UYOBHI 14
14
1Umntu, into ezelwe ngumfazi,
Imihla yakhe mifutshane, izele ziinkathazo.
2Uphuma njengentyantyambo, abune;
Ubaleka njengethunzi, angemi.
3Onjalo ùmvelela ngeliso lakho,
Undimise mna ematyaleni phambi kwakho?
4Akwaba bekukho ohlambulukileyo ophume koyinqambi!
Akukho nokuba abe mnye.
5Imisiwe nje imihla yakhe,
Liyaziwa nguwe inani leenyanga zakhe;
Umenzéle ke umda wakhe ongenakugqithwa.
6Susa amehlo akho kuye, aphumle,
Ade akholiswe njengomqeshwa yimini yakhe.
7Kuba kukho ithemba emthini;
Ukuba uthe wagawulwa, wóbuya uhlume,
Igatya lawo lingapheli.
8Ukuba ithe yaba ndala ingcambu yawo emhlabeni,
Safa isibili sawo eluthulini:
9Ngevumba lamanzi wódubula,
Wenze amasebe njengesithodlana.
10Ke yena umfo ufa angquleke;
Umntu uphuma umphefumlo; abe phi na ke?
11Amanzi aselwandle ayemka;
Umlambo uyatsha, wome:
12Umntu ulala phantsi ke, angavuki;
Lide izulu lingabikho, bangàqabuki,
Bangàvuswa ebuthongweni babo.
13Akwaba ubungandigushayo kwelabafileyo,
Undisithelise ude ubuye umsindo wakho;
Undimisele umda, undikhumbule ke!
14Ukuba úthe umfo wafa, wóphila na?
Yonke imihla yokuphuma kwam umkhosi, bendinga ndingalinda,
Kude kufike ukukhululwa kwam.
15Ubungábizayo ke, ndisabele mna,
Uwulangazèle umsebenzi wezandla zakho.
16Kuba ngoku uyawabala amabanga am,
Àkuzigcinile ngenxa yesono sam.
17Sitywiniwe savingcelwa engxoweni isikreqo sam;
Wahlomela ebugwenxeni bam.
18Kodwa intaba, isíwa, iyagubeka;
Iliwa liyashenxa endaweni yalo;
19Amanzi ayawadla amatye;
Iziphango zawo ziyalukhukulisa uthuli lomhlaba;
Ithemba lomntu ùyalidakisa ke.
20Ùthi gaga phezu kwakhe kuphele, emke;
Uguqula ubuso bakhe, umgxothe.
21Bayazuka abantwana bakhe, angazi yena;
Baba ziimbedlenge, angagqali yena.
22Kuye yedwa ibuhlungu inyama yakhe,
Umphefumlo wakhe uyalila ngaphakathi.
Currently Selected:
UYOBHI 14: XHO75
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.