YouVersion Logo
Search Icon

IDUTERONOMI 13

13
Izilumkiso mayelana nezilingo zonqulo-zithixo
1Xa kuthe kwavela phakathi kwakho umprofeti nomphuphi wamaphupha, wakunika imiqondiso nezimanga, 2yabakho ke imiqondiso nezimanga azithethileyo kuwe, esithi, Masilandele thixo bambi ongabaziyo, sibakhonze: 3uze ungawaphulaphuli amazwi aloo mprofeti naloo mphuphi wamaphupha; ngokuba kusukuba enilinga uYehova uThixo wenu, ukuze azi ukuba niyamthanda na uYehova uThixo wenu ngentliziyo yenu yonke, nangomphefumlo wenu wonke. 4Nize nilandele uYehova uThixo wenu, noyike yena, nigcine imithetho yakhe, niphulaphule ilizwi lakhe, nikhonze yena, ninamathele kuye. 5Ke loo mprofeti naloo mphuphi wamaphupha makabulawe; kuba ethethe elokutyeka kuYehova uThixo wenu, owanikhuphayo ezweni laseYiputa, wanikhulula ngentlawulelo endlwini yobukhoboka; ukuba akuwexule endleleni, akuwisele umthetho ngayo uYehova uThixo wakho ukuba uhambe ngayo. Uze ubutshayele ke ububi, bungabikho phakathi kwakho.
6Xa athe umzalwana wakho, umntakanyoko, nonyana wakho, nentombi yakho, nomfazi wesifuba sakho, nommelwane wakho onjengomphefumlo wakho kuwe, wakuhenda ngasese, esithi, Masiye kukhonza thixo bambi ongabazanga, wena nooyihlo; 7koothixo bezizwe eziningqongileyo, ezikufuphi kuwe, nokuba zezikude nawe, ezithabathele esiphelweni sehlabathi, zada zesa esiphelweni sehlabathi: 8uze ungavumelani naye, ungamphulaphuli; lingabi nanceba iliso lakho kuye, ungamcongi, ungamfihli; uze umbulale afe. 9Kofika esakho isandla kuye kuqala ukuba simbulale, kwandule ukufika esabantu bonke isandla emva koko, umxulube ngamatye afe; 10ngokuba efuné ukukuwexula kuYehova uThixo wakho, owakukhuphayo ezweni laseYiputa, endlwini yobukhoboka; 11eve onke amaSirayeli, oyike, angaphindi enze ububi obunjengobo phakathi kwakho.
12Xa uthe weva komnye umzi wemizi yakowenu, akunikayo uYehova uThixo wakho ukuba uhlale kuwo, kusithiwa, 13Kuphumé amadoda angamatshijolo phakathi kwakho, awexula abemi bomzi wawo, esithi, Hambani, siye kukhonza thixo bambi, eningabaziyo: 14wòphengulula, ugocagoce, ubuzise, ucokise; O! iyinyaniso, iqinisekile le nto, lenzekile eli sikizi phakathi kwakho: 15uze ubabulale kuthi tu abemi baloo mzi ngohlangothi lwekrele, uwusingele phantsi, nento yonke ekuwo, kwanenkomo yawo, ngohlangothi lwekrele. 16Wowabuthela onke amaxhoba awo esazulwini sendawo yawo yembutho, uwutshise ngomlilo loo mzi namaxhoba awo onke, ube lidini elipheleleyo kuYehova uThixo wakho, ube ngumwewe ongunaphakade, ungabi sakhiwa. 17Esandleni sakho makunganamatheli nento le kwezi zinto zisingelwe phantsi; ukuze abuye uYehova ekuvutheni komsindo wakhe, abe nemfesane kuwe, asikwe yimfesane ngawe, akwandise, njengoko wabafungeláyo ooyihlo; 18xa uthe waliphulaphula izwi likaYehova uThixo wakho, ukuba uyigcine yonke imithetho yakhe endikuwiselayo namhla, ukuba ukwenze okuthe tye emehlweni kaYehova uThixo wakho.

Currently Selected:

IDUTERONOMI 13: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in