YouVersion Logo
Search Icon

IGENESIS 8

8
Unogumbe
1UThixo wamkhumbula uNowa, neento zonke eziphilileyo, nezinto zonke ezizitho ziné ezazinaye emkhombeni; uThixo wahambisa umoya ehlabathini, awutha amanzi. 2Yavingcwa imithombo yamanzi enzonzobila neengcango zezulu, wathintelwa umvumbi wezulu. 3Abuya amanzi emhlabeni, amana ebuya, awutha amanzi ekupheleni kwemihla elikhulu elinamanci mahlanu. 4Umkhombe wazimisa ngenyanga yesixhenxe, ngosuku lweshumi elinesixhenxe enyangeni leyo, phezu kweentaba zaseArarati. 5Amanzi amana ewutha, kwada kwayinyanga yeshumi; ngeyeshumi ke, ngosuku lokuqala enyangeni leyo, zabonakala iincopho zeentaba.
6Kwathi, ekupheleni kwemihla emashumi mané, wayivula uNowa ifestile yomkhombe abeyenzile; 7wathuma ihlungulu, laphuma lamana lizulazula, ada atsha amanzi ehlabathini. 8Wasusa ihobe, ukuze abone ukuba amanzi awuthile na phezu kwehlabathi. 9Ihobe alifumanaga ndawo yakuphumza nentende yethupha lalo, labuyela kuye emkhombeni, ngokuba amanzi abephezu kwehlabathi lonke; wolula isandla sakhe, walithabatha, walingenisa kuye emkhombeni. 10Walinda eminye imihla esixhenxe, waphinda walisusa ihobe emkhombeni. 11Leza kuye ihobe ngexesha langokuhlwa; nanko, kukho igqabi lomnquma elisandula ukukhiwa emlonyeni walo; wazi uNowa, ukuba ehlile amanzi ehlabathini. 12Walinda eminye imihla ekwasixhenxe, walisusa ihobe; aliphindanga libuyele kuye kanjalo.
13Kwathi, ngomnyaka wamakhulu omathandathu anamnye, ngolokuqala enyangeni yokuqala, amanzi atsha ehlabathini; uNowa walususa uphahla lomkhombe; wakhangela, nango umhlaba womile. 14Ngenyanga yesibini, ngosuku lwamashumi omabini anesixhenxe enyangeni leyo, woma kwaphela umhlaba.
15Wathetha uThixo kuNowa, esithi, 16Phuma emkhombeni, wena nomkakho, noonyana bakho, nabafazi boonyana bakho, ndawonye nawe. 17Zonke izinto eziphilileyo ezikuwe, kwinyama yonke, ezintakeni, nasezintweni ezizitho ziné, nasezinambuzaneni zonke ezinambuzelayo emhlabeni, phuma nazo, zizalìse ihlabathi, ziqhame, zande ehlabathini.
18Waphuma ke uNowa, noonyana bakhe, nomkakhe, nabafazi boonyana bakhe, ndawonye naye. 19Zonke izinto eziphilileyo, zonke izinambuzane, neentaka zonke, iinto zonke ezinambuzelayo emhlabeni, ngeentlobo zazo, zaphuma emkhombeni.
20UNowa wamakhela uYehova isibingelelo, wathabatha kwizinto zonke ezizitho ziné ezihlambulukileyo, nakwiintaka zonke ezihlambulukileyo, wanyusa amadini anyukayo esibingelelweni eso. 21UThixo weva ivumba elithozamisayo, wathi uYehova entliziyweni yakhe, Andisayi kuphinda ndilitshabhise ihlabathi ngenxa yomntu, ngokuba ukuyila kwentliziyo yomntu kubi kwasebutsheni bakhe; andisayi kuphinda ndizibhubhise zonke izinto eziphilileyo, njengoko ndenzé ngako. 22Kuthabathela apha, ngayo yonke imihla yehlabathi, akuyi kuphela ukuhlwayela nokuvuna, ukubanda nobushushu, ihlobo nobusika, imini nobusuku.

Currently Selected:

IGENESIS 8: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in