OOKUMKANI II 22
22
UYosiya ukumkani
1UYosiya ubeminyaka isibhozo ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka emashumi mathathu anamnye engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguYedida, intombi ka-Adaya waseBhotsekati.
2Wenza okuthe tye emehlweni kaYehova, wahamba ngendlela yonke kaDavide uyise; akatyekela ngasekunene nangasekhohlo.
3Kwathi ngomnyaka weshumi elinesibhozo wokumkani uYosiya, ukumkani wathuma uShafan, unyana ka-Atsaliya, unyana kaMeshulam, umbhali, endlwini kaYehova, esithi, 4Nyuka uye kuHilekiya umbingeleli omkhulu, ayilungise imali ezisiweyo endlwini kaYehova, abayihlanganisileyo abagcini-mnyango ebantwini. 5Mabayinikele esandleni sabenzi bomsebenzi, abayikhangelayo indlu kaYehova, bayinikele kubenzi bomsebenzi osendlwini kaYehova, zitywinwe iintanda zendlu; 6bayinikele kwiingcibi zemithi, nakubakhi, nakwabakha ngamatye; kuthengwe imithi namatye axholiweyo, kuhlaziywe indlu. 7Kodwa bekungabalelwana nabo ngemali ebinikelwe esandleni sabo; ngokuba basebenza benyanisekile.
Ukufunyanwa kwencwadi yomyalelo
8Wathi uHilekiya, umbingeleli omkhulu, kuShafan umbhali, Incwadi yomyalelo ndiyifumene endlwini kaYehova. UHilekiya wamnika uShafan incwadi leyo, wayilesa. 9Weza ke uShafan umbhali kukumkani, wambuyisela ilizwi ukumkani, wathi, Bayikhuphéle abakhonzi bakho imali eyafumanekayo endlwini, bayinikela esandleni sabenzi bomsebenzi abayikhangelayo indlu kaYehova. 10Waxela ke uShefan umbhali kukumkani, esithi, UHilekiya umbingeleli undinike incwadi. Wayilesa uShafan phambi kokumkani.
11Kwathi, akuweva ukumkani amazwi encwadi yomyalelo, wasuka wazikrazula iingubo zakhe. 12Ukumkani wabawisela umthetho ooHilekiya umbingeleli, noAhikam unyana kaShafan, noAkebhore unyana kaMikaya, noShafan umbhali, noAsaya umkhonzi wokumkani, esithi, 13Yiyani nibuzise kuYehova ngenxa yam, nangenxa yabantu, nangenxa yamaYuda onke, malunga namazwi ale ncwadi ifunyenweyo; ngokuba bukhulu ubushushu bukaYehova esibaselwe bona, ngenxa enokuba oobawo bengawaphulaphulanga amazwi ale ncwadi, ukuba benze njengako konke kubhaliweyo kuyo ngathi.
14Waya ke uHilekiya umbingeleli, noAhikam, noAkebhore, noShafan, noAsaya, kuHulda umprofetikazi, umkaShalum unyana kaTikva, unyana kaHar-hase, umgcini-ngubo (waye yena ehleli eYerusalem kwesesibini isahlulo sayo), bathetha naye.
15Wathi kubo, Utsho uYehova uThixo wakwaSirayeli, ukuthi, Nothi kuloo ndoda inithumileyo kum, 16Utsho uYehova ukuthi, Yabona, ndiyizisela ububi le ndawo nabemi bayo, onke amazwi encwadi ayilesileyo ukumkani wakwaYuda. 17Ngethuba lokuba bendishiyile mna, baqhumisela thixweni bambi, ukuba bandiqumbise ngomsebenzi wonke wezandla zabo, yothi le ndawo ibaselwe ubushushu bam, bungàcinywa. 18Ke kukumkani wakwaYuda onithume ukubuzisa kuYehova, notsho kuye ukuthi, Utsho uYehova, uThixo wakwaSirayeli, ukuthi: 19Okwala mazwi uwavileyo, ngokokuba ibithambile intliziyo yakho, wazithoba phambi koYehova, ekukuveni kwakho endikuthethileyo ngale ndawo, nangabemi bayo, ukuba beya kuba ziimpanza nesiqalekiso, wazikrazula iingubo zakho, walila phambi kwam, nam ndikuvile; utsho uYehova. 20Ngako oko, uyabona, ndiya kukuhlanganisela kooyihlo, uhlanganiselwe engcwabeni lakho unoxolo, angabuboni amehlo akho bonke ububi endibuzisela le ndawo.
Bambuyisela ke ilizwi ukumkani.
Currently Selected:
OOKUMKANI II 22: XHO75
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.