IEKSODUS 11
11
Oonyana bamazibulo baseYiputa bayasongelwa
1UYehova wathi kuMoses, Ndisaya kufikisa sibetho sinye phezu koFaro naphezu kweYiputa, emveni koko wónindulula nimke apha; xa anindulula kuphele, úya kunigxotha kanye, nimke apha. 2Khawuthethe ezindlebeni zabantu, ithi inkazana icele kummelwane wayo, indoda icele kummelwane wayo, iimpahla zesilivere neempahla zegolide. 3UYehova wabababala abantu emehlweni amaYiputa. Kananjalo indoda leyo inguMoses yayinkulu kunene ezweni laseYiputa kubakhonzi bakaFaro nasebantwini.
4Wathi uMoses, Utsho uYehova ukuthi, Xa kuphakathi kobusuku, ndiya kuphuma ndihambe phakathi kweYiputa, 5afe onke amazibulo ezweni laseYiputa, ethabathela kumazibulo kaFaro, ohleliyo etroneni yakhe, ese kumazibulo omkhonzazana osemva kwamatye okusila, namazibulo onke eenkomo; 6kubekho isikhalo esikhulu ezweni lonke laseYiputa, ekungazanga kubekho sinjalo, kwaye kungayi kuphinda kubekho sinjalo. 7Ke kubo bonke oonyana bakaSirayeli, akukho nja iya kubavungamela, kuthabathela emntwini kuse ezinkomeni; ukuze nazi ukuba uYehova uyawahlula amaYiputa kumaSirayeli; 8behle bonke abakhonzi bakho abo, beze kum, baqubude kum, besithi, Phuma wena nabantu bonke abakulandelayo; ndiphume ke emveni koko. Waza waphuma kuFaro, evutha ngumsindo.
9UYehova wathi kuMoses, Akayi kuniphulaphula uFaro, ukuze zande izimanga zam ezweni laseYiputa. 10UMoses noAron bazenza ke ezi zimanga zonke phambi koFaro; uYehova wayenza lukhuni intliziyo kaFaro, akabandulula oonyana bakaSirayeli ezweni lakhe.
Currently Selected:
IEKSODUS 11: XHO75
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.