YouVersion Logo
Search Icon

IGENESIS 4

4
UKayin noAbheli
1Ke kaloku uAdam wamazi uEva umkakhe; wamitha, wazala uKayin,• wathi, Ndizuzé indoda ngoYehova. 2Waphinda wazala umninawa wakhe, uAbheli;• uAbheli waba ngumalusi wezimvu, uKayin waba ngumsebenzi womhlaba.
3Kwathi ekupheleni kwamihla ithile, uKayin wathabatha eziqhameni zomhlaba, wazisa umnikelo kuYehova. 4UAbheli wazisa naye, ethabathe kumazibulo ezimvu zakhe, kwezinamanqatha. Waza uYehova wambheka uAbheli nomnikelo wakhe. 5Akambheka uKayin nomnikelo wakhe. Waqumba kunene uKayin, basangana ubuso bakhe. 6Wathi uYehova kuKayin, Yini na ukuba uqumbe, yini na ukuba busangane ubuso bakho? 7Ukuba uthe walungisa, abuyi kuswabuluka ubuso yini na? Ukuba uthe akwalungisa, isono sibúthumile ngasesangweni, singxamele wena; ke wena, sílawule.
8Wathetha uKayin noAbheli umninawa wakhe, kwathi besendle, wesuka uKayin wamvunukela uAbheli umninawa wakhe, wambulala.
9Wathi uYehova kuKayin, Úphi na uAbheli, umninawa wakho? Wathi yena, Andazi; ndingumgcini womninawa wam, yini na? 10Wathi, Wenzé ntoni na? Izwi legazi lomninawa wakho liyakhala emhlabeni kum. 11Ngoko ùqalekisiwe emhlabeni, owakhamisé umlomo wawo ukuba ùlithabathe igazi lomninawa wakho esandleni sakho. 12Xenikweni uwusebenzayo umhlaba, awusayi kuphinda ukunike amandla awo; ùya kubhadula uphalaphale ehlabathini.
13Wathi uKayin kuYehova, Ityala lam likhulu ngokungenakuthwalwa. 14Yabona, ùndigxothile namhla phezu komhlaba; ndiya kusithela nasebusweni bakho, ndibhadule, ndiphalaphale ehlabathini; bathi bonke abantu abandifumanayo bandibulale. 15Wathi uYehova kuye, Xa kunjalo, bonke ababulala uKayin kophindezelwa kubo kasixhenxe. UYehova wammisela uKayin umqondiso, ukuze bonke abamfumanayo bangamsiki.
16Waphuma uKayin, wemka ebusweni bukaYehova; wahlala ezweni lakwaKuphalaphala phambi kwe-Eden. 17UKayin wamazi umkakhe, wamitha, wazala uEnoki. Wákha umzi, wawuthiya loo mzi ngegama lonyana wakhe uEnoki. 18UEnoki wazalelwa uIradi; uIradi wazala uMehuyaheli; uMehuyaheli wazala uMetusaheli; uMetusaheli wazala uLameki.
19ULameki wazeka abafazi ababini; igama lomnye belinguAda, igama lowesibini belinguZila. 20UAda wazala uYabhali; yena waba nguyise wabahlala ezintenteni, nabafuyileyo. 21Igama lomninawa wakhe belinguYubhali; yena waba nguyise wabo bonke abaphatha uhadi nogwali. 22UZila uthe naye wazala uTubhalekayin, obekhanda yonke impahla enobukhali yobhedu nesinyithi; udade woTubhalekayin ebenguNahama. 23Wathi uLameki kubafazi bakhe,
Ada noZila, liveni ilizwi lam!
Bafazi bakaLameki, phulaphulani intetho yam!
Sendibulele indoda ngenxa yenxeba lam,
Nendodana ngenxa yomvumbo wam;
24Xa uKayin aya kuphindezelwa kasixhenxe,
Yena uLameki uya kuphindezelwa kamashumi osixhenxe anesixhenxe.
25UAdam wabuya wamazi umkakhe, wazala unyana, wathi igama lakhe nguSete,• kuba wathi, UThixo undimisele enye imbewu esikhundleni sika-Abheli owabulawa nguKayin. 26USete naye wazalelwa unyana, wathi igama lakhe nguEnoshe. Kwaqalwa oko ukunqulwa igama likaYehova.

Currently Selected:

IGENESIS 4: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy