UYEREMIYA 33
33
Amadinga okubuyiswa
1Kwafika ilizwi likaYehova kuYeremiya okwesibini, esavalelwe entendelezweni yentolongo, lisithi, 2Utsho uYehova, uMenzi woku; uYehova, uMyili woku, ukuba akuzimase; ugama lakhe linguYehova, ukuthi, 3Ndínqule, ndikuphèndule, ndikuxelele izinto ezinkulu ezinqabileyo, ongazaziyo.
4Ngokuba utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ngazo izindlu zalo mzi, nangezindlu zokumkani bakwaYuda ezidiliziweyo ngenxa yeendonga zokungqinga, nangenxa yekrele; 5bakubona ukuba baza kulwa namaKaledi, bazizalisa ngezidumbu zabantu, endibabulalayo ngomsindo wam nangobushushu bam, ekungenxa yezinto zabo zonke ezimbi, ukuba ndibusithelise ubuso bam kulo mzi: 6ukuthi, Yabona, ndiwubopha ngezinto ezibotshwayo, eziphilisayo, ndibaphìlise, ndibatyhilele ukuphuphuma koxolo nenyaniso. 7Ndiya kukubuyisa ukuthinjwa kukaYuda nokuthinjwa kukaSirayeli, ndibakhe njengokwasekuqaleni. 8Ndobahlambulula ebugwenxeni babo bonke, aboné ngabo kum; ndibuxolele ubugwenxa babo bonke, boné ngabo kum, bakreqa ngabo kum. 9Lo mzi uya kuba ligama lemihlali kum, indumiso nesihombo kwiintlanga zonke zehlabathi, eziya kukuva konke okulungileyo endikwenzayo kuwo, zinkwantye, zigungqe ngenxa yokulunga konke, nangenxa yoxolo lonke, endiwenzela lona. 10Utsho uYehova ukuthi, Kuya kubuva kuviwe kule ndawo, nitshoyo ukuthi, Ilinxuwa, ayinabantu, ayinankomo, emizini yakwaYuda, nasezitratweni zaseYerusalem, ekusenkangala kuzo, ezingenabantu, ezingenabemi, ezingenankomo: 11kuviwe izwi lemihlali nezwi lemivuyo; izwi lomyeni nezwi lomtshakazi; izwi labathi, Bulelani kuYehova wemikhosi, ngokuba elungile uYehova, ngokuba ingunaphakade inceba yakhe; abazìsa imibulelo endlwini kaYehova. Ngokuba ndiya kukubuyisa ukuthinjwa kwelizwe, limiwe njengokwasekuqaleni; utshilo uYehova. 12Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Kule ndawo ilinxuwa, ingenamantu, ingenankomo, nasemizini yayo yonke, kuya kubuya kubekho ikriwa labalusi, ababuthela imihlambi yabo kulo. 13Emizini yasezintabeni, nasemizini yasezithabazini, nasemizini yelasezantsi, nasezweni lakwaBhenjamin, nangeenxa zonke eYerusalem, nasemizini yakwaYuda, iya kubuya igqithe imihlambi phantsi kwezandla zoyibalayo; utsho uYehova.
14Yabona, kuza imihla, utsho uYehova, endiya kulimisa ilizwi elilungileyo, endalithethayo kwindlu kaSirayeli nakwindlu kaYuda. 15Ngaloo mihla nangelo xesha, ndiya kumhlumisela uDavide iHlumelo loBulungisa, eliya kwenza ngokwesiko nobulungisa ezweni. 16Ngaloo mihla lona liya kusindiswa elakwaYuda, ihlale ikholosile iYerusalem, ukubizwa kwayo kuthiwe, UYehova-ububulungisa-bethu.
17Ngokuba utsho uYehova ukuthi, UDavide akayi kunqunyukelwa ndoda yakuhlala etroneni yendlu kaSirayeli; 18bangànqunyukelwa ndoda ababingeleli abangabaLevi, yakunyusa amadini anyukayo ebusweni bam, iqhumisele ngeminikelo yokudla, yenze imibingelelo imihla yonke.
19Kwafika ilizwi likaYehova kuYeremiya, lisithi, 20Utsho uYehova ukuthi, Ukuba nithe nawaphula umnqophiso wam wemini, nomnqophiso wam wobusuku, ukuze kungabikho mini nabusuku ngexesha elililo: 21wóba uya kwaphulwa nawo umnqophiso wam noDavide umkhonzi wam, ukuba angabi nanyana ungukumkani etroneni yakhe; kwanabaLevi ababingeleli, abalungiselela mna. 22Njengokuba úngenakubalwa umkhosi wezulu, ingenakulinganiselwa intlabathi yolwandle, ndiya kwenjenjalo ukuyandisa imbewu yomkhonzi wam uDavide, nabaLevi abalungiselela mna.
23Kwafika ilizwi likaYehova kuYeremiya, lisithi, 24Akukuboni na abakuthethayo aba bantu, besithi, Imizalwane yomibini, awayinyulayo uYehova, uyicekisile yona? Babagiba ke abam abantu, ngokokude bangabi saba luhlanga phambi kwabo. 25Utsho uYehova ukuthi, Ukuba awumi umnqophiso wam wemini nowobusuku, ukuba imimiselo yezulu neyehlabathi andiyimisanga, 26ndoba ndiya kuyicekisa nembewu kaYakobi noDavide umkhonzi wam; ukuba embewini yakhe ndingabi sathabatha abayilawulayo imbewu ka-Abraham noIsake noYakobi, ngokuba ndiya kukubuyisa ukuthinjwa kwabo, ndibe nemfesane kubo.
Currently Selected:
UYEREMIYA 33: XHO75
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.