OOKUMKANI II 12
12
UYowashe uhlaziya itempile
1Waba ngukumkani uYowashe ngomnyaka wesixhenxe kaYehu; waba neminyaka emashumi mané engukumkani eYerusalem. Ke igama lonina belinguTsibheya waseBher-shebha. 2UYowashe wenza okuthe tye emehlweni kaYehova yonke imihla yakhe, abemyala ngayo uYehoyada umbingeleli. 3Kodwa izigánga azisuswanga; abantu babesabingelela beqhumisela ezigangeni.
4Wathi uYowashe kubabingeleli, Yonke imali yezinto ezingcwalisiweyo, eziswayo endlwini kaYehova, imali yógqithela kwababaliweyo, nemali yomphefumlo walowo nalowo ngokulinganiselwa kwakhe, nemali yonke ekuthe qatha entliziyweni yomntu, ukuba ayizise endlwini kaYehova, 5mabayithabathele kubo ababingeleli, elowo ayithabathe kwabazana naye, batywine iintanda zendlu, apho sukuba kufunyenwe uthanda khona.
6Kwathi ngomnyaka wamashumi omabini anesithathu wokumkani uYowashe, ababingeleli bengekazitywini iintanda zendlu, 7ukumkani uYowashe wambiza uYehoyada umbingeleli nabanye ababingeleli, wathi kubo, Yini na ukuba ningazitywini iintanda zendlu? Ke ngoko maningabi sathabatha mali kwabazana nani; yinikeleleni ukutywina iintanda zendlu. 8Bakúvuma ababingeleli ukungabi sathabatha mali ebantwini, nokuthi zingàtywinwa ngabo iintanda zendlu.
9UYehoyada umbingeleli wathabatha umkhombe, waphehla intunja esicikweni sawo, wawubeka ecaleni lesibingelelo, ngasekunene ekungeneni endlwini kaYehova, ukuze ababingeleli abagcina umbundu womnyango bayibeke khona yonke imali eziswayo endlwini kaYehova. 10Kube kusithi, bakubona ukuba ininzi imali emkhombeni, enyuke umbhali wokumkani nombingeleli omkhulu, bayibophe ngengxowa, bayibale imali efunyenweyo endlwini kaYehova. 11Bayinikela imali ilinganisiwe ezandleni zabawenzayo umsebenzi, zabayikhangelayo indlu kaYehova; bayikhuphela ke abo kwiingcibi zemithi nakubakhi abayisebenzayo indlu kaYehova, 12nakubakhi beendonga, nakubaxholi bamatye, ukuba bathenge imithi namatye axholiweyo, ukuba kutywinwe iintanda zendlu kaYehova, beyikhuphela into yonke ekhutshelwe ukuhlaziya indlu kaYehova.
13Ke indlu kaYehova ayenzelwanga zitya zasilivere, nazitshetshe, nazitya zokutshiza, namaxilongo, nanye impahla yegolide, nanye impahla yesilivere, ngemali leyo ibiziswe endlwini kaYehova; 14basuka bayinika abenzi bomsebenzi, ukuba bahlaziye ngayo indlu kaYehova. 15Babengabalelani namadoda, ababeyinikela ezandleni zawo imali leyo, ukuba ahlawule abenzi bomsebenzi; ngokuba abesebenza enyanisekile. 16Ke imali yedini letyala, nemali yelesono, ibingàziswa endlwini kaYehova; yaba yeyababingeleli.
17Ngelo xesha uHazayeli ukumkani wakwa-Aram• wenyuka waya kulwa neGati, wayithimba. UHazayeli wabubhekisa ubuso bakhe ukuba enyuke aye eYerusalem. 18Wazithabatha uYowashe ukumkani wakwaYuda zonke izinto ezingcwele, ababezingcwalisile ooYehoshafati noYehoram noAhaziya, ooyise, ookumkani bakwaYuda, nezakhe izinto ezingcwele, negolide yonke eyafumanekayo ebuncwaneni bendlu kaYehova nobendlu yokumkani, wazithumela kuHazayeli ukumkani wakwa-Aram; wenyuka ke, wemka eYerusalem.
19Ezinye izinto zikaYowashe, nako konke awakwenzayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda? 20Basuka abakhonzi bakhe baceba icebo, bambulala uYowashe endlwini yaseMilo, ekuyiweni eSila. 21UYozakare unyana kaShimehati, noYozabhadi unyana kaShomere, abakhonzi bakhe, bamxabela ke, wafa. Bamngcwabela kooyise emzini kaDavide. UAmatsiya, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
Currently Selected:
OOKUMKANI II 12: XHO75
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.