YouVersion Logo
Search Icon

UYEREMIYA 52

52
Isihlomelo sembali
1UZedekiya ubeminyaka imashumi mabini anamnye ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka elishumi elinamnye engukumkani eYerusalem; igama lonina belinguHamutali, intombi kaYeremiya waseLibhena. 2Wenza okubi emehlweni kaYehova, njengako konke awakwenzayo uYehoyakim. 3Ngokuba ngenxa yomsindo kaYehova kwenzeka oko eYerusalem nakwaYuda, wada wabalahla ebusweni bakhe.
UZedekiya wamana egwilika kukumkani waseBhabheli. 4Kwathi ngomnyaka wesithoba wobukumkani bakhe, ngenyanga yeshumi, ngosuku lweshumi enyangeni leyo, wayifikela iYerusalem uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, yena nempi yakhe yonke, wayirhawula, wayakhela inqaba yokubonisela ngeenxa zonke. 5Wangqingwa ke umzi, kwada kwaba ngumnyaka weshumi elinamnye wokumkani uZedekiya.
6Ngosuku lwesithoba lwenyanga yesiné, yaqina indlala phakathi komzi, ababa nasonka abantu belizwe. 7Wagqojozwa umzi; asaba onke amadoda okulwa, aphuma phakathi komzi ebusuku ngendlela yesango eliphakathi kweendonga zombini, elisemyezweni wokumkani (aye ke amaKaledi ewujikelezile umzi); ahamba ngendlela yaseArabha.
8Impi yamaKaledi yamsukela ukumkani, yamfumana uZedekiya ezinkqantosini zaseYeriko; yonke impi yakhe yamphalala, yemka kuye. 9Ambamba ukumkani, anyuka naye, amsa kukumkani waseBhabheli eRibhela ezweni leHamati; wawathetha apho amatyala akhe. 10Ukumkani waseBhabheli wabasikela oonyana bakaZedekiya emehlweni akhe; nabathetheli bonke bakwaYuda wabasikela eRibhela. 11Wamtyhaphaza amehlo uZedekiya, wamkhonkxa ngamakhamandela obhedu; ukumkani waseBhabheli wamsa eBhabheli, wamfaka entolongweni kwada kwayimini yokufa kwakhe.
12Ngenyanga yesihlanu, ngosuku lweshumi enyangeni leyo (lo mnyaka ke ngoweshumi elineminyaka esithoba kakumkani uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli), wangena eYerusalem uNebhuzaradan, umthetheli wabasiki, owema phambi kokumkani waseBhabheli. 13Wayitshisa indlu kaYehova, nendlu yokumkani, nezindlu zonke zaseYerusalem; izindlu zonke zezikhulu wazitshisa ngomlilo. 14Iindonga zonke zaseYerusalem ngeenxa zonke yazidiliza yonke impi yamaKaledi, ebinomthetheli wabasiki. 15Kwizisweli zabantu, namasalela abantu ababesele phakathi komzi, namaphamba awaphambelayo kukumkani waseBhabheli, namasalela engxokolo, wawafudusa uNebhuzaradan, umthetheli wabasiki. 16Ke uNebhuzaradan, umthetheli wabasiki, wasalisa kwizisweli zelizwe, ukuze zibe ngabasebenzi bemidiliya nabalimi.
17Iintsika zobhedu ezibe zisendlwini kaYehova, neenqwelwana, nolwandle lobhedu obelusendlwini kaYehova, ezo zinto aziqhekeza amaKaledi, aluthwalela eBhabheli lonke ubhedu lwazo. 18Athabatha neembiza, nemihlakulwana, nezitshetshe, nezitya zokutshiza, neenkamba, neempahla zonke zobhedu ebekulungiselelwa ngazo. 19Umthetheli wabasiki wathabatha izidendeleko, neengcedevu, nezitya zokutshisa, neembiza, neziphatho zezibane, neenkamba, namathunga, igolide kwezegolide, isilivere kwezesilivere. 20Neentsika zombini, ulwandle olunye, neenkomo ezilishumi elinambini zobhedu ezibe ziphantsi kwalo, neenqwelwana awazenzela indlu kaYehova uSolomon ukumkani, alwaba nakulinganiswa ubhedu lwezo mpahla zonke. 21Neentsika ezo, ukuphakama kwenye intsika kube kuziikubhite• ezilishumi elinesibhozo; umtya oziikubhite ezilishumi elinambini ubuyithandela, nezinyuko zayo beziyiminwe eminé; ibiholoholo. 22Ingqukuva yayo ibiyeyobhedu, ukuphakama kwengqukuva bekuziikubhite ezintlanu; umnatha neerharnate bezisengqukuveni ngeenxa zonke; yonke loo nto yabe ilubhedu. Intsika yesibini yabe ikwanjalo, kunye neerharnate. 23Iirharnate bezingamashumi asithoba anantandathu, zibheke emoyeni; iirharnate zonke bezilikhulu phezu komnatha ngeenxa zonke.
24Umthetheli wabasiki wamthabatha uSeraya umbingeleli oyintloko, noZefaniya umbingeleli weyesibini intlantlu, nabagcini-mnyango bobathathu. 25Kuwo umzi wathabatha umbusi wamnye, owayengumveleli wamadoda okulwa, namadoda asixhenxe kuwo abebona ubuso bokumkani, áwafunyanwa phakathi komzi; nombhali womthetheli womkhosi, obehlaba umkhosi kubantu belizwe, namadoda amashumi mathandathu kubantu belizwe, awafunyanwayo phakathi komzi. 26Wabathabatha abo uNebhuzaradan, umthetheli wabasiki, wabása eRibhela, kukumkani waseBhabheli. 27Wabaxabela ukumkani waseBhabheli, wababulala eRibhela ezweni laseHamati. Afuduswa ke amaYuda emhlabeni wawo.
28Ngabo aba abantu awabafudusayo uNebhukadenetsare: ngomnyaka wesixhenxe, amaYuda angamawaka amathathu, anamanci mabini anamathathu; 29ngomnyaka weshumi elinesibhozo kaNebhukadenetsare kwafuduswa eYerusalem imiphefumlo yaba makhulu asibhozo, anamanci mathathu anamibini; 30ngomnyaka wamashumi amabini anamithathu kaNebhukadenetsare, uNebhuzaradan, umthetheli wabasiki, wafudusa amaYuda ayimiphefumlo emakhulu asixhenxe, anamanci mané anamihlanu. Yonke imiphefumlo yaba ngamawaka amané anamakhulu amathandathu.
31Kwathi ngomnyaka wamashumi omathathu anesixhenxe wokufuduswa kukaYehoyakim ukumkani wakwaYuda, ngenyanga yeshumi elinesibini, ngosuku lwamashumi omabini anesihlanu enyangeni leyo, uEvili-merodaki ukumkani waseBhabheli, ngomnyaka wokwenziwa kwakhe ukumkani, wayiphakamisa intloko kaYehoyakim ukumkani wakwaYuda, wamkhupha entolongweni. 32Wathetha naye kakuhle, wayimisa itrone yakhe, yaba ngaphezu kweetrone zabanye ookumkani ababenaye eBhabheli. 33Wazikhulula iingubo zakhe zobubanjwa; wamana ukudla isonka ebusweni bakhe yonke imihla yokuphila kwakhe. 34Umxhesho wakhe, umxhesho wamaxesha onke, wawunikwa, uvela kukumkani waseBhabheli, into yemini ngangemini yayo, kwada kwayimini yokufa kwakhe, yonke imihla yokuphila kwakhe.

Currently Selected:

UYEREMIYA 52: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in