YouVersion Logo
Search Icon

IZENZO 26

26
UPawulos uthetha phambi koAgripa
1Wathi ke uAgripa kuPawulos, Ùvunyelwe ukuba uziphendulele.
Wandula uPawulos waziphendulela, esolule isandla, wathi:
2Ndiva kamnandi, kumkani Agripa, ndiza kuziphendulela nje phambi kwakho namhla, ngazo zonke izinto endimangalelwa ngazo ngamaYuda; 3ngokukodwa ekubeni usazana nawo onke amasiko neembuzwano zamaYuda. Kungoko ndiyakuthandaza ukuba undive, undinyamezele.
4Ukuhlala kwam ke kwasebuncinaneni bam, okwabakho kwasekuqalekeni phakathi kohlanga lwakowethu eYerusalem, ayakwazi onke amaYuda; 5endazi ngenxa engaphambili (ukuba athe athanda ukungqina), okokuba, ngelona licokisekileyo ihlelo lonqulo lwakowethu, ndahlala ndingumFarisi. 6Nangoku ndimi ndimangalelwa ngenxa yethemba ledinga elabekwa nguThixo kobawo; 7ezithembe ukufika kulo izizwe zakowethu ezilishumi elinazibini, zimkhonza nje uThixo ngenyameko ubusuku nemini; ekungenxa yelo themba endimangalelwayo ngamaYuda, kumkani Agripa. 8Yini na ukuba nithi, yinto eningenakukholwa yiyo, ukuba uThixo uyabavusa abafileyo?
9Mna okunene ke bendiba ngelam, ndimelwe kukwenza izinto ezininzi ezichasene negama likaYesu waseNazarete. 10Endakwenzayo ke oko eYerusalem; nento eninzi yabangcwele ndayitshixela ezintolongweni, ndakuba ndamkele igunya kubabingeleli abakhulu; ndaza, bakuba besikwa, ndavuma. 11Nakuzo zonke izindlu zesikhungu ndibe ndibohlwaya futhi, ndibanyanzela ukuba banyelise; ndathi, ndibagezela ngokuncamisileyo, ndabatshutshisa, ndada ndesa kwimizi engaphandle.
12Kunjalonje ke, kwathi, xa ndiyayo eDamasko, ndinegunya nemvume kubabingeleli abakhulu, 13emini enkulu endleleni, kumkani, ndabona ukukhanya kuvela ezulwini, okungaphezu kokuqaqamba kwelanga, kundibanekela ngeenxa zonke, nabò babehamba nam.
14Sìthe ke sakubon' ukuba siwile sonke emhlabeni, ndeva izwi lithetha nam ngentetho yesiHebhere, lisithi, Sawule, Sawule, unditshutshiselani na? wenzakala, ukhaba iimviko nje. 15Ndathi ke mna, Ungubani na, Nkosi? Yathi ke yona, Mna ndinguYesu omtshutshisayo. 16Vuka, ume ngeenyawo; kuba ndibonakele kuwe ngenxa yoku, ukuba ndikumise ube ngumkhonzi nengqina lezi zinto uzibonileyo, nendiya kubonakala kuwe ngazo; 17ndikunyothula ebantwini nasezintlangeni, endikuthuma kuzo ngokunje; 18ukuba uvule amehlo abo, ukuze babuye ebumnyameni, beze ebumhlotsheni; babuye egunyeni likaSathana, beze kuThixo; ukuze bamkele uxolelo lwezono, nelifa phakathi kwabangcwalisiweyo, ngokukholwa kum.
19Ekuthe koko, kumkani Agripa, andaba nguye ongawululameliyo umbono wasemazulwini; 20ndesuka ndababikela abaseDamasko kuqala, nabaseYerusalem, nakulo lonke ilizwe lakwaYuda, nakuzo iintlanga, ukuba baguquke babuyele kuThixo, benze imisebenzi efanele inguquko. 21Ngenxa yezi zinto amaYuda andibamba etempileni, azamela ukundibulala. 22Ngoko ndizuze uncedo kuThixo nje, ndimisile kude kube yile mini, ndingqina komncinane nakomkhulu, ndingathethi nanye into ngaphandle kwezo, bathi abaprofeti noMoses ziza kubakho; 23zokuba uKristu• ubeza kuva iintlungu, nokuba ubeza kuthi, engowokuqala eluvukweni lwabafileyo, azise ukukhanya ebantwini nasezintlangeni.
24Ke kaloku, akubon' ukuba uyaziphendulela ngokunjalo, uFesto wathi ngezwi elikhulu, Ùyageza, Pawulos; imfundo eninzi iyakugezisa. 25Wathi ke yena, Andigezi, Festo odume kunene; ndiphimisela amazwi enyaniso nawengqondo ephilileyo. 26Kuba ezo ndawo úyazazi kakuhle ukumkani, endithetha kuye ngokungafihlisiyo; kuba ndikholosekile kukuba akukho nanye yezi zinto ifihlakeleyo kuye; kuba le nto ibingenzelwanga egumbini. 27Ùyakholwa na, kumkani Agripa, ngabaprofeti? Ndiyazi ukuba uyakholwa.
28Wathi ke uAgripa kuPawulos, Ngokuncinane undeyisela ukuba ndibe ngumKristu. 29Wathi ke uPawulos, Ndithandaza kuThixo, ukuba ingabi nguwe wedwa, ibe ngabo bonke abandivayo namhlanje, abaya kuthi, nangokuncinane nangokukhulu, babe njengam nje, ngaphandle kwezi ntambo.
30Akuba etshilo, besuka ukumkani, nerhuluneli, noBhernike, kwanababehleli nabo; 31beshenxile, bathetha bodwa bathi, Lo mntu akenze nanye into elingene ukufa neentambo. 32Wathi ke uAgripa kuFesto, Lo mntu ange enokukhululwa, ukuba ubengabhenele kuKesare.

Currently Selected:

IZENZO 26: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in