IEKSODUS 17
17
UMoses ubetha iliwa kuphume amanzi
1Landuluka lonke ibandla loonyana bakaSirayeli entlango yaseSin ngokweehambo zabo, ngelizwi likaYehova; bazimisa iintente eRefidim. Akwabakho manzi okuselwa ngabantu.
2Babambana abantu noMoses, bathi, Sínike amanzi, sisele. Wathi uMoses kubo, Yini na ukuba nibambane nam? Yini na ukuba nimlinge uYehova? 3Banxanelwa amanzi apho abantu; abantu bamkrokrela uMoses, bathi, Yini na ukuba usinyuse siphume eYiputa, nosapho lwethu, nemfuyo yethu, uze kusibhubhisa ngenxano? 4UMoses wadanduluka kuYehova, esithi, Ndiya kubathini na aba bantu? Sekukancinane ukuba bandixulube ngamatye. 5Wathi uYehova kuMoses, Gqithela phambi kwabantu, uthabathe amadoda amakhulu akwaSirayeli abe nawe; uthi nentonga yakho, owawubetha ngayo umlambo, uyiphathe esandleni sakho, uhambe. 6Yabona, ndiya kuma phambi kwakho khona, phezu kweliwa eHorebhe; uze ulibethe iliwa; kophuma amanzi kulo, basele abantu. Wenjenjalo ke uMoses phambi kwawo amadoda amakhulu akwaSirayeli. 7Wathi igama laloo ndawo yiMasa• neMeribha,• ngenxa yokubambana koonyana bakaSirayeli, nangenxa yokumlinga kwabo uYehova, besithi, UYehova ukho na phakathi kwethu, akakho, kusini na?
AmaSirayeli achaswa nguAmaleki eRefidim
8UAmaleki weza, walwa noSirayeli eRefidim. 9Wathi uMoses kuYoshuwa, Sihlelele amadoda; uze wena uphume ulwe noAmaleki; mna ngomso ndiya kuma encotsheni yenduli, intonga kaThixo isesandleni sam. Wenza uYoshuwa njengoko wathethayo uMoses kuye, walwa noAmaleki; 10bona ooMoses na-Aron noHure benyuka baya encotsheni yenduli. 11Kwathi, xa aziphakamisileyo uMoses izandla, kweyisa uSirayeli; kwathi xa azihlisileyo izandla, kweyisa uAmaleki. 12Izandla zikaMoses zadinwa. Bathabatha ilitye, balibeka phantsi kwakhe, wahlala kulo; bathi ooAron noHure bazixhasa izandla zakhe, omnye engapha, nomnye engaphaya. Zazimaseka izandla zakhe, lada ilanga latshona. 13UYoshuwa wamchitha uAmaleki nabantu bakowabo ngohlangothi lwekrele.
14Wathi uYehova kuMoses, Kubhale oku kube sisikhumbuzo encwadini, ukuthethe ezindlebeni zikaYoshuwa; ngokuba ndiya kusicima impela isikhumbuzo sika-Amaleki phantsi kwamazulu. 15UMoses wákha isibingelelo, wathi igama laso nguYehova-ibhanileyam. 16Wathi, Isandla siphakanyiselwe etroneni kaYehova, ukuba uYehova uya kulwa imfazwe noAmaleki isizukulwana ngesizukulwana.
Currently Selected:
IEKSODUS 17: XHO75
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.