
Wayiphalazela emhlabeni inyongo yam.
14Wandenza iinduma ngeenduma,
Wandigila njengegorha.
15Ndathungela iingubo ezirhwexayo enkwaneni yolùsu lwam,
Ndalugquba ngothuli uphondo lwam.
16Ubuso bam bubomvu kunene kukulila,
Phezu kweenkophe zam lithunzi lokufa;
17Nakuba kungekho kugonyamela ezandleni zam,
Uqaqambile umthandazo wam.
18Mhlaba, musa ukuliselela igazi lam,
Kungabi nasikhundla ukuhlahlamba kwam.
19Nangoku, yabona, lisemazulwini ingqina lam;
Ondivumelayo usezindaweni eziphezulu.
20Abandigxekayo ngabethu aba;
Iliso lam liyengezela kuThixo,
21Ukuba alungisele umfo kuThixo,
Ahlule phakathi komntu nommelwane wakhe.
22Kuba iminyaka embalwa iza kudlula,
Ndihàmbe ke umendo endingayi kubuya ngawo.

Currently Selected:

UYOBHI 16: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in