IZIKRONIKE I 18
18
Iimfazwe zikaDavide namagosa akhe
1Kwathi emveni kokuba njalo, uDavide wawaxabela amaFilisti, waweyisa; wayithabatha iGati namagxamesi ayo esandleni samaFilisti. 2Wawaxabela amaMowabhi; amaMowabhi aba ngabakhonzi kuDavide, azisa iminikelo. 3UDavide wamxabela uHadarezere, ukumkani weTsobha, eHamati, ekuyeni kwakhe ukuwamisa amandla akhe emlanjeni ongumEfrati. 4UDavide wazithimbela iwaka leenqwelo zokulwa, namawaka asixhenxe abamahashe, namashumi omabini amawaka angumqikela. UDavide wawanqumla imisipha onke amahashe eenqwelo zokulwa, washiya kuwo aweenqwelo alikhulu. 5Ke ama-Aram• aseDamasko eza kunceda uHadarezere ukumkani weTsobha. UDavide wabulala kuma-Aram amashumi amabini anamabini amawaka amadoda. 6UDavide wamisa ikampu kwa-Aramdamasko. Ama-Aram aba ngabakhonzi kuDavide, azisa iminikelo. UYehova wamsindisa uDavide ezindaweni zonke awahamba kuzo.
7Wawathabatha uDavide amakhaka egolide abekubakhonzi bakaHadarezere, wawazisa eYerusalem; 8naseTibhati naseKun, imizi kaHadarezere, uDavide wathabatha ubhedu oluninzi kunene, olo uSolomon wenza ngalo ulwandle lobhedu, neentsika, nempahla yobhedu.
9Weva ke uTohu ukumkani waseHamati, ukuba uDavide uyixabele yonke impi kaHadarezere ukumkani waseTsobha, wathuma uHadoram, 10unyana wakhe, kukumkani uDavide, ukuba ambuze ukuphila kwakhe, amsikelele, ngenxa yokuba ebelwile noHadarezere, wameyisa (ngokuba uTohu wayengumfo obesilwa noHadarezere). Waye uHadoram lowo ephethe neempahla zonke zegolide, nezesilivere, nezobhedu. 11Ukumkani uDavide wazingcwalisela kuYehova kananjalo ezo, kunye nesilivere negolide abeyithabathile ezintlangeni zonke, kumaEdom, nakumaMowabhi, nakoonyana baka-Amon, nakumaFilisti, nakuma-Amaleki.
12UAbhishayi unyana kaTseruya wawabulala amaEdom angamawaka alishumi linesibhozo eSihlanjeni seTyuwa. 13Wamisa ikampu kwelamaEdom; aba ngabakhonzi kuDavide onke amaEdom. UYehova wamsindisa uDavide ezindaweni zonke awahamba kuzo.
14Waye engukumkani ke uDavide kumaSirayeli onke; waye uDavide esenza okusesikweni nobulungisa ebantwini bakhe bonke. 15Ke uYowabhi unyana kaTseruya wayephethe umkhosi; noYehoshafati unyana ka-Ahiludi wayengumkhumbuzi wezinto zakomkhulu. 16UTsadoki unyana ka-Ahitubhi, noAbhimeleki unyana ka-Abhiyatare, babengababingeleli; uShavesha wayengumbhali. 17UBhenaya unyana kaYoyada ubephethe abancinithi nezigidimi. Oonyana bakaDavide babeyingalo yokunene kukumkani.
Currently Selected:
IZIKRONIKE I 18: XHO75
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.