IDUTERONOMI 6
6
Iziyalo ezisingisela kululamo
1Nguwo lo umthetho, imimiselo ke kwanamasiko, awaniwiselayo uYehova uThixo wenu, ukuba niwufundiswe, niwenze ezweni elo niwelela kulo ukuba nilimé; 2ukuze umoyike uYehova uThixo wakho, uyigcine yonke imimiselo yakhe nemithetho yakhe endikuwiselayo, wena nonyana wakho, nonyana wonyana wakho, yonke imihla yobomi bakho, ukuze yolulwe imihla yakho. 3Yiva ke, Sirayeli, ugcine ukwenza, ukuze kulúnge kuwe, ukuze nande kunene ezweni elibaleka amasi nobusi, njengokuba uYehova, uThixo wooyihlo, akuthethileyo kuwe.
4Yiva, Sirayeli: uYehova uThixo wethu nguYehova mnye. 5Uze umthande uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho yonke, nangomphefumlo wakho wonke, nangamandla akho onke.
6La mazwi ndikuwisela umthetho ngawo namhlanje, aze abe sentliziyweni yakho. 7Uze uwatsolise koonyana bakho, uthethe ngawo ekuhlaleni kwakho endlwini yakho, nasekuhambeni kwakho ngendlela, nasekulaleni kwakho, nasekuvukeni kwakho; 8uwabophe esandleni sakho abe ngumqondiso, abe zizikhumbuzo phakathi kwamehlo akho; 9uwabhale emigubasini yendlu yakho, nasemasangweni akho.
10Kothi, xa athe wakungenisa uYehova uThixo wakho kulo ilizwe abelifungele ooyihlo, ooAbraham noIsake noYakobi, ukuba akunike: imizi emikhulu, emihle, ongayakhanga; 11nezindlu ezizele zizinto zonke ezintle, ongazizalisanga; namaqula ambiweyo, ongawambanga; nezidiliya nezinquma, ongazityalanga; wadla wahlutha: 12uzigcine, hleze umlibale uYehova okukhuphileyo ezweni laseYiputa, endlwini yobukhoboka. 13UYehova uThixo wakho ùze umoyike, umkhonze, ufunge igama lakhe. 14Nize ningalandeli thixo bambi koothixo bezizwe eziningqongileyo; 15ngokuba nguThixo onekhwele, uYehova uThixo wakho phakathi kwakho; hleze umsindo kaYehova uThixo wakho uvuthe ngakuwe, ukutshabalalise, ungabikho ehlabathini.
16Nize ningamlingi uYehova uThixo wenu, njengoko namlingayo eMasa. 17Nize niyigcine niyigcinile imithetho kaYehova uThixo wenu, nezingqino zakhe, nemimiselo yakhe, awakuwiselayo; 18wenze okuthe tye, okulungileyo emehlweni kaYehova; ukuze kulúnge kuwe, ungene ulimé ilizwe elihle, awalifungela ooyihlo uYehova, 19ukuba azigxothe iintshaba zakho zonke ebusweni bakho, njengoko wathethayo uYehova.
20Xa athe unyana wakho wakubuza ngomso, esithi, Zezani na ezi zingqino nemimiselo namasiko, aniwiseleyo uYehova uThixo wethu? 21wòthi kunyana wakho, Sibe singamakhoboka kaFaro eYiputa; wasikhupha uYehova eYiputa ngesandla esithe nkqi; 22uYehova wênza eYiputa imiqondiso nezimanga ezikhulu, ezibi, kuFaro, nasendlwini yakhe yonke, emehlweni ethu; 23wasikhupha khona, ukuze asingenise, ukuba asinike ilizwe elo abelifungele oobawo. 24Wasiwisela umthetho uYehova, ukuba siyenze le mimiselo yonke, ukuba simoyike uYehova uThixo wethu, kulúnge kuthi yonke imihla, silondolozelwe ebomini, njengoko kunjalo namhla. 25Koba bubulungisa kuthi, xa sithe sagcina ukuwenza wonke lo mthetho phambi koYehova uThixo wethu, njengoko wasiwiselayo umthetho.
Currently Selected:
IDUTERONOMI 6: XHO75
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.