YouVersion Logo
Search Icon

OOKUMKANI II 24

24
UNebhukadenetsare ukumkani weBhabheli uthimba ukumkani uYehoyakim nezikhulu zakhe
1Ngemihla yakhe kwenyuka uNebhukadenetsare, ukumkani weBhabheli. UYehoyakim waba ngumkhonzi kuye iminyaka emithathu, wabuya wagwilika kuye. 2UYehova wamthumela izimpi zamaKaledi, nezimpi zama-Aram,• nezimpi zakwaMowabhi, nezimpi zoonyana baka-Amon, wazithumela elakwaYuda, ukuba zilitshabalalise ngokwelizwi likaYehova, awalithethayo ngabakhonzi bakhe abaprofeti. 3Kwaye kungomlomo kaYehova wodwa ukwenzeka kwale nto kumaYuda, ukuba awasuse ebusweni bakhe ngenxa yezono zikaManase, njengako konke awakwenzayo; 4nangenxa yegazi elingenatyala awaliphalazayo; wayizalisa iYerusalem ngegazi elingenatyala; akavumanga uYehova ukuxolela.
5Ezinye izinto zikaYehoyakim, nako konke awakwenzayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda? 6Walala uYehoyakim kooyise; uYehoyakin, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
7Akabanga saphinda ukumkani waseYiputa aphume ezweni lakhe; ngokuba ukumkani waseBhabheli wayezithimbile zonke izinto ezizezokumkani waseYiputa, eqalele emlanjeni waseYiputa, wada wesa emlanjeni ongumEfrati.
8UYehoyakin ubeminyaka ilishumi elinesibhozo ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; zantathu iinyanga engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguNehushta, intombi kaElinatan waseYerusalem. 9Wenza okubi emehlweni kaYehova, njegako konke awakwenzayo uyise.
10Ngelo xesha benyuka abakhonzi bakaNebhukadenetsare, ukumkani waseBhabheli, beza eYerusalem; wangqingwa umzi lowo. 11Wawufikela uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, bewungqingile abakhonzi bakhe.
12Waphuma uYehoyakin, ukumkani wakwaYuda, waya kukumkani waseBhabheli, yena nonina, nabakhonzi bakhe, nabathetheli bakhe, nababusi bakhe; ukumkani waseBhabheli wamthabatha ke ngomnyaka wesibhozo wobukumkani bakhe. 13Warhola khona bonke ubuncwane bendlu kaYehova, nobuncwane bendlu yokumkani; wazinqunqa zonke iimpahla zegolide, awazenzayo uSolomon ukumkani wakwaSirayeli etempileni kaYehova, njengoko wakuthethayo uYehova. 14Wayifudusa yonke iYerusalem, nabathetheli bonke, namagorha onke anobukroti, ishumi lamawaka abathinjwa, zonke iingcibi nabakhandi; akwasala mntu, yaba ngamahlwempu elizwe odwa asalayo. 15Wamfudusa uYehoyakin, wamsa eBhabheli, nonina wokumkani, nabafazi bokumkani, nababusi bakhe, neenjengele zelizwe; wabafudusa eYerusalem abathinjwa abo, wabása eBhabheli; 16namadoda onke anobukroti angamawaka asixhenxe, neengcibi nabakhandi abaliwaka, onke amagorha anokulwa; abo ukumkani waseBhabheli wabása bengabathinjwa eBhabheli. 17Ukumkani waseBhabheli wamenza uMataniya, uyisekazi kaYehoyakin, ukumkani esikhundleni sakhe; waliguqula igama lakhe languZedekiya.
UZedekiya unyulwa abe ngukumkani
18UZedekiya ubeminyaka imashumi mabini anamnye ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka elishumi elinamnye engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguHamutali, intombi kaYeremiya waseLibhena. 19Wenza okubi emehlweni kaYehova, njengako konke awakwenzayo uYehoyakim. 20Ngokuba ngenxa yomsindo kaYehova kwenzeka oko eYerusalem nakwaYuda, wada wabalahla ebusweni bakhe.
UZedekiya wamana egwilika kukumkani waseBhabheli.

Currently Selected:

OOKUMKANI II 24: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in