UHEZEKILE 36
36
Iintaba zakwaSirayeli ziya kuchuma
1Wena ke, nyana womntu, profeta ngazo iintaba zakwaSirayeli, uthi, Zintaba zakwaSirayeli, liveni ilizwi likaYehova!
2Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba utshaba lusithi ngani, Tshotsho, imimango engunaphakade ibililifa lethu! 3ngako oko profeta uthi, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba, ewe, ngenxa enokuba benenzé kwaba senkangala, baniginya ngeenxa zonke, ukuze nibe lilifa lamasalela eentlanga, naba semilonyeni yabanolwimi nasentlebendwaneni yabantu: 4ngako oko, nina zintaba zakwaSirayeli, liveni ilizwi leNkosi uYehova, lisithi, Itsho iNkosi uYehova kwiintaba nakwiinduli, kwizihlambo nakwimifula, kwiindawo ezibharhileyo ezingamanxuwa nakwimizi eshiyiweyo, eyaba lixhoba nesigculelo samasalela eentlanga ezingeenxa zonke; 5ngako oko, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Inyaniso, ndithethé ngomlilo wobukhwele bam ngawo amasalela eentlanga, nangamaEdom onke ephela, alenzé ilifa lawo ilizwe lam, evuyile ngentliziyo yonke, ecukuceza ngomphefumlo, ukuze alilahle libe lixhoba.
6Ngako oko, profeta ngomhlaba wakwaSirayeli, uthi kwiintaba nakwiinduli, kwizihlambo nakwimifula, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabonani, ndithethé ndinobukhwele, ndinobushushu, ngenxa enokuba nilithwele ihlazo leentlanga. 7Ngako oko, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Mna ndisiphakamisile isandla sam; inyaniso, iintlanga ezingeenxa zonke kuni, zona ziya kuthwala ihlazo lazo.
8Ke nina, zintaba zakwaSirayeli, niya kuvelisa amasebe, iziqhamo zenu nizixakathele abantu bam amaSirayeli; ngokuba sekukufuphi ukuvela kwazo. 9Ngokuba, niyabona, ndingakuni; ndobuyela kuni, nilinywe, nihlwayelwe. 10Ndiya kwandisela abantu phezu kwenu, yonke indlu kaSirayeli, yonke iphela, imiwe imizi, akhiwe amanxuwa. 11Ndiya kwandisela abantu ke neenkomo phezu kwenu, bande, baqhame; ndinènze nimiwe ngokwangaphambili ke, ndinenzele okulungileyo ngaphezu kokwasekuqaleni kwenu; názi ukuba ndinguYehova. 12Ndohambisa abantu phezu kwenu, abantu bam amaSirayeli, bakuzuze ube lilifa labo, ungasabuyi ubahluthe abantwana.
13Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba bathi kuwe, Usisidlabantu, uluhluthe abantwana uhlanga lwakho: 14ngako oko akuyi kubuya ube sisidlabantu, ungabuyi ulukhubekise uhlanga lwakho; itsho iNkosi uYehova. 15Andiyi kubuya ndikuvise ihlazo leentlanga, ungabuyi usithwale isingcikivo sezizwe, ungabuyi ulukhubekise uhlanga lwakho; itsho iNkosi uYehova.
USirayeli wohlwayelwa izono zakhe
16Kwafika ke ilizwi likaYehova kum, lisithi, 17Nyana womntu, xa indlu kaSirayeli yabe ihleli emhlabeni wayo, báwenza inqambi ngeendlela zabo nangeentlondi zabo; iindlela zabo phambi kwam zaba njengobunqambi bomfazi onomzi. 18Ndaphalaza ubushushu bam phezu kwabo ngenxa yegazi, ababeliphalaze ezweni elo, nangenxa yokulenza inqambi kwabo ngezigodo zabo. 19Ndabenza baba lusali ezintlangeni, bachithwachithwa emazweni; ndabagweba ngokweendlela zabo, nangokweentlondi zabo. 20Bafika ezintlangeni ezo babesiya kuzo, balihlambela igama lam elingcwele; ekubeni bekusithiwa ngabo, Ngabantu bakaYehova aba, baphumé ezweni lakhe. 21Ndaba nofefe ngenxa yegama lam elingcwele, ebeyilihlambele indlu kaSirayeli ezintlangeni ábaya kuzo.
