YouVersion Logo
Search Icon

OOKUMKANI I 15

15
UAbhiyam noAsa ookumkani bakwaYuda; uNadabhi noBhahesha ookumkani bakwaSirayeli
1Ngomnyaka weshumi elinesibhozo wokumkani uYarobheham unyana kaNebhati, waba ngukumkani uAbhiyam kwaYuda. 2Waba neminyaka emithathu engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguMahaka, intombi ka-Abhisalom.
3Wahamba ezonweni zonke zikayise, awazenzayo ngaphambi kwakhe; yayingaphelele intliziyo yakhe kuYehova uThixo wakhe, njengentliziyo kaDavide uyise. 4Noko wathi uYehova uThixo wakhe, ngenxa kaDavide, wamnika isibane eYerusalem, sokumisa unyana wakhe emva kwakhe, sokumisa iYerusalem; 5ekubeni uDavide wakwenzayo okuthe tye emehlweni kaYehova, akatyeka kuko konke awawisayo ngako umthetho, yonke imihla yobomi bakhe, kwaba semcimbini kaUriya umHeti wodwa. 6Yaye iyimfazwe phakathi koRehabheham noYarobheham yonke imihla yobomi bakhe.
7Ezinye izinto zika-Abhiyam, nako konke awakwenzayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda? Yaye iyimfazwe ke phakathi koAbhiyam noYarobheham. 8UAbhiyam walala kooyise, bamngcwabela emzini kaDavide. UAsa, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
9Ngomnyaka wamashumi amabini kaYarobheham ukumkani wakwaSirayeli, uAsa waba ngukumkani kwaYuda. 10Waba neminyaka emashumi mané anamnye engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguMahaka, intombi ka-Abhisalom.
11UAsa wenza okuthe tye emehlweni kaYehova, njengoDavide uyise. 12Wawakhwelelisa amang'awu, akabakho ezweni, wazisusa zonke izigodo ezizizithixo, ababezenzile ooyise. 13KwanoMahaka unina wamguzula, àkaba yinkosikazi; ngokuba wamenzela uAshera• isithixo esilisikizi. Waza uAsa wasigawula isithixo sakhe esilisikizi, wasitshisa emlanjaneni oyiKidron. 14Ke izigánga azisuswanga; kodwa yona intliziyo ka-Asa yabe iphelele kuYehova yonke imihla yakhe. 15Wazingenisa izinto ezingcwele zikayise, nezakhe izinto ezingcwele, endlwini kaYehova, isilivere negolide nempahla.
16Yaye iyimfazwe phakathi koAsa noBhahesha, ukumkani wakwaSirayeli, yonke imihla yabo. 17Wenyuka uBhahesha ukumkani wakwaSirayeli, esiza kulwa namaYuda; wákha iRama, ukuba angavumi ukuba kuphume bani aye kuAsa ukumkani wakwaYuda. 18Wayithabatha uAsa yonke isilivere negolide ebisele ebuncwaneni bendlu kaYehova, nasebuncwaneni bendlu yokumkani, wayinikela ezandleni zabakhonzi bakhe. UAsa ukumkani wayithumela kuBhenhadade, unyana kaTabrimon, unyana kaHeziyon, ukumkani wakwa-Aram,• ohleli eDamasko, esithi, 19Kukho umnqophiso phakathi kwam nawe, phakathi kobawo noyihlo; nanko, ndikuthuméle isipho sokukucenga sesilivere negolide; yiza, uwaphule umnqophiso wakho noBhahesha ukumkani wamaSirayeli, ukuba emke kum. 20UBhen-hadade wamphulaphula ukumkani uAsa, wathumela abathetheli bempi abenabo emizini yakwaSirayeli, waxabela i-Iyon, nowakwaDan, neAbhele-bhete-mahaka, ne-Kineroti yonke, kunye nelizwe lonke lakwaNafetali. 21Wathi, akuva uBhahesha, wayiyeka ukuyakha iRama, wahlala eTirtsa. 22Ukumkani uAsa wawahlabela umkhosi amaYuda onke, akwabakho namnye ukhululekileyo. Bawasusa amatye eRama, kwanemithi yayo abesakha ngayo uBhahesha ukumkani; uAsa wákha ke ngayo iGebha yakwaBhenjamin, neMizpa.
23Zonke ezinye izinto zika-Asa, nobugorha bakhe bonke, nako konke awakwenzayo, nemizi awayakhayo, ayibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda? Uthe ke akuba yindoda enkulu, wabulawa ziinyawo. 24UAsa walala kooyise, wangcwatyelwa kooyise, emzini kaDavide uyise. UYehoshafati, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
25UNadabhi, unyana kaYarobheham, waba ngukumkani kwaSirayeli ngomnyaka wesibini ka-Asa, ukumkani wakwaYuda; waba neminyaka emibini engukumkani kwaSirayeli. 26Wenza okubi emehlweni kaYehova, wahamba ngendlela kayise, nangesono sakhe awawonisa ngaso amaSirayeli. 27Waza uBhahesha, unyana ka-Ahiya, wendlu kaIsakare, wamceba. UBhahesha wamxabela eGibheton yakumaFilisti, beyingqinga iGibheton uNadabhi namaSirayeli onke. 28UBhahesha wambulala ke ngomnyaka wesithathu ka-Asa ukumkani wakwaYuda, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
29Kwathi, xa angukumkani, wayibulala yonke indlu kaYarobheham; akasalisa namnye uphefumlayo kwaYarobheham, wada wamtshabalalisa, ngokwelizwi likaYehova, abelithethile ngomkhonzi wakhe uAhiya waseShilo: 30ngenxa yezono zikaYarobheham awona ngazo, awawonisa ngazo amaSirayeli; ngokumqumbisa kwakhe awamqumbisa ngako uYehova uThixo kaSirayeli.
31Ezinye izinto zikaNadabhi, nako konke awakwenzayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli? 32Yaye iyimfazwe phakathi koAsa noBhahesha, ukumkani wakwaSirayeli, yonke imihla yabo.
33Ngomnyaka wesithathu ka-Asa ukumkani wakwaYuda, uBhahesha, unyana ka-Ahiya, waba ngukumkani kumaSirayeli onke eTirtsa; iminyaka yaba ngamashumi amabini anaminé. 34Wenza okubi emehlweni kaYehova, wahamba ngendlela kaYarobheham, nangesono sakhe awawonisa ngaso amaSirayeli.

Currently Selected:

OOKUMKANI I 15: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in