IGENESIS 25
25
Ukufa kuka-Abraham
1Wabuya uAbraham wazeka umfazi; igama lakhe lalinguKetura. 2-3Wamzalela uZimran, noYokeshan, noMedan, noMidiyan, noIshibhaki, noShuwa. UYokeshan wazala uShebha noDedan; oonyana bakaDedan bebengama-Asiriya, namaLetushi, namaLehum. 4Oonyana bakaMidiyan nguEfa, noEfere, noEnoki, noAbhida, noElidaha. Bonke abo ngoonyana bakaKetura. 5UAbraham wazinika uIsake zonke izinto abenazo. 6Ke oonyana bamashweshwe, abenawo uAbraham, wabanika izipho uAbraham; wabandulula, bemka kuIsake unyana wakhe, esekho, basinga empumalanga, ezweni lasempumalanga.
7Yiyo le imihla yeminyaka yokudla ubomi kuka-Abraham awayidlayo; yiminyaka elikhulu elinamanci asixhenxe aneminyaka emihlanu. 8UAbraham waphuma umphefumlo, wafa, eyingwevu enkulu, aluphele, ephele ebudaleni; wahlanganiselwa kwabakowabo. 9OoIsake noIshmayeli, oonyana bakhe, bamngcwaba emqolombeni waseMakapela, entsimini kaEfron unyana kaTsohare, umHeti, phambi kowakwaMamre, 10entsimini leyo wayithengayo uAbraham koonyana bakaHeti. Ungcwatyelwe khona uAbraham, noSara umkakhe.
11Kwathi, emveni kokufa kuka-Abraham, uThixo wamsikelela uIsake unyana wakhe; uIsake wahlala ngasequleni likaPhila-ebonile.
12Yiyo le ke inzala kaIshmayeli, unyana ka-Abraham, awathi uHagare umYiputazana, umkhonzazana kaSara, wamzalela uAbraham. 13Ngawo la amagama oonyana bakaIshmayeli, ngamagama abo ngokwenzala yabo: owamazibulo kaIshmayeli nguNebhayoti, noKedare, 14noAdebhele, noMibhesam, noMishma, noDuma, noMasa; 15uHadade, noTema, noYeture, noNafishi, noKedema. 16Ngabo abo oonyana bakaIshmayeli, ngawo lawo amagama abo ngemizi yabo, nangeengqili zabo, izikhulu ezilishumi elinazibini ngokwezizwe zazo. 17Yiyo le iminyaka yokudla ubomi kukaIshmayeli: iminyaka elikhulu elinamanci mathathu, aneminyaka esixhenxe. Waphuma umphefumlo, wafa, wahlanganiselwa kwabakowabo. 18Bema bethabathela eHavila besa eShure, phambi kweYiputa, ukusinga kwelakwa-Asiriya. Wazihlalisa ebusweni babo bonke abazalwana bakhe.
Ukuzalwa koEsawu noYakobi nobutsha babo
19Yiyo le ke inzala kaIsake, unyana ka-Abraham. UAbraham wazala uIsake. 20UIsake waye eminyaka ingamashumi omané ezelwe, ukuzeka kwakhe uRebheka, intombi kaBhetuweli, umAram• wasePadan-aram, udade boLabhan umAram, ukuba abe ngumkakhe. 21Wathandaza uIsake kuYehova mayela nomkakhe, ngokuba ebengazali. Wathandazeka uYehova, wamitha uRebheka umkakhe.
22Batyhalana abantwana embilinini wakhe, wathi, Ukuba kunjalo, yini na ukuba ndibe nje? Waya kubuza kuYehova. 23Wathi uYehova kuye,
Zimbini iintlanga esizalweni sakho;
Kuya kwahluka zizwe zibini esiswini sakho,
Esinye somelele ngaphezu kwesinye;
Omkhulu uya kukhonza omnci.
24Yazaliseka ke imihla yakhe yokuzala, nanko, ingamawele esizalweni sakhe. 25Laphuma elokuqala lingqombela, lonke liphela njengengubo exhonti; balithiya igama elinguEsawu.• 26Emveni koko kwaphuma umninawa walo, isandla sakhe sibambe isithende sikaEsawu, wamthiya igama elinguYakobi.• UIsake wayeminyaka imashumi mathandathu ezelwe, ukuzalwa kwabo.
27Akhula ke amakhwenkwe; uEsawu waba lizingela, indoda yasendle; uYakobi waba yindoda egqibeleleyo, ihleli ezintenteni. 28UIsake wathanda uEsawu, ngokuba inyamakazi ibimnandi emlonyeni wakhe; ke yena uRebheka wathanda uYakobi.
29UYakobi wayepheke ukudla; wafika uEsawu evela ezindle, etyhafile. 30Wathi uEsawu kuYakobi, Khawundiphe ndiginye kwinto engqombela, loo nto ingqombela, kuba ndityhafile; ngenxa yoko kwathiwa igama lakhe nguEdom.• 31Wathi uYakobi, Thengisa namhlanje ngobuzibulo bakho kum. 32Wathi uEsawu, Yabona, ndiza kufa; buyintoni na kum ubuzibulo? 33Wathi uYakobi, Ndífungele namhlanje. Wamfungela; wathengisa ke ngobuzibulo bakhe kuYakobi. 34UYakobi wamnika uEsawu isonka neentlumayo eziphekiweyo; wadla, wasela, wesuka wemka; wabudela ke uEsawu ubuzibulo bakhe.
Currently Selected:
IGENESIS 25: XHO75
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.