Ukubuyiswa kukaSirayeli ngenxa yeNkosi
22Ngako oko yithi kwindlu kaSirayeli, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Andenzi ngenxa yenu, ndlu kaSirayeli; ndenza ngenxa yegama lam elingcwele, enilihlambeleyo ezintlangeni ebe niye kuzo. 23Ndiya kulingcwalisa igama lam elikhulu, elihlanjelweyo ezintlangeni, enilihlambeleyo phakathi kwazo; ukuze zazi iintlanga ukuba ndinguYehova, itsho iNkosi uYehova, ndakùzingcwalisa ngokwam kuni emehlweni azo.
24Ndonithabatha ke ezintlangeni, ndinibuthe emazweni onke, ndinise emhlabeni wenu. 25Ndiya kunitshiza ngamanzi amhlophe, nihlambuluke; ndinihlambùlule kubunqambi benu bonke, nakwizigodo zenu zonke. 26Ndoninika intliziyo entsha, ndininike umoya omtsha ngaphakathi kwenu; ndiyisuse intliziyo elilitye enyameni yenu, ndininike intliziyo eyinyama. 27Ndofaka uMoya wam ngaphakathi kwenu, ndinenze nihambe ngemimiselo yam, niwagcine amasiko am, niwenze; 28niya kuhlala ezweni endalinika ooyihlo; nibe ngabantu bam, mna ndibe nguThixo wenu. 29Ndiya kunisindisa ebunqambini benu bonke, ndibize ingqolowa, ndiyandise, ndinganiziseli indlala. 30Ndosandisa isiqhamo somthi nokuphuma emasimini, ukuze ningabuyi namkeliswe isingcikivo sendlala ezintlangeni. 31Niya kuzikhumbula ke iindlela zenu ezimbi, neentlondi zenu ezingalungileyo, nizikruqukele ngokwenu, ngenxa yobugwenxa benu nangenxa yamasikizi enu. 32Andiyi kukwenza oku ngenxa yenu, itsho iNkosi uYehova; makwazeke oko kuni. Danani, nibe nehlazo ngenxa yeendlela zenu, ndlu kaSirayeli.
33Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngemini endiya kunihlambulula ngayo ebugwenxeni benu bonke, ndiya kuyenza imizi ukuba imiwe, akhiwe amanxuwa. 34Ilizwe ebe kusenkangala kulo liya kulinywa, endaweni yokuba bekusenkangala kulo emehlweni abo bonke abadlulayo. 35Baya kuthi, Eli lizwe, bekusenkangala kulo, lisuke laba njengomyezo wase-Eden; nemizi ebeyibharhile, ebingamanxuwa, ebigungxulwe, imiwe, inqatyisiwe. 36Ziya kwazi ke iintlanga eziseleyo ngeenxa zonke kuni, ukuba mna Yehova ndakha into egungxulweyo, ndiyityale indawo ebe kusenkangala kuyo. Mna Yehova ndithethile, ndiya kwenza.
37Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngale nto ndisaya kuquqelwa yindlu kaSirayeli, ukuba ndibenzele; ndiya kubandisa babe sisintu njengomhlambi; 38njengomhlambi ongamadini angcwele, njengomhlambi waseYerusalem ngamaxesha ayo amisiweyo; ukuzala yimihlambi yabantu, iya kuba njalo imizi engamanxuwa; bazi ukuba ndinguYehova.
Currently Selected:
UHEZEKILE 36: XHO75
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.