YouVersion Logo
Search Icon

UISAYA 6

6
Ukubizwa komprofeti
1Ngomnyaka wokufa kokumkani u-Uziya, ndayibona iNkosi ihleli etroneni ende enyukileyo; amasondo eengubo zayo ezirholayo azalisa itempile. 2Kumi iiserafi• ngaphezu kwayo, iyileyo inamaphiko amathandathu, ngamabini ifihle ubuso bayo, ngamabini ifihle iinyawo zayo, ngamabini iphaphazela. 3Iyileyo indanduluke kuleyo isithi. Úyingcwele, ùyingcwele, ùyingcwele uYehova wemikhosi; buzalise ihlabathi lonke ubuqaqawuli bakhe. 4Yadidizela imigubasi yeminyango lilizwi lowadandulukayo; yaye indlu izele ngumsi. 5Ndathi, Athi ke mna! Ngokuba ndithe shwaka, ngokuba ndiyindoda emlomo uyinqambi; ndihleli phakathi kwabantu abamilomo iyinqambi; ngokuba amehlo am aboné ukumkani, uYehova wemikhosi.
6Yaphaphazela yeza kum enye yeeserafi, iphethe ilahle elivuthayo, elithabathe ngesithabatho esibingelelweni; 7yalifikisa emlonyeni wam, yathi, Yabona, eli lahle lifikile nje emlonyeni wakho, bususiwe ubugwenxa bakho, nesono sakho sicanyagushelwe.
8Ndeva izwi leNkosi, lisithi, Ndothuma bani na? Ngubani na owosiyèla? 9Ndathi, Ndikho, thuma mna. Yathi, Yiya, uthi kubo aba bantu, Yivani, ukuva oku niya kuva, ningaqondi; qiqani, ukubona oku niya kubona, ningaqiqi. 10Yityebise intliziyo yaba bantu, neendlebe zabo zénze zithi nkqi, namehlo abo uwavingce; hleze babone ngamehlo abo, beve ngeendlebe zabo, baqonde ngentliziyo yabo, babuye, baze baphiliswe.
11Ndathi, Kube mzuzu ungakanani na, Nkosi? Yathi, Kude kuye kuchithwa imizi, ingabi nabemi, nezindlu zingabi namntu, utshabalale umhlaba kube senkangala; 12uYehova amse kude umntu, abe maninzi amanxuwa phakathi kwelizwe. 13Kuya kuthi, ukuba kusekho isahlulo seshumi khona, sibuye naso sibe yinto yokutshayelwa; njengomterebhinti• nanjengomoki,• othi ekuwisweni kwawo kushiyeke isiphunzi; yimbewu engcwele ke isiphunzi eso.

Currently Selected:

UISAYA 6: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in