YouVersion Logo
Search Icon

OOKUMKANI I 11

11
Unqulo-zithixo lukaSolomon
1Ke kaloku ukumkani uSolomon wathanda abafazi abaninzi bezinye iintlanga, ndawonye nentombi kaFaro: amaMowabhikazi, nama-Amonikazi, namaEdomikazi, namaTsidonikazi, namaHetikazi; 2ezintlangeni, abethe uYehova koonyana bakaSirayeli, Ize ningangeni kuzo, nazo zingangeni kuni; inene, zozitsalela koothixo bazo iintliziyo zenu. Wanamathela kubo abo uSolomon ngothando. 3Wayenabafazi abamakhulu asixhenxe, amakhosikazi; namakhulu amathathu amashweshwe; abafazi bakhe bayityekisa ke intliziyo yakhe.
4Kwathi, ngexesha lobudala bukaSolomon, abafazi bakhe bayityekisela intliziyo yakhe ekulandeleni thixo bambi; intliziyo yakhe ayaphelela kuYehova uThixo wakhe, njengentliziyo kaDavide uyise. 5USolomon walandela uAshtoreti,• uthixo wamaTsidon; walandela uMoleki,• izothe lama-Amon. 6Wenza okubi emehlweni kaYehova; akamlandela uYehova ngokukholisekileyo, njengoDavide uyise. 7Waza uSolomon wamakhela isigánga uKemoshe,• izothe lamaMowabhi, entabeni ekhangelene neYerusalem, noMoleki, izothe loonyana baka-Amon. 8Wabenjela njalo bonke abafazi bakhe bezinye iintlanga, ababeqhumisela bebingelela koothixo babo.
9UYehova ke waba nomsindo kuSolomon, ngokuba ibityekile intliziyo yakhe, yemka kuYehova uThixo kaSirayeli, owayebonakele kuye izihlandlo ezibini; 10emwisele umthetho ngaloo nto, ukuba angalandeli thixo bambi; àkawugcina umthetho abemwisele wona uYehova.
11Wathi ke uYehova kuSolomon, Ngenxa enokuba unaloo nto, akwawugcina umnqophiso wam, nemimiselo yam endikumiseleyo, okwenene, ndiya kubukrazula ubukumkani kuwe, ndibunike umkhonzi wakho. 12Kodwa ke andiyi kukwenza oko ngemihla yakho, ngenxa kaDavide uyihlo; ndiya kubukrazula esandleni sonyana wakho. 13Kodwa andiyi kubukrazula bonke ubukumkani; ndomnika isizwe esinye unyana wakho, ngenxa kaDavide umkhonzi wam, nangenxa yeYerusalem endiyinyulileyo.
Iintshaba zikaSolomon
14Ke uYehova wamvelisela uSolomon utshaba olunguHadade umEdom; yena ubengowembewu yokumkani kwaEdom. 15Kwakuthe, oko uDavide ebekwaEdom, ekunyukeni kukaYowabhi umthethelimkhosi eye kungcwaba abahlatyiweyo, waxabela yonke into engamadoda kwaEdom 16(ngokuba wahlala iinyanga zantandathu khona uYowabhi namaSirayeli onke, wada wayinqumla yonke into engamadoda kwaEdom); 17wabaleka uHadade, yena namaEdom akubakhonzi boyise kunye naye, baya eYiputa; ke uHadade waye eyinkwenkwana oko. 18Besuka kwaMidiyan, beza eParan; bathabatha amadoda eParan, ahamba nabo; beza eYiputa kuFaro, ukumkani waseYiputa. Yena ke wamnika indlu, wathi makazuze ukudla, wamnika ilizwe.
19UHadade wababalwa kakhulu nguFaro; wamnika umfazi, umsakwabo bomkakhe, umsakwabo boTapenes inkosikazi. 20Ke umsakwabo boTapenes wamzalela uGenubhati, unyana wakhe; uTapenes wamlumlela endlwini kaFaro, uGenubhati waba ngowendlu kaFaro phakathi koonyana bakaFaro.
21UHadade eseYiputa, weva ukuba uDavide ulele kooyise, ufile noYowabhi umthetheli-mkhosi; wathi uHadade kuFaro, Ndíndulule ndiye ezweni lakowethu. 22Wathi uFaro kuye, Ùswele ntoni na kum, le nto ufuna ukuya ezweni lakowenu? Wathi, yena, Nento le; noko ke ndíndulule.
