YouVersion Logo
Search Icon

IEKSODUS 33

33
UMoses uthandazela amaSirayeli
1Wathi uYehova kuMoses, Hamba unyuke, umke apha, wena nabantu obanyusileyo ezweni laseYiputa, uye kulo ilizwe endalifungela uAbraham noIsake noYakobi, ndisithi, Ndiya kulinika imbewu yakho. 2Ndothuma phambi kwakho isithunywa, ndiwagxothe amaKanan, nama-Amori, namaHeti, namaPerizi, namaHivi, namaYebhusi; 3niye ezweni elibaleka amasi nobusi; ke andisayi kunyuka phakathi kwenu nina; kuba ningabantu abantamo ilukhuni, hleze ndiniphelise endleleni.
4Baliva ke abantu elo lizwi libi, benza isijwili; akwabakho mntu uzinxibayo izivatho zakhe. 5Wathi uYehova kuMoses, Yithi koonyana bakaSirayeli, Ningabantu abantamo ilukhuni; ndingáthi, ndinyuké phakathi kwenu, ndiniphelise ngephanyazo. Ke ngoko, zikhululeni izivatho zenu, ndize ndazi endokwenza kuni. 6Bazijaca oonyana bakaSirayeli izivatho zabo, beqalela entabeni yaseHorebhe.
7Wayithabatha uMoses intente, wayitwabululela ngaphandle kweminquba, kude neminquba, wathi yintente yokuhlangana. Kwathi ke, bonke abamfunayo uYehova baphuma, baya ententeni leyo yokuhlangana ingaphandle kweminquba. 8Kwathi, xa uMoses aphumayo esiya ententeni leyo, besuka bema bonke abantu, walowo wema emnyango wentente yakhe, wakhangela kuMoses, wada waya kungena ententeni leyo.
9Kwathi, xa uMoses wangenayo ententeni leyo, wehla umqulu welifu, wema emnyango wentente leyo; wathetha yena noMoses. 10Bawubona abantu bonke umqulu welifu, umi emnyango wentente leyo; besuka bema bonke abantu, baza baqubuda, elowo esemnyango wentente yakhe. 11UYehova wathetha kuMoses, bekhangelene ebusweni, njengomntu ethetha nomhlobo wakhe, wabuyela kwaseminqubeni; ke umlungiseleli wakhe, uYoshuwa unyana kaNun, umfana, akasukanga yena ententeni leyo.
12Wathi uMoses kuYehova, Uyabona, ùthi kum, Nyusa aba bantu; ke wena akundazisanga lowo ùya kundithuma naye; kanti ke ùthe, Ndikwazile ngegama, kananjalo ndikubabále. 13Ngoko ukuba undibabále, khawundazise indlela yakho, ukuze ndikwazi, ukuze undibabale, ukhumbule ukuba olu hlanga lungabantu bakho. 14Wathi, Ubuso bam bohamba nawe, ndikunike ukuphumla. 15Wathi kuye, Ukuba ubuso bakho abuhambi nathi, musa ukusinyusa, simke apha. 16Kuya kwaziwa kwaziwe ngantoni na khona, ukuba undibabále mna nabantu bakho? Àkungokuthi na uhambe nathi, sibáluleke thina, mna nabantu bakho, ebantwini bonke abaphezu komhlaba?
17Wathi uYehova kuMoses, Nale nto uyithethileyo ndiya kuyenza; kuba ndikubabále, ndikwazile ngegama. 18Wathi yena, Khawundibonise ubuqaqawuli bakho. 19Wathi, Ndiya kukudlulisa konke ukulunga kwam ebusweni bakho, ndivakalise igama likaYehova phambi kwakho, ndibabale endimbabalayo, ndisikwe yimfesane kondosikwa yimfesane ngaye. 20Wathi, Akunakububona ubuso bam; kuba akukho mntu undibona aphile. 21Wathi uYehova, Nantsi ke indawo ngakum; uze ume phezu kweliwa; 22kuthi, ekudluleni kobuqaqawuli bam, ndikubèke emqhokrweni weliwa, ndikugubungele ngesandla sam, ndide ndidlule; 23ndize ndisuse isandla sam, uwubone umva wam. Ke bona ubuso bam abuyi kubonwa.

Currently Selected:

IEKSODUS 33: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in