UISAYA 45
45
Izizwe zeentlanga ziguqukela kuThixo kaSirayeli
1Utsho uYehova kumthanjiswa wakhe, kuKoreshi, endimbambe ngesandla sokunene, ukuba ndizinyathele iintlanga phambi kwakhe; ndikhulùle amanqe ookumkani, ukuba ndizivule iingcango ezingambini, namasango angabi nakuvalwa: 2ukuthi, Ndiya kuhamba phambi kwakho, ndilungelelanise iindawo ezimaqhubu, ndiqhekeze iingcango zobhedu, ndixakaxe nemivalo yesinyithi; 3ndikunike ubuncwane obusemnyameni, neengqwebo ezisezintsithelweni; ukuze wazi, ukuba mna Yehova ndingulo ukubize ngegama, uThixo kaSirayeli. 4Ngenxa yomkhonzi wam uYakobi, uSirayeli umnyulwa wam, ndakubiza ngegama lakho, ndakuthiya namanye amagama, ungàndazi. 5NdinguYehova; akukho wumbi, akukho Thixo ingendim. 6Ndakubhinqa ungàndazi, ukuze bazi, bethabathela ekuphumeni kwelanga bese nasekutshoneni kwalo, ukuba akukho namnye ingendim; ndinguYehova, akukho wumbi. 7NdinguMenzi wokukhanya, uMdali wobumnyama, uMenzi woxolo, uMdali wobubi: mna Yehova ndinguMenzi wezo zinto zonke.
8Vuzisani, mazulu phezulu, síkhumezele ubulungisa isibhakabhaka; mawuvuleke umhlaba, uqhame usindiso, uhlumise ubulungisa kunye: mna Yehova ndikudalile oko.
9Yeha ke, obambana noMenzi wakhe! Ligophe emagopheni ezitya zomdongwe! Udongwe lunokuthi na kumbumbi walo, Wènza ntoni na? nomsèbenzi wakho unokuthi na, Akunazandla? 10Yeha ke, othi kuyise, Ùzaleleni na? nakumfazi, Ùnanimba ngani na? 11Utsho uYehova, oyiNgcwele kaSirayeli, uMenzi wakhe, ukuthi, buzani kum izinto ezizayo; oonyana bam nomsebenzi wezandla zam wuyalezeni kum. 12Mna ndenza ihlabathi, ndadala abantu phezu kwalo; izandla zam, mna lo zaneka izulu, nomkhosi walo wonke ndawuwisela umthetho. 13Mna ndimvelisile ngobulungisa, ndiya kuzilungelelanisa iindlela zakhe zonke. Yena uya kuwakha umzi wam, abakhulule abafuduswa bam, kungarholwanga nani, kungarholwanga sicengo; utsho uYehova wemikhosi.
14Utsho uYehova ukuthi, Ukuxelenga kweYiputa nokurhweba kukaKushi nokwamaSebha, abafo abanewonga, kuya kuwelela kuwe kube kokwakho. Baya kuhamba emva kwakho, baya kuwela benemixokelelwane, baqubude kuwe; baya kuthandaza kuwe, besithi, Inene, úkuwe uThixo; akusekho thixo, akukho nokuba abe mnye. 15Inyaniso, ùnguThixo ozisithelisayo, Thixo kaSirayeli, Msindisi. 16Baya kudana, kananjalo bahlazeke bonke bephela; baya kuhamba behlazekile kunye abaziingcibi zezithixo. 17USirayeli uya kusindiswa nguYehova ngosindiso olungunaphakade; aniyi kudaniswa, aniyi kuhlazeka, kude kuse emaphakadeni asephakadeni.
18Ngokuba utsho uYehova, uMdali wezulu (nguye uThixo), uMenzi wehlabathi, uMseki walo, yena walizinzisayo (akalidalelanga ukuba kube senyanyeni, walibumba ukuba limiwe), ukuthi, NdinguYehova, akukho wumbi. 19Andithethanga entsithelweni, endaweni emnyama yelizwe; anditshongo embewini kaYakobi ukuthi, Ndiquqeleni enyanyeni. Mna Yehova ndithetha ubulungisa, ndixela into ethe tye. 20Buthani nize, sondelani kunye, nina basindileyo basezintlangeni: àbanakwazi ábathwali bomthi womfanekiso wabo oqinqiweyo, ábathándazi bothixo ongásindisiyo.
21Xelani, nifikise; ewe, mabacebisane kunye, ukuthi, Ngubani na owavisa oko kwabamandulo, owakuxelayo kwanini? Asindim na Yehova, ekungekho Thixo wumbi ingendim? UThixo onobulungisa, osindisayo, akakho ingendim.
22Bhekani kum, nisindiswe, nonke ziphelo zehlabathi; ngokuba ndinguThixo, akukho wumbi. 23Ndizifungile, ilizwi liphume emlonyeni ngobulungisa, aliyi kuguqulwa; lithe, Aya kuguqa kum onke amadolo, zifunge mna zonke iilwimi; 24kuthiwe ngokubhekisele kum, KuYehova yedwa bubulungisa namandla, kuyiwa kuye; baya kudana bonke abavutha ngomsindo ngaye. 25NgoYehova iya kugwetyelwa iqhayise yonke imbewu kaSirayeli.
Currently Selected:
UISAYA 45: XHO75
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.