23UThixo wamvelisela omnye umchasi onguRezon, unyana kaEliyada, owabalekayo kuHadadezere, ukumkani waseTsobha, inkosi yakhe. 24Wabuthela kuye amadoda, waba ngumthetheli wempi, ekubabulaleni kukaDavide abo. Baya ke eDamasko, bahlala khona, baba nobukumkani eDamasko. 25Waba lutshaba lwamaSirayeli yonke imihla kaSolomon; ke ngobu bubi wabenzáyo uHadade, wakruquka ngamaSirayeli; waye engukumkani kwa-Aram.•
Ukuphakama kukaYarobheham
26NoYarobheham, unyana kaNebhati, umEfrayim waseTsereda, umkhonzi kaSolomon, ogama lonina belinguTseruya, umhlolokazi, wasiphakamisa isandla kukumkani.
27Nantsi ke imbangi yokuba amphakamisele isandla ukumkani. USolomon wayesakha iMilo, wavala ithuba lomzi kaDavide uyise. 28Ke le ndoda inguYarobheham ibiligorha elinobukroti. Wayibona uSolomon le ndodana, ukuba iyasebenza, wayenza umphathi womthwalo wonke wendlu kaYosefu. 29Kwathi ngelo xesha, uYarobheham waphuma eYerusalem; wathi uAhiya waseShilo, umprofeti, wamfumana endleleni; wayambethe ke ingubo entsha; baye bobabini bebodwa endle. 30Wesuka uAhiya, wayibamba loo ngubo intsha abenayo, wayiqwenga; yaziziqwenga ezilishumi elinazibini. 31Wathi uAhiya kuYarobheham, Zithabathele iziqwenga zibe lishumi; ngokuba utsho uYehova uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yabona, ndiya kubukrazula ubukumkani esandleni sikaSolomon, ndikunike izizwe zibe lishumi; 32esinye isizwe sibe kuye ngenxa yomkhonzi wam uDavide, nangenxa yeYerusalem, umzi endiwunyulileyo ezizweni zonke zakwaSirayeli. 33Ndibukrazula ngenxa enokuba bendishiyile mna, baqubuda kuAshtoreti, uthixo wamaMowabhi, nakuMilikom, uthixo woonyana baka-Amon; àbahamba ngeendlela zam, ukuba benze okuthe tye ngeendlela zam, ukuba benze okuthe tye emehlweni am, nemimiselo yam, namasiko am, njengoDavide uyise. 34Andiyi kubuthabatha bonke ubukumkani esandleni sakhe; ndomenza abe sisikhulu yonke imihla yobomi bakhe, ngenxa kaDavide umkhonzi wam endamnyulayo, owayigcinayo imithetho yam nemimiselo yam. 35Ndobuthabatha ubukumkani esandleni sonyana wakhe, ndinike wena izizwe ezilishumi ke; 36unyana wakhe ndimnike isizwe esinye, ukuze kubekho isibane kuDavide, umkhonzi wam, yonke imihla phambi kwam eYerusalem, umzi endiwunyulileyo ukuba ndibeke khona igama lam. 37Ndokuthabatha, ube ngukumkani kuko konke othe wakunqwenela umphefumlo wakho, ube ngukumkani kumaSirayeli. 38Kothi, ukuba uthe wakuphulaphula konke endikuwisela umthetho ngako, wahamba ngeendlela zam, wenza okuthe tye emehlweni am, ukuba ugcine imimiselo yam nemithetho yam, njengoko wenza ngako uDavide umkhonzi wam: ndibe nawe, ndikwakhele indlu esimakade, njengoko ndamakhelayo uDavide, ndikunike amaSirayeli; 39ndiyibandezele imbewu kaDavide ngenxa yoku; kodwa kungàde kube ngonaphakade.
40USolomon wafuna ukumbulala uYarobheham; wesuka uYarobheham wabalekela eYiputa kuShishaki, ukumkani weYiputa. Waba seYiputa wada wafa uSolomon.
Ukufa kukaSolomon
41Ezinye izinto zikaSolomon, nako konke awakwenzayo, nobulumko bakhe, azibhalwanga na encwadini yemicimbi kaSolomon? 42Ke imihla abengukumkani ngayo uSolomon eYerusalem kumaSirayeli onke, yaba yiminyaka emashumi mané. 43USolomon walala kooyise, wangcwatyelwa emzini kaDavide uyise; uRehabheham, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

Currently Selected:

OOKUMKANI I 11: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in