YouVersion Logo
Search Icon

UISAYA 58

58
Uzilo olubuxoki noluyinene
1Danduluka uphimisele, ungathinteleki; phakamisa izwi lakho njengesigodlo, ubaxelele abantu bam ukreqo lwabo, uyixelele indlu kaYakobi izono zayo. 2Ke bayandingxoka imini ngemini, bakunanzile ukuzazi iindlela zam. Njengohlanga olwenze ubulungisa àlwalishiya isiko loThixo walo, bacela kum imigwebo yobulungisa, bakunanzile ukusondela kuThixo. 3Bathi, Yini na ukuba sizile ukudla, ungaboni? siwuthobe umphefumlo wethu, ungazi?
Yabonani, ngomhla wokuzila kwenu nifumana enikunanzileyo, nibakhandanise abasebenzi benu bonke ababulalekayo. 4Yabonani, nizilela ukubambana, niphikisane, nibethane ngenqindi lokungendawo; namhla anizileli ukuze nivakalise ilizwi lenu phezulu.
5Into enjalo ingaba kukuzila endikunyulileyo na? Ingaba ngumhla wokuba umntu awuthobe umphefumlo wakhe na? Ukuthokombisa intloko yakhe njengomzí andlale ezirhwexayo nothuthu, oko ùkubiza ngokuthi kukuzila na? Ngumhla okholekileyo na kuYehova? 6Ukuzila endikunyulileyo àsikoku na: ukucombulula iziqamangelo zokungendawo, ukukhulula izitropu zeedyokhwe, ukundulula abavikivekileyo bekhululekile, náphule zonke iidyokhwe? 7Àsikoku na: ukumqhekezela esonkeni sakho olambileyo, ubangenise endlwini abaziintsizana, abatshutshiswayo? xa uthe wabona ohamba zé, umambese, ungazifihli kwinyama yakho?
8Kuya kwandula ke ukukhanya kwakho kuthi qhiphu njengokusa, kuhlume kamsinya ukupholiswa kwakho, buhambe phambi kwakho ubulungisa bakho, buqoshelise emva kwakho ubuqaqawuli bukaYehova. 9Ùya kwandula ubize, asabele uYehova; uzibike, athi, Ndikho! Ukuba uthe wakususa phakathi kwakho ukufaka idyokhwe, nokwalatha ngomnwe, nokuthetha ubudenge; 10wamvukelisa olambileyo ngento oyidlayo, wawuhluthisa umphefumlo wocinezelweyo: kophumela ke ukukhanya kwakho emnyameni, nesithokothoko sakho sibe njengemini enkulu. 11Úya kuhlala ekwalathisa uYehova, awuhluthise umphefumlo wakho ekubaleleni kwelanga, omeleze amathambo akho, ube njengomyezo onyakanyiswa yimvula, nanjengendawo ephuma amanzi, emanzi angatshiyo. 12Baya kwakha amanxuwa angunaphakade abakowenu, uvuse iziseko zezizukulwana ngezizukulwana; bathi ukukubiza nguMvingci-wamathuba, nguMbuyisi-womendo-wokuhlala.
13Ukuba uthe walubuyisa unyawo lwakho kwisabatha, ukuba ungenzi okunanzileyo ngomhla wam ongcwele; wathi ukuyibiza isabatha isisonwabiso, ingcwele kaYehova; wathi inozuko, wayizukisa ke ngokungenzi iindlela zakho, ngokungafumani okunanzileyo, uthethe iintetho ezingení: 14ùya kwandula ukuziyolisa ngoYehova, ndikukhwelise emimangweni yomhlaba, ndikudlise ilifa likaYakobi uyihlo; kuba umlomo kaYehova uthethile.

Currently Selected:

UISAYA 58: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in