UAMOSI 5
5
1Liveni eli lizwi ndiliphakamisayo ngani, esi simbonono, ndlu kaSirayeli. 2Iwile, ayisayi kubuya ivuke intombi enguSirayeli; ikhahleleke emhlabeni, akukho uyiphakamisayo, 3Ngokuba itsho iNkosi uYehova ukuthi, Umzi ophuma unewaka, uya kusala nekhulu; ophuma unekhulu, uya kusala neshumi kwindlu kaSirayeli.
USirayeli makayifune iNkosi uYehova
4Ngokuba utsho uYehova kwindlu kaSirayeli, ukuthi, Quqelani kum, niphile; 5musani ukuquqela eBheteli, ningangeni eGiligali, ningaweleli niye eBher-shebha; kuba iGiligali, inene, iya kuthinjwa, neBheteli ibe yinto engeyakonto.
6Quqelani kuYehova, naniya kuphila; hleze ayifikele indlu kaYosefu njengomlilo, utshise, kungabikho uwucimela iBheteli, 7nina abo bajika okusesikweni kube ngumhlonyane, babukhahlele phantsi ubulungisa emhlabeni. 8Quqelani kulowenza isiLimela namaKroza, uloguqula ithunzi lokufa libe ngumso, imini ayenze mnyama, ibe bubusuku; ulobiza amanzi olwandle, awathululele phezu komhlaba: nguYehova igama lakhe. 9Ngulotshangazisa imbuqo phezu koliqele, imbuqo iyifikele inqaba.
UYehova ubuthiyile ubunewunewu, nentswela-bulungisa nohanahaniso kwezonqulo
10Bayamthiya owohlwayayo esangweni, bamenze isikizi othetha okugqibeleleyo. 11Ngako oko, ngenxa yokusigqusha kwenu isisweli, nithabàthe kuso unikelo lwengqolowa, niya kwakha izindlu ngamatye aqingqiweyo, ningahlali kuzo; nityale izidiliya ezinqwenelekayo, ningaseli wayini yazo. 12Kuba ndiyazazi izikreqo zenu ukuba zininzi kwazo, nezono zenu ukuba zikhulu kwazo; nibandezela ilungisa, nisamkele isicengo, nisijike isigwebo samahlwempu esangweni. 13Ngako oko, onengqiqo uthe cwaka ngeli xesha; kuba lixesha elibi eli. 14Funani okulungileyo, ningafuni okubi, ukuze niphile; aze uYehova, uThixo wemikhosi, abe nani, njengoko nitshoyo. 15Thiyani okubi, nithande okulungileyo, nimise okusesikweni esangweni; mhlawumbi uYehova, uThixo wemikhosi, wowababala amasalela kaYosefu. 16Ngako oko utsho uYehova, uThixo wemikhosi, iNkosi, ukuthi, Ezindaweni zonke zembutho kukumbambazela; ezitratweni zonke bathi, Yoo! yoo! Babizela umlimi esijwilini, babizela abasaziyo isimema, bathi, Mbambazelani. 17Ezidiliyeni zonke kukumbambazela, ngokuba ndicanda esazulwini sakho; utsho uYehova.
18Yeha ke, nina banqwenela imini kaYehova! Iyintoni na imini kaYehova kuni? Ibubumnyama, ayikukukhanya. 19Injengokuthi umntu abaleke engonyameni, aqubisane nebhere;• angene endlwini, abambelele ngesandla eludongeni, inyoka imlume. 20Ayiyi kuba bubumnyama yini na imini kaYehova, ingabi kukukhanya? Ayiyi kuba sisithokothoko, yini na, ingabi nabumhlophe?
21Ndiyithiyile, ndiyayicekisa imithendeleko yenu; andilisezeli ivumba lengqungquthela. 22Ngokuba, xa nithe nandinyusela amadini anyukayo, neminikelo yenu yokudla, àkakholeki kum; nombingelelo wenu woxolo wamathole atyetyisiweyo àndiwubheki. 23Yisuse kum ingxokozelo yeengoma zakho, nokubetha kwemirhubhe yakho andikuphulaphuli. 24Makugalekele umgwebo njengamanzi, nobulungisa njengomlambo ongatshiyo. 25Imibingelelo neminikelo yokudla naniyizisa kum yini na entlango, iminyaka emashumi mané, ndlu kaSirayeli? 26Nasuka nathwala umnquba wokumkani wenu, noseko lwemifanekiso yenu, inkwenkwezi yoothixo benu, enazenzelayo. 27Ndiya kunifudusela kude ke ngaphaya kweDamasko; utsho uYehova; nguThixo wemikhosi igama lakhe.
Currently Selected:
UAMOSI 5: XHO75
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.