YouVersion Logo
Search Icon

OOKUMKANI I 13

13
Umprofeti owuphikisileyo umlomo kaYehova, nesohlwayo sakhe
1Nanko, kuvela umfo wakwaThixo kwaYuda ngokwelizwi likaYehova, weza eBheteli; uYarobheham wayemi ngasesibingelelweni eqhumisela. 2Wankqangaza esibingelelweni ngokwelizwi likaYehova, wathi, Sibingelelo, sibingelelo! Utsho uYehova ukuthi, Uyabona, kuya kuzalwa unyana kwindlu kaDavide, ogama linguYosiya; oya kubabingelela phezu kwakho lo ababingeleli bezigánga, abaqhumisela phezu kwakho, kutshiswe amathambo abantu phezu kwakho.
3Kwangaloo mini wabaxelela isimanga esiya kuhla, esithi, Siso esi isimanga asithethileyo uYehova: Yabona, isibingelelo esi siya kukrazuka, luphalale uthuthu oluphezu kwaso. 4Kwathi, akuliva ukumkani ilizwi lomfo wakwaThixo, owankqangazayo esibingelelweni eBheteli, wasolula uYarobheham isandla sakhe esesibingelelweni, wathi, Mbambeni. Sesuka soma isandla sakhe abesolulele kuye, akaba nako ukusibuyisela kwakuye. 5Sakrazuka isibingelelo, lwaphalala uthuthu esibingelelweni, ngokwesimanga abesixelile umfo wakwaThixo ngelizwi likaYehova. 6Waphendula ukumkani, wathi kumfo wakwaThixo, Khawumbongoze uYehova uThixo wakho, undithandazele, sibuyiselwe kum isandla sam. Umfo wakwaThixo wambongoza ke uYehova, sabuyiselwa kuye isandla sokumkani, saba njengokwangaphambili.
7Wathetha ke ukumkani kumfo wakwaThixo, wathi, Hamba siye ekhaya, uzixhase, ndikunike isipho. 8Wathi umfo wakwaThixo kukumkani, Ùngafanelana uthe wandinika isiqingatha sendlu yakho, andingekhe ndiye nawe, andingekhe ndidle sonka, andingekhe ndisele manzi kule ndawo. 9Ngokuba kwenjiwa nje ukumiselwa kwam lilizwi likaYehova, kwathiwa, Uze ungadli sonka, ungaseli manzi, ungabuyi ngendlela obuzé ngayo. 10Waza wahamba ngandlela yimbi, akabuya ngendlela abeze ngayo eBheteli.
11Ke kaloku kwakuhleli eBheteli umprofeti othile, obeseleyindoda enkulu; weza unyana wakhe, wamcacisela konke awakwenzayo umfo wakwaThixo loo mini eBheteli; namazwi awawathethayo kukumkani, wawacacisa kuyise. 12Wathi uyise kubo, Úhambé ngayiphi na indlela? Babeyibonile ke indlela oonyana bakhe, ahambe ngayo umfo wakwaThixo, owayevele kwaYuda. 13Wathi koonyana bakhe, Ndibopheleni iesile. Bambophela ke iesile, wakhwela kulo.
14Walandela umfo wakwaThixo, wamfumana ehleli phantsi komterebhinti,• wathi kuye, Ùnguye na umfo wakwaThixo lo ubevela kwaYuda? Wathi yena, Ndinguye. 15Wathi kuye, Hamba siye ekhaya, udle isonka. 16Wathi yena, Andinakubuya nawe; andinakungena nawe; andiyi kudla sonka, andiyi kusela manzi nawe kule ndawo; 17kuba kuthiwe kum lilizwi likaYehova, Uze ungadli sonka, ungaseli manzi khona, ungabuyi uhambe ngendlela obuze ngayo. 18Wathi kuye, Ndingumprofeti nam njengawe; kuthethe isithunywa sezulu kum ngelizwi likaYehova, sisithi, Mbuyise, eze nawe endlwini yakho, adle isonka, asele amanzi. 19Watsho emxokisa. Wabuya ke naye, wadla isonka endlwini yakhe, wasela amanzi.
20Kwathi, behleli etafileni apho, kwafika ilizwi likaYehova kuloo mprofeti ubembuyisile; 21wankqangaza kuloo mfo wakwaThixo ubevele kwaYuda, esithi, Útsho uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba uwuphikisile umlomo kaYehova, akwawugcina umthetho abekuwisele uYehova uThixo wakho, 22wesuka wabuya, wadla isonka, wasela amanzi kule ndawo awathetha ngayo kuwe, esithi, Uze ungadli sonka, ungaseli manzi: isidumbu sakho asiyi kungena engcwabeni looyihlo.
23Kwathi emveni kokudla kwakhe isonka, emveni kokusela kwakhe, wambophela iesile umprofeti lowo abembuyisile. 24Wahamba, wafunyanwa yingonyama endleleni, yambulala; sathi isidumbu sakhe saqungquluza endleleni; lema ecaleni laso iesile, nengonyama yema ecaleni lesidumbu eso. 25Kwabonakala kudlula amadoda; asibona isidumbu eso siqungquluzile endleleni, imi ingonyama leyo ecaleni lesidumbu; afika axela kuloo mzi, abehleli kuwo umprofeti obeseleyindoda enkulu.
26Weva umprofeti obembuyise endleleni, wathi, Ngulaa mfo wakwaThixo uwuphikisileyo umlomo kaYehova. UYehova umnikele engonyameni; yamqoba, yambulala ngokwelizwi likaYehova, abelithethe kuye. 27Wathetha koonyana bakhe, esithi, Ndibopheleni iesile. Balibopha. 28Wahamba ke, wasifumana isidumbu sakhe siqungquluzile endleleni, limi iesile nengonyama ecaleni lesidumbu, ingonyama ingasidlanga isidumbu, ingaliqobanga ne-esile.
29Wasifunqula umprofeti isidumbu somfo wakwaThixo, wasibeka e-esileni, wabuya naso. Weza ekhaya umprofeti lowo useleyindoda enkulu, ukuba ammbambazelele, amngcwabe. 30Wasibeka isidumbu engcwabeni lakhe, bammbambazelela besithi, Yoo! Mzalwana wam! 31Kwathi, emveni kokumngcwaba kwabo, wathetha koonyana bakhe, esithi, Ndákufa, ndingcwabeleni engcwabeni angcwatyelwe kulò umfo wakwaThixo; walaliseni ngasemathanjeni akhe amathambo am. 32Ngokuba, inene, liya kwenzeka ilizwi, alinkqangazileyo ngelizwi likaYehova esibingelelweni esiseBheteli, nasezindlwini zonke zasezigangeni, ezisemizini yakwaSamari.
33Emva koko uYarobheham akabuyanga endleleni yakhe embi; wabuya wenza ababingeleli bezigánga eluntwini lonke; wathi athe wamthanda, wammisela, waba ngowababingeleli bezigánga. 34Yathi loo nto yaba sisono sendlu kaYarobheham, ukuba itshone itshabalale, ingabikho phezu komhlaba.

Currently Selected:

OOKUMKANI I 13: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in