UISAYA 55
55
Iintsikelelo zomnqophiso omtsha owenziwa nguYehova
1Wenani! Nonke nina ninxaniweyo, yizani emanzini, nabangenamali; yizani, thengani nidle; yizani, thengani iwayini namasi, ningenaní, ningenamali. 2Yini na ukuba nilinganisele imali ngento engesonka, nokuxelenga kwenu ngento engahluthisiyo? Phulaphulani kum ninyameke, nidle okulungileyo, umphefumlo wenu uxhamle ukutyeba. 3Thobani iindlebe zenu, nize kum; yivani, uphile umphefumlo wenu; ndenzè umnqophiso ongunaphakade nani, iinceba zikaDavide ezinyanisekileyo. 4Yabona, ndimenzé ingqina ezizweni, ingànga nomwisimethetho ezizweni. 5Yabona, ùya kubiza uhlanga ongalwaziyo, uhlanga olungakwaziyo wena lugidimele kuwe, ngenxa kaYehova uThixo wakho, ngenxa yoyiNgcwele kaSirayeli, kuba ekuhombisile.
6Funani uYehova esenokufunyanwa; mbizeni esekufuphi. 7Ongendawo makashiye indlela yakhe, indoda enobutshinga mayishiye iingcinga zayo, ibuyele kuYehova: woba nemfesane kuyo; ibuyele kuThixo wethu ngokuba woxolela ngokukhulu.
8Kuba iingcinga zam asizizo iingcinga zenu, neendlela zenu asizizo iindlela zam, utsho uYehova. 9Inene, njengokuba izulu liwuphakamele umhlaba, ngokunjalo iindlela zam ziziphakamele iindlela zenu, neengcinga zam ziziphakamele iingcinga zenu. 10Kuba, njengokuba kusihla imvula nekhephu ezulwini, ingabuyeli kulo ingathanga iwunyakamise umhlaba uvunde, iwuhlumise, iwenze untshule, imnike imbewu umhlwayeli, imnike isonka odlayo: 11liya kuba njalo ilizwi lam eliphuma emlonyeni wam; aliyi kubuyela kum lilambatha, lingàkwenzanga endikuthandayo, lingakuphumelelisanga oko ndilithumela kuko. 12Kuba niya kuphuma ninovuyo, nithundèzwe ninoxolo. Iintaba neenduli ziya kugqabhuka zimemelele phambi kwenu, imithi yasendle ibethe izandla. 13Esikhundleni somqaqoba kuya kuphuma imisedare,• esikhundleni serhawu kuya kunyuka imimirtile;• oko kube ligama kuYehova, nomqondiso ongunaphakade ongayi kunqanyulwa.
Currently Selected:
UISAYA 55: XHO75
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.