YouVersion Logo
Search Icon

KUMAHEBHERE 6

6
1Endithi ngoko, masithi, siyeka elengqalo ilizwi elithetha ngoKristu, siqhubele kwelokukhula; singàbuyi siseke ngeloguquko emisebenzini efileyo, nokukholwa kuThixo, 2ngelemfundiso yeembaptizo, neyokubekwa izandla, neyovuko lwabafileyo, neyogwebo olungunaphakade. 3Oko ke sokwenza, ukuba angaba uthe uThixo wavuma.
4Kuba abo bakha bakhanyiselwa, bàsiva isipho sasemazulwini, bàba ngamadlelana ngoMoya oyiNgcwele, 5bàyiva incasa yelizwi elihle likaThixo, kwanamandla ephakade eliza kubakho, 6bàza babuya bakreqa: akunakwenzeka ukuba babuye bahlaziyelwe enguqukweni; ekubeni bephinda ukuzibethelelela emnqamlezweni uNyana kaThixo, bamhlaze ekuhléni. 7Kuba umhlaba lo, uyiselayo imvula eza futhi phezu kwawo, uvelise imifuno elungele bona abo ulinywa nokulinywa ngenxa yabo, wamkela intsikelelo kuThixo; 8ke, othi uvelise imithana enameva neenkunzane, awunto yanto, ukufuphi nengqalekiso; esiphelo sisa ekutshisweni.
9Ke ngáni nina, zintánda, sikholose ngelokuthi, nineendawo ezilungileyo kunezo, iindawo eziyelelene nosindiso, nakuba sisenjenje ukuthetha; 10kuba akanantswela-bulungisa uThixo, ukude awulibale umsebenzi wenu, nomzamo wothando enalubonakalalisa kulo igama lakhe, nabalungiseleláyo nje abangcwele, nisamana nibalungiselela. 11Sinqwenela ke, ukuba ulowo kuni alubonakalalise kwaolo lukhuthalo, asingise kwinzaliseko yethemba, ade ase ekupheleni, ukuze ningabi ngababuthuntu; 12ke nibe ngabaxelisa abo bàthi, ngokholo nangokunyamezela, bawadla ilifa amadinga.
Amadinga kaThixo omeleza ithemba
13Kuba wathi uThixo, akumbeka ngedinga uAbraham, ekubeni bekungekho namnye umkhulu kunaye angamfungayo, wazifunga yena, esithi, 14Inene, ndiya kuthi, ndisikelela, ndikusikelele; ndithi, ndisandisa, ndikwandise. 15Waza ngokunjalo, enokunyamezela, walifumanisa idinga. 16Kuba abantu okunene bafunga lowo umkhulu kubo, síthi kubo isifungo siphelise yonke impikiswano, sise engqinisekweni.
17Uthe ngoko uThixo, enga angathi ngokukhona kugqithiseleyo akubonakalalise kwiindlalifa zedinga ukungaguquleki kwecebo lakhe, wasuka walamla ngesifungo; 18ukuze kuthi, ngezinto ezimbini ezingenakuguquleka, angenako ukuxoka ngazo uThixo, sithi thina, bàsindileyo, sàbamba ithemba elibekwe phambi kwethu, síbe novuselelo olunamandla; 19ithemba ke esinalo ngokwaeankile• yomphefumlo, linqabile, likwaqinile, lingena liye ngaphaya kwesikhuselo; 20apho umanduleli uYesu wangena khona ngenxa yethu, ethe, ngokohlobo lukaMelkitsedeke, waba ngumbingeleli omkhulu osa ephakadeni.

Currently Selected:

KUMAHEBHERE 6: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in