YouVersion Logo
Search Icon

EKAYAKOBI 2

2
Impatheko yezityebi namahlwempu
1Bazalwana bam, musani ukukuphatha ngokukhetha buso bamntu, ukukholwa yiNkosi yethu yozuko, uYesu Kristu. 2Kuba, xa kuthe kwangena endlwini yenu yesikhungu indoda enemisesane yegolide, inengubo eqaqambileyo; kwaza ke kwangena ihlwempu, lineengubo ezimdaka; 3naza nakhangela kulowo uvethe ingubo eqaqambileyo, nathi kuye, Hlala apha kakuhle wena; nathi kulo ihlwempu, Yima phaya wena; mhlawumbi, Hlala phantsi apha ngasesihlalweni seenyawo zam: 4anicalulanga na ke phakathi kwenu, naba ngabagwebi abanezicamango ezingendawo? 5Yivani, bazalwana bam baziintánda: uThixo akawanyulanga na amahlwempu eli hlabathi, ukuba abe zizityebi zokholo, neendlalifa zobukumkani, awababeka ngedinga abo bamthandayo? 6Ke nina nilihlazisile ihlwempu. Izityebi azinishicileli na? Zona azinirholeli ematyaleni na? 7Zona azilinyelisi na igama elihle elo, nabizwa ngalo?
8Ukuba okunene niyawuzalisa umthetho wakomkhulu, ngokwesibhalo esithi, Uze umthande ummelwane wakho ngoko uzithanda ngako, nityaphile; 9kodwa ukuba nikhetha ubuso bomntu, nisebenza isono, niyohlwaywa ngumthetho ngokwabagqithi. 10Kuba yena oya kuwugcina umthetho uphela, akhubeke mthethweni mnye, unetyala layo yonke. 11Kuba lowo wathi, Musa ukukrexeza, ubuye wathi, Musa ukubulala. Ke, ukuba akukrexezi, kodwa ubulala, usewuthe waba ngumgqithi-mthetho. 12Yithini ukuthetha, yithini ukwenza, nenze njengabaza kugwetywa ngomthetho wenkululeko. 13Kuba umgwebo awuyi kuba natarhu kulowo ungenzanga nceba; kananjalo inceba iyawuqhayisela umgwebo.
Malunga nokholo nemisebenzi
14Kunceda ntoni na, bazalwana bam, ukuba umntu uthi únokholo, abe imisebenzi ke engenayo? Lunako yini na ukumsindisa ukholo lwakhe? 15Ukuba ke umzalwana, nokuba ngudade, bathi bahambe zé, beswele ukudla imihla ngemihla, 16athi ke omnye wenu kubo, Hambani ninoxolo, yothani, hluthani; nibe ke ningàbaniki izinto ezo ziwufaneleyo umzimba: kunceda ntoni na? 17Ngokunjalo nalo ukholo, ukuba luthi lungabi namisebenzi, lufile ngokukokwalo. 18Wosuka omnye, athi, Wena unokholo, ke mna ndinemisebenzi; ndibonise ukholo lwakho olungenamisebenzi yakho; nam ndokubonisa ngokwasemisebenzini yam ukholo lwam.
19Wena uyakholwa ukuba uThixo mnye; uyatyapha; nazo iidemon ziyakholwa, zibe namanwele. 20Ùyathanda na ke ukwazi, mntundini ungento, ukuba ukholo olu, ingekho imisebenzi, lufile? 21UAbraham, ubawo wethu, akagwetyelwanga na ngokwasemisebenzini, akumnikela uIsake, unyana wakhe, phezu kwesibingelelo? 22Ùyabona ukuba ukholo lwalusebenzisana nemisebenzi yakhe, lwênziwa wagqibelela ukholo ngokwasemisebenzini? 23Saza sazaliseka isibhalo esithi, Wakholwa ke uAbraham nguye uThixo; kwaza oko kwabalelwa ebulungiseni kuye, wabizwa ngokuba sisihlobo sikaThixo.
24Niyabona ke ngoko, ukuba umntu uyagwetyelwa ngokwasemisebenzini; kungabi ngokwaselukholweni lodwa. 25Ngokunjalo ke, noRahabhi, ihenyukazi, akagwetyelwanga na ngokwasemisebenzini, akubamkela ngobubele abathunywa, ábakhuphele phandle ngayimbi indlela? 26Kuba, kwanjengokuba umzimba, ungekho umoya, ufile, ngokunjalo ukholo, ingekho imisebenzi, lufile nalo.

Currently Selected:

EKAYAKOBI 2: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in