IZIKRONIKE I 12
12
Abancedisi bakaDavide
1Nâbá, abeza kuDavide eTsikelage, esavingcelekile ngenxa kaSawule unyana kaKishe; bona bekumagorha, bencedisa emfazweni, 2bexhobe izaphetha, besawula ngamatye ngesokunene nangesokhohlo isandla, betola ngeentolo, bengabakubazalwana bakaSawule, bengabakumaBhenjamin.
3Intloko ibinguAhiyezere noYowashe, oonyana bakaShemaha waseGibheha; noYeziyeli noPelete, oonyana baka-Azemavete; noBheraka, noYehu waseAnatoti; 4noIshmaya waseGibheyon, igorha kula mashumi mathathu, elaliphethe amashumi amathathu; noYeremiya, noYahaziyeli, noYohanan, noYozabhadi waseGedere; 5uEluzayi, noYerimoti, noBhehaliya, noShemariya, noShefatiya umHarufi; 6uElikana, noYeshiya, noAzarele, noYohezere, noYashobheham, amaKora; 7noYohela noZebhadiya oonyana bakaYeroham waseGedore.
8KumaGadi awazahlulela ukuya kuDavide emboniselweni, asinga entlango, ngamadoda anobukroti, amadoda omkhosi okulwa, exhobe ikhaka nomkhonto; ubuso bawo bunjengobengonyama, enjengamabhadi asezintabeni ukukhawuleza kwawo. 9NguEzere owokuqala; nguObhadiya owesibini; nguEliyabhi owesithathu; 10nguMishemana owesiné; nguYeremiya owesihlanu; 11nguAtayi owesithandathu; nguEliyeli owesixhenxe; 12nguYohanan owesibhozo; nguElizabhadi owesithoba; 13nguYeremiya oweshumi; nguMakebhanayi oweshumi elinanye. 14Abo, koonyana bakaGadi, ibiziintloko zomkhosi. Emnye kubo engomncinane ubelilingene ikhulu; omkhulu kubo ubelilingene iwaka. 15Ngabo abo bayiwelayo iYordan ngenyanga yokuqala, izele, ihamba phezu kweendonga zayo; bagxotha bonke abasezintilini empumalanga nasentshonalanga.
16Kwaya aboonyana bakaBhenjamin bakaYuda emboniselweni kuDavide. 17Waphuma uDavide, waya kubakhawulela, wathi kubo, Ukuba niza kum ninoxolo, ukuba nindincede, intliziyo yam yoba nye neyenu; ke ukuba nize kundikhohlisa, nindinikele kubabandezeli bam, kungekho lugonyamelo esandleni sam, wóbona uThixo woobawo bethu, ohlwaye. 18Umoya wamthi gqubuthu uAmasayi, intloko yabaphathi-mikhosi, wathi, Singabakho, Davide; singakuwe, nyana kaYese. Uxolo, uxolo lube kuwe, uxolo lube kubancedi bakho; ngokuba úya kuncéda uThixo wakho. Wabamkela ke uDavide, wabamisa baziintloko zamaqela.
19KumaManase kwabakho abaphambela kuDavide, ekuyeni kwakhe namaFilisti ukuba kuliwe noSawule, baza àbawanceda; ngokuba zacebisana zamndulula izikhulu zamaFilisti, zisithi, Wóphambela kuSawule inkosi yakhe, senzakale ke. 20Ekuyeni kwakhe eTsikelage, wathelelwa ngabakwaManase, uAdena, noYozabhadi, noYedihayeli, noMikayeli, noYozabhadi, noElihu, noTsiletayi, iintloko zamawaka akwaManase. 21Bona bancedisana noDavide kuloo matutu; ngokuba babengamagorha anobukroti bonke, babengabathetheli emkhosini. 22Ngokuba ngelo xesha babesiya iimini ngeemini kuDavide ukumnceda, yada yangumkhosi omkhulu, njengomkhosi kaThixo.
23Ngawo la amanani eentloko ezaxhobela imfazwe, zeza kuDavide eHebron, ukuba buguqulelwe kuye ubukumkani bukaSawule, ngokomlomo kaYehova. 24Oonyana bakaYuda ababephethe amakhaka nezikhali ngamawaka amathandathu anamakhulu asibhozo, exhobele imfazwe. 25Koonyana bakaSimon, amagorha angamakroti emfazweni ngamawaka asixhenxe anekhulu. 26Koonyana bakaLevi ngamawaka amané, anamakhulu mathandathu. 27Ke uYehoyada waye eyingànga yama-Aron; wayenamawaka amathathu anamakhulu asixhenxe. 28UTsadoki, indodana eligorha elinobukroti, nendlu kayise, ngabathetheli abamashumi mabini anababini. 29Koonyana bakaBhenjamin, abazalwana bakaSawule, ngamawaka amathathu; kwada kwaba ngoku uninzi Iwabo lugcina isigxina sendlu kaSawule. 30Koonyana bakaEfrayim ngamawaka amashumi mabini, anamakhulu asibhozo amagorha anobukroti, amadoda anegama ezindlwini zooyise. 31Kwisiqingatha sesizwe sakwaManase lishumi elinesibhozo lamawaka, ababalulwa ngamagama, ukuba baye kumenza ukumkani uDavide. 32Koonyana bakaIsakare, abawaziyo abawaqondayo amaxesha, ukwazela ange ekwenza amaSirayeli, babengamakhulu amabini, iintloko zabo. Bonke abazalwana babo benza ngokomlomo wabo. 33KwaZebhulon, abaphuma umkhosi, abaxhobela ukulwa, beneentonga zonke zemfazwe, ngamashumi omahlanu amawaka, behlohla uluhlu, bengenazintliziyo zimbaxa. 34KwaNafetali, yaba ngabathetheli abaliwaka, benamashumi amathathu anesixhenxe amawaka, aphethe amakhaka neentshuntshe. 35KwaDan, abaxhobele imfazwe yangamashumi amabini anesibhozo amawaka, anamakhulu mathandathu. 36Kwa-Ashere, abaphuma umkhosi, bexhobele ukulwa, yangamashumi omané amawaka. 37Phesheya kweYordan, kwaRubhen nakwaGadi, nakwisiqingatha sesizwe sakwaManase, beneentonga zonke zomkhosi wokulwa, yalikhulu elinamanci mabini amawaka.
38Onke loo madoda okulwa ahlohla uluhlu, aya enentliziyo ephelelisekileyo eHebron, ukuba amenze ukumkani uDavide kumaSirayeli onke. Kananjalo namanye amaSirayeli onke ayenantliziyo-nye yokumenza ukumkani uDavide. 39AyenoDavide apho iintsuku ezintathu, esidla esela; ngokuba abazalwana bawo baye bewalungiselele. 40Kananjalo abakufuphi nabo, kwada kwesa kwaIsakare, nakwaZebhulon, nakwaNafetali, bazisa izonka ngamaesile, nangeenkamela, nangoondlebende, nangamaqegu, ukudla okungumgubo, nezicumba zamakhiwane nezeerasintyisi, newayini, neoli, neenkomo, nempahla emfutshane, into eninzi; ngokuba bekuvuywa kwaSirayeli.
Currently Selected:
IZIKRONIKE I 12: XHO75
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.