UHOSEYA 11
11
Uthando lukaYehova kubantu bakhe abanobugwenxa
1Oko uSirayeli ebemncinane, ndamthanda, ndambiza unyana wam ukuba aphume eYiputa. 2Bababiza, kwaba kukhona bemkayo ebusweni babo; babingelela kooBhahali,• baqhumisela kwimifanekiso eqingqiweyo. 3Mna ke ndamfundisa uEfrayim ukuhamba, ndibaphatha ngeengalo zam; àbazanga noko, ukuba ndabaphilisa. 4Ndabatsala ngezintya zomntu, ngeentsontelo zothando; kubo ndaba njengomnyinyisi wedyokhwe emihlathini yabo, ndathantamisa ukumnika ukudla.
5Akayi kubuyela ezweni laseYiputa; nguAsiriya ukumkani wakhe; kuba abavumanga ukubuya. 6Ikrele liya kuyijikeleza imizi yakhe, liyigqibele imivalo yakhe, liyidle, ngenxa yamacebo abo. 7Abantu bam baphikele ukubuya umva kum; nakuba bebizelwa phezulu, àbaziphakamisi mpela.
8Ndingàthini na ukukulahla, Efrayim? ndikuncame, Sirayeli? Ndingàthini na ukukulahla njengeAdama, ndikwenze ube njengeTsebhoyim? Intliziyo yam iphethukile phakathi kwam, ububele bam buvuthile kunye. 9Andiyi kukwenza ukuvutha komsindo wam, andiyi kubuya ndimonakalise uEfrayim; ngokuba ndinguThixo, àndimntu; ndingoyiNgcwele phakathi kwakho; andizi ndishushu ngamsindo. 10Baya kumlandela uYehova; uya kubharhula njengengonyama; kuba yena uya kubharhula, bavele entshonalanga oonyana, begubha. 11Baya kuvela eYiputa, begubha njengeentaka, bavele ezweni laseAsiriya njengamavukuthu, ndibabeke ezindlwini zabo; utsho uYehova.
Kukhunjuzwa ngebali likaYakobi
12UEfrayim undirhawule ngobuxoki, indlu kaSirayeli ngenkohliso; noYuda usengumqhathu kuThixo, koyiNgcwele, onyanisileyo.
Currently Selected:
UHOSEYA 11: XHO75
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.