YouVersion Logo
Search Icon

IDUTERONOMI 33

33
UMoses usikelela izizwe ezilishumi elinazibini
1Yiyo le intsikelelo, awabasikelela ngayo uMoses, indoda yakwaThixo, oonyana bakaSirayeli, phambi kokufa kwakhe, wathi:
2UYehova wavela eSinayi,
Waphuma kwaSehire phezu kwabo;
Wabengezela esezintabeni zeParan,
Weza ephuma kwiingcwele ezimawaka alishumi,
Ekunene kwakhe ikukubinza komlilo kubo.
3Inene, úyazithanda izizwe.
Bonke abangcwele bakhe basesandleni sakho,
Bahlala ezinyaweni zakho,
Besuke ngamazwi akho.
4UMoses wasiwisela umyalelo,
Ilifa ke elo lebandla lakwaYakobi.
5Waba ngukumkani kwaYeshurun,
Ekuzihlanganiseni iintloko zabantu,
Izizwe zakwaSirayeli zindawonye.
6URubhen makadle ubomi, angafi;
Angabi mbalwa amadoda akhe.
7Le yintsikelelo kaYuda, wathi,
Yiva, Yehova, izwi likaYuda,
Umngenise kubantu bakowabo;
Úyabalwela ngezandla zakhe;
Ùmnceda wena kubabandezeli bakhe.
8Wathi ngoLevi,
IiTumim zakho neeUrim• zakho zezomntu wakho wenceba,
Owamlingayo eMasa,•
Wabambana naye emanzini aseMeribha.•
9Lowo uthi kuyise nakunina, Andikuboni;
Akatheni nabazalwana bakhe,
Akabazi noonyana bakhe;
Ngokuba egcine intetho yakho,
Wabamba umnqophiso wakho.
10Baya kumyala uYakobi ngamasiko akho,
Bamyale uSirayeli ngomyalelo wakho,
Babeke isiqhumiso ezimpumlweni zakho,
Namadini apheleleyo esibingelelweni sakho.
11Sikelela, Yehova, amandla akhe,
Ukholeke kuwe umsebenzi wezandla zakhe.
Baphaluswe emanqeni abavukelana naye,
Nabamthiyileyo bangabi nakuvuka.
12NgoBhenjamin wathi,
Intanda kaYehova iya kuhlala kuye ikholosile;
Úyikhúsele imini yonke,
Ihlala phakathi kwamagxa akhe.
13NgoYosefu wathi,
Malisikelelwe nguYehova ilizwe lakhe
Ngezinto ezinconywayo zezulu;
Ngombethe nangamanzi enzonzobila elele ezantsi,
14Nangezinconywayo eziveliswa lilanga,
Nangezinconywayo ezihlunyiswa ziinyanga,
15Nangeencopho zeentaba zamandulo,
Nangezinconywayo zeenduli ezingunaphakade,
16Nangezinconywayo zomhlaba nenzaliseko yawo.
Nekholo lowahlala etyholweni
Malifike entlokweni kaYosefu,
Naselukakayini lwalowo ubalulekileyo kubazalwana bakhe.
17Eyamazibulo inkunzi yakhe, hayi, ubungangamsha bayo!
Ziimpondo zenqu iimpondo zayo;
Ngazo ihlaba izizwe, ngaxa-nye iziphelo zehlabathi.
Ngamawaka alishumi akwaEfrayim ke lawo.
Ngamawaka akwaManase ke lawo.
18NgoZebhulon wathi,
Vuya, Zebhulon, ngokuphuma kwakho;
Vuya, Isakare, ngeentente zakho.
19Baya kumema izizwe, zize entabeni,
Babingelele khona imibingelelo yobulungisa;
Ngokuba besanya ubutyebi beelwandle
Nezinto eziselelwe entlabathini.
20NgoGadi wathi,
Makabongwe owandisa uGadi.
Ubuthuma njengengonyamakazi,
Adlavule umkhono, ewe, nokakayi.
21Wazibonela isahlulo esiyingqalo;
Ngokuba besibekwe khona isabelo sommisi-mthetho.
Weza kwiintloko zabantu,
Wenza ubulungisa bukaYehova,
Namasiko akhe ndawonye namaSirayeli.
22Wathi ngoDan,
UDan lithole lengonyama;
Usuka umtsi eBhashan.
23NgoNafetali wathi,
Nafetali, ukholisiweyo kanye,
Uzeleyo yintsikelelo kaYehova,
Wòluhlutha ulwandle nomzantsi.
24NgoAshere wathi,
Úsikelelwe ngaphezu koonyana uAshere;
Makabe likholo phakathi kwabazalwana bakhe,
Athi nkxu unyawo lwakhe eolini.
25Imivalo yakho yoba sisinyithi nobhedu,
Kube ngangeemini zakho ukonwaba kwakho.
26Akukho unjengoThixo, Yeshurun,
Ulokhwela emazulwini eluncedo lwakho,
Ulokhwela esibhakabhakeni enobungangamsha bakhe.
27Likhaya uThixo wamandulo,
Ngaphantsi ziingalo ezingunaphakade.
Ugxotha utshaba ebusweni bakho;
Uthi, Tshabalalisa!
28USirayeli uhlala ekholosile,
Uwodwa umthombo kaYakobi,
Usinga ezweni lengqolowa newayini entsha;
Inene izulu lalo liqhoqhoza umbethe.
29Ùnoyolo, Sirayeli!
Ngubani na onjengawe, bantu basindiswe nguYehova,
Ikhaka loncedo lwakho,
Ikrele lobungangamsha bakho.
Ziya kuhanahanisa kuwe iintshaba zakho,
Unyathele ke wena emimangweni yazo.

Currently Selected:

IDUTERONOMI 33: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy