KUMAHEBHERE 2
2
UKristu uNyana woMntu uphakamile kunezithunywa. Unako ukuvelana nathi ebuthathakeni
1Ngenxa yoko, simelwe kukuzinyamekela ngokugqithiseleyo izinto esazivayo, hleze sikhukuliswe simke kuzo. 2Kuba, ukuba ilizwi elathethwa ngezithunywa zezulu laqina, kwathi konke ukugqitha nokungeva kwamkela umvuzo oyeleleyo; 3sothini na thina ukusinda, sakuba siluhilizele usindiso olungakanana, lona lwaqalwa ukuthethwa yiyo iNkosi, lwaza lwaqiniselwa kuthi ngabo baluváyo; 4uThixo engqinelana nabo ngemiqondiso kwanezimanga, nemisebenzi ngemisebenzi yamandla, nezabelo zoMoya oyiNgcwele, ngokokuthanda kwakhe?
5Kuba akalithobelanga phantsi kwezithunywa zezulu elimiweyo eliza kubakho, eli sithetha ngalo. 6Ke, wakha wangqina ubani, esithi,
Úyintoni na umntu, le nto ùmkhumbulelayo?
Unyana womntu, le nto umvelelayo?
7Wamnciphisa kancinane kunezithunywa zezulu,
Wamthwesa uzuko nembeko.
Wammisa phezu kwemisebenzi yezandla zakho;
8Zonke izinto wazithobela phantsi kweenyawo zakhe.
(INdum. 8:4-6)
Kuba, ekubeni wazithobela phantsi kwakhe zonke izinto ezo, akashiyanga nto ingathotyelwanga phantsi kwakhe. Kukaloku ke asikaziboni zithotyelwe phantsi kwakhe zonke izinto. 9Ke sibona lo uncitshiswe kancinane kunezithunywa zezulu, uYesu ke, ethe ngenxa yeentlungu zokufa wathweswa uzuko nembeko, ukuze ngobabalo lukaThixo eve ukufa ngenxa yabo bonke. 10Kuba bekumfanele lowo, ezingenxa yakhe zonke izinto ezo, nezingaye zonke izinto ezo, ekubeni ezìse oonyana abaninzi eluzukweni, ukuthi ayenze ngeentlungu igqibelele imbangi yosindiso lwabo. 11Kuba lowo ungcwalisayo, kwanabo bangcwaliswayo, baphuma kumnye bonke; ekungenxa yeli thuba angenazintloni ukubabiza ngokuthi ngabazalwana, 12esithi,
Ndiya kulixela igama lakho kubo abazalwana bam.
Ndivume phakathi kwebandla elokudumisa wena.
(INdum. 22:22)
13Abuye athi, Ndiya kukholosa ngaye. Abuye athi, Yabona, mna nabantwana andinike bona uThixo.
14Ekubeni ngoko abantwana abo bengamadlelane naye ngenyama negazi, wathi naye ngokwakhe ngokukwanjalo wabelana nabo ngezo zinto, ukuze ngako ukufa ambhangise lowo unamandla okufa, oko kukuthi, uMtyholi lo; 15abakhulule ebukhobokeni bonke abo babethe ngalo lonke ixesha lokudla kwabo ubomi bazizisulu zokoyika ukufa. 16Kuba ndithi, akathabatheli kuye zithunywa; uthabathela kuye imbewu ka-Abraham.
17Ekuthe ngoko wafanelwa kukuba afane nabazalwana bakhe ngezinto zonke, ukuze abe ngonenceba, kwanombingeleli othembekileyo omkhulu ezintweni ezilunge kuThixo, ukuze azicamagushele izono zabantu. 18Kuba ekubeni eve ubunzima, ehendiwe naye ngokwakhe, unako ukubasiza abahendwayo.
Currently Selected:
KUMAHEBHERE 2: XHO75
